IINDUMISO 129
129
Ukucela ukuhlangulwa
Iculo labahambi.
1USirayeli makabalise athi:
“Iintshaba zandihlasela kwandiseyimveku.
2Ewe, zanditshutshisa kwandiselula,
kodwa zange zindongamele.
3Zandixobula umqolo, ndangathi bendilinywa.
4Kambe ke yena *uNdikhoyo ulilungisa;
undikhulule kwiimbophelelo zabakhohlakeleyo.”
5Bonke abayithiyileyo iZiyon mababuye bephoxekile.
6Mabafane nengca entshula phezu kwendlu,
yona idodobalayo ingakhuli.
7Ayide isikwe nokusikwa;
futhi ayiqokelelwa ibe zizipha.
8Nabadlulayo abatsho nokutsho ukuthi:
“UNdikhoyo makanithamsanqele;
thina siyanithamsanqelisa egameni likaNdikhoyo!”
ទើបបានជ្រើសរើសហើយ៖
IINDUMISO 129: XHO96
គំនូសចំណាំ
ចម្លង
ប្រៀបធៀប
ចែករំលែក
ចង់ឱ្យគំនូសពណ៌ដែលបានរក្សាទុករបស់អ្នក មាននៅលើគ្រប់ឧបករណ៍ទាំងអស់មែនទេ? ចុះឈ្មោះប្រើ ឬចុះឈ្មោះចូល
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.