UMATEWU 22:37-39
UMATEWU 22:37-39 XHO96
Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’ Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’