EYEZIQALO 2

2
1Aba ke ngoko agqityiwe ukudalwa amazulu nehlabathi liphela. 2Ngomhla wesixhenxe uThixo wayeselekugqibile konke awayekwenza, waza ke waphumla. 3Wawuthamsanqelisa umhla wesixhenxe, wawumisa wangumhla okhethekileyo, kuba ngaloo mhla wayeselegqibile ukudala.
Umyezo waseIdeni
4Nanga amagqabantshintshi ngokudalwa kwezulu nehlabathi: Ekudalweni kwezulu nehlabathi nguThixo *uNdikhoyo 5kwakungekho zityalo emhlabeni. Kwakungekho nambewu intshulayo, kuba kaloku wayengekayinisi emhlabeni imvula uNdikhoyo; kwakungekho namntu wakuwulima umhlaba lowo. 6Kwagqabhuka amanzi emhlabeni, awunyakamisa umhlaba.
7UNdikhoyo uThixo wacaphula umhlaba emhlabeni, wabumba umntu ngawo. Waphefumlela umoya obubomi emathatheni akhe, yaba ngumntu ophilayo lowo.
8Emva koko uNdikhoyo uThixo wenza umyezo eIdeni empumalanga, wambeka apho loo mntu wayemenzile. 9Wahlumisa iindidi zemithi emihle eneziqhamo ezinomtsalane apho eIdeni. Phakathi esidikidikini somyezo kwakukho umthi onika ubomi, nomthi wokucalula okubi nokuhle.
10Kwakukho umlambo owawuphuma apho eIdeni, unyakamisa umyezo lowo. Wawusahlukana ube yimilambo emine wakuyishiya i-Ideni. 11Owokuqala umlambo, okuthiwa yiPishoni, ngulo ujikeleze ilizwe lakwaHavila. 12Kulapho kufunyanwa khona igolide, kunye namakha avumba limnandi, kwakunye namatye exabiso. 13Owesibini umlambo yiGihoni; wona ujikeleze ilizwe lakwaKushe. 14Owesithathu umlambo yiTigre; wona ucanda ngasempumalanga yeAsiriya. Owesine yiEfrati.
15Umntu wabekwa nguNdikhoyo uThixo emyezweni waseIdeni ukuze awulime, awulondoloze. 16UThixo wathi kuye: “Ungatya nakuwuphi na umthi osemyezweni; 17kodwa uze ungatyi kumthi wokucalula okubi nokuhle. Mhla watya kuwo ngenene uya kufa.”
18Uthe ke uNdikhoyo uThixo emva koko: “Akukuhle ukuba le ndoda ihlale ililolo. Kuhle ndiyenzele umlingane onokuncedisana nayo.”
19UNdikhoyo uThixo wayethathe umhlaba wabumba zonke iinyamakazi neentaka, wazisa kuloo ndoda ukuba izithiye amagama. Zawafumana njalo ke amagama azo ezo zinto. 20Yazithiya amagama zonke iintaka neenyamakazi loo ndoda, kodwa akubangakho nanye kuzo eyafanela ukuba ngumlingane wayo.
21Usuke uNdikhoyo uThixo wayihlisela obunzulu bona ubuthongo obu indoda leyo. Ithe isalele njalo wakhupha ubambo kuyo, wabuya wayivala loo ndawo. 22UNdikhoyo uThixo udale umfazi ngolo bambo waluthathayo endodeni, wamsa kuyo. 23Ithe ke indoda:
“Nanku ke oyena-yena!
Lithambo lamathambo am,
nenyama yeenyama zam.
Kuya kuthiwa ngumfazi,
kuba uthathwe kumfo.”
24Yiyo ke loo nto indoda imshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, baze babe mntu mnye.
25Loo ndoda nomkayo babehamba ze, bengenazintloni.

ទើបបានជ្រើសរើសហើយ៖

EYEZIQALO 2: XHO96

គំនូស​ចំណាំ

ចែក​រំលែក

ចម្លង

None

ចង់ឱ្យគំនូសពណ៌ដែលបានរក្សាទុករបស់អ្នក មាននៅលើគ្រប់ឧបករណ៍ទាំងអស់មែនទេ? ចុះឈ្មោះប្រើ ឬចុះឈ្មោះចូល

YouVersion ប្រើប្រាស់សំណល់ទិន្នន័យ (cookies) ដើម្បីកំណត់បទពិសោធន៍តម្រូវសម្រាប់អ្នក។ ដោយការប្រើប្រាស់គេហទំព័ររបស់យើងខ្ញុំ នោះអ្នកយល់ព្រមលើការប្រើប្រាស់សំណល់ទិន្នន័យរបស់យើងខ្ញុំ ដូចបានពណ៌នានៅក្នុង គោលការណ៍ច្បាប់ឯកជន របស់យើងខ្ញុំ