IINDUMISO 121

121
UNdikhoyo umalusi wethu
Iculo labahambi.
1Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;
yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
2Umncedi wam *nguNdikhoyo,
yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.
3Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;
kaloku akozeli, walusa mna.
4Khangela, umalusi kaSirayeli akozeli,
engalali nokulala oku.
5Kaloku nguNdikhoyo okwalusayo –
nguye okwenzela umthunzi.
6Emini ilanga aliyi kukugqatsa;
kanti ke nenyanga ebusuku ayinakukwenza nto.
7NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;
ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
8Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,
xa uhambayo naxa ubuyayo,
kuqalela ngoku kude kube nini-nini.

ទើបបានជ្រើសរើសហើយ៖

IINDUMISO 121: XHO96

គំនូស​ចំណាំ

ចម្លង

ប្រៀបធៀប

ចែក​រំលែក

None

ចង់ឱ្យគំនូសពណ៌ដែលបានរក្សាទុករបស់អ្នក មាននៅលើគ្រប់ឧបករណ៍ទាំងអស់មែនទេ? ចុះឈ្មោះប្រើ ឬចុះឈ្មោះចូល