EYEZIQALO 1

1
Imbali yokudalwa kwezinto
1Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba. 2Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi. 3Wathi uThixo makubekho ukukhanya. Kwabakho ukukhanya. 4Wakholwa ke uThixo koko kukhanya, waza wakwahlula ukukhanya nobumnyama. 5Wathi ukukhanya yimini; wathi ubumnyama bona bubusuku. Kwahlwa, kwasa; yangumhla wokuqala ke lowo.
6Wabuya uThixo wathi makubekho amajukujuku, awahlule kubini amanzi. 7Abakho ke amajukujuku. Wawenza ke uThixo amajukujuku, wawahlula amanzi angaphantsi kwawo kumanzi angaphezu kwawo. 8Wathi uThixo amajukujuku lawo sisibhakabhaka. Kwahlwa, kwabuya kwasa; yaba ngumhla wesibini ke lowo.
9Wandula uThixo ukuthi amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka makaqokeleleke ndawonye, kuze kuvele indawo engenamanzi. Kwaba njalo ke. 10Wathi uThixo loo ndawo ingenamanzi ngumhlaba, waza wathi loo manzi andawonye wona lulwandle. Wakholwa ke yiloo nto uThixo. 11Ubuye wathi umhlaba mawuvelise zonke iintlobo zezityalo, ezo zithwala iinkozo kwanezithwala iziqhamo, zonke ngokweendidi zazo. Kwaba njalo ke. 12Umhlaba ke wavelisa zonke iindidi zezityalo, ezo zithwala iinkozo kwanezo zithwala iziqhamo ngokweendidi zazo. UThixo ke wakholwa yiloo nto. 13Kwahlwa ke, kwaza kwasa. Lowo ke yaba ngumhla wesithathu.
14Kwakhona uThixo wathi: “Makuvele izikhanyiso esibhakabhakeni, zahlukanise imini nobusuku, zibe yimiqondiso yamathuba, imihla, neminyaka.” 15Wathi: “Mazivele esibhakabhakeni, zikhanyise elizweni.” Kwaba njalo ke. 16UThixo wênza izikhanyiso ezibini ezikhulu: esikhulu sibe sesasemini, esincinane sibe sesasebusuku. Wênza neenkwenkwezi. 17UThixo wazibeka esibhakabhakeni ezo zikhanyiso, ukuze zikhanyise elizweni, 18zongamele imini kunye nobusuku, nokuze zahlule ukukhanya nobumnyama. Wakholwa uThixo nazizo. 19Kwahlwa, kwasa, yaba ngumhla wesine.
20UThixo wathi: “Makubekho inyambalala yeendidi zezinto ezinobomi emanzini, kubekho neentaka eziphaphazelayo esibhakabhakeni.” 21Wabadala ke uThixo oominenga nezinye iintlobo-ntlobo zezilo zamanzi, neentlobo zonke zeentaka. Wakholwa ke uThixo zizo. 22Wazithamsanqelisa zonke, wathi: “Mazande izilo zamanzi, zinyakazele elwandle. Neentaka nazo mazande emhlabeni.” 23Kwahlwa, kwasa, yaba ngumhla wesihlanu lowo.
24Kwakhona uThixo uthe umhlaba mawuvelise iintlobo zonke zezinto ezinobomi: oozinkomo, izinto ezirhubuluzayo nezinambuzane, nazo zonke iindidi zamarhamncwa. Kwaba njalo ke. 25Wazenza zonke ke uThixo izilo ngokweendidi zazo, noozinkomo ngokweendidi zazo, nezilwanyane ezirhubuluzayo nezinambuzane ngokweendidi zazo. Waza ke uThixo wakholwa zezo zinto.
26Waza ke uThixo wathi: “Masenze umntu abe ngumfuziselo wethu, afane nathi. Makabe negunya, alawule iintlanzi elwandle, iintaka ezibhabha esibhakabhakeni, iinkomo, nazo zonke izilo nezinambuzane elizweni.” 27Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo. 28Wabathamsanqelisa uThixo wathi: “Yandani, inzala yenu ilizalise ilizwe, nilongamele. Ndininika igunya phezu kweentlanzi, iintaka, nazo zonke izilo elizweni. 29Ndininika zonke izityalo ezithwala iinkozo elizweni, kunye nemithi ethwala iziqhamo. Zoba kukutya kwenu ezo zinto. 30Ke zona iintaka nezilo zonke ziya kutya uhlaza.” Kwaba njalo ke. 31UThixo wakholwa kakhulu yiyo yonke indalo yakhe. Kwahlwa, kwasa; yaba ngumhla wesithandathu ke lowo.

ទើបបានជ្រើសរើសហើយ៖

EYEZIQALO 1: XHO96

គំនូស​ចំណាំ

ចែក​រំលែក

ចម្លង

None

ចង់ឱ្យគំនូសពណ៌ដែលបានរក្សាទុករបស់អ្នក មាននៅលើគ្រប់ឧបករណ៍ទាំងអស់មែនទេ? ចុះឈ្មោះប្រើ ឬចុះឈ្មោះចូល

YouVersion ប្រើប្រាស់សំណល់ទិន្នន័យ (cookies) ដើម្បីកំណត់បទពិសោធន៍តម្រូវសម្រាប់អ្នក។ ដោយការប្រើប្រាស់គេហទំព័ររបស់យើងខ្ញុំ នោះអ្នកយល់ព្រមលើការប្រើប្រាស់សំណល់ទិន្នន័យរបស់យើងខ្ញុំ ដូចបានពណ៌នានៅក្នុង គោលការណ៍ច្បាប់ឯកជន របស់យើងខ្ញុំ