IGENESIS 2

2
1Agqitywa ke amazulu nehlabathi, nawo wonke umkhosi wezo zinto. 2Wawugqiba ke uThixo ngomhla wesixhenxe umsebenzi wakhe awawenzayo; waphumla ngomhla wesixhenxe kuwo wonke umsebenzi wakhe awawenzayo. 3Wawusikelela uThixo umhla wesixhenxe, wawungcwalisa; ngokuba waphumla ngawo kuwo wonke umsebenzi wakhe awawudalayo uThixo, wawenza.
UAdam noEva emyezweni wase-Eden
4Yiyo le ke inzala yamazulu nehlabathi ekudalweni kwezo zinto, mini wenza uYehova uThixo ihlabathi namazulu, 5onke amatyholo asendle engekaveli emhlabeni, nayo yonke imifuno yasendle ingekantshuli; kuba uYehova uThixo ebengekanisi mvula emhlabeni; kwaye kungekho mntu wokuwusebenza umhlaba. 6Kwaye kunyuka inkungu iphuma ehlabathini, yawunyakamisa wonke umhlaba. 7UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo. 8UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden ngasempumalanga; wambeka khona umntu abembumbile. 9UYehova uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi enqwenelekayo ngokukhangeleka, nelungele ukudliwa; nomthi wobomi emyezweni phakathi, nomthi wokwazi okulungileyo nokubi.
10Kwaphuma umlambo e-Eden wokuwunyakamisa umyezo; wahluka apho, waba ziimbaxa eziné. 11Igama lowokuqala yiPishon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe laseHavila, apho ikhona igolide. 12Igolide yelo lizwe intle, ikhona ibhedolaki• nelitye lebherilo.• 13Igama lowesibini umlambo yiGihon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe lakwaKushi. 14Igama lowesithathu umlambo yiHidekele; nguwo lowo uya phambi kwelakwa-Asiriya. Owesiné umlambo ngumEfrati.
15UYehova uThixo wamthabatha umntu, wambeka emyezweni we-Eden, ukuba awusebenze, awugcine. 16UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungáyidla uyidle; 17ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, ùya kufa.
18Wathi uYehova uThixo, Akulungile ukuba umntu abe yedwa; ndiya kumenzela umncedi onguwabo.
19UYehova uThixo wabumba ngomhlaba zonke izinto eziphilileyo zasendle, nazo zonke iintaka zezulu, wazisa kuye uAdam• ukubona ukuba wothini na ukuzibiza, ukuze oko azibize ngako uAdam zonke izinto eziphilileyo, ibe ligama lazo elo. 20Wazithiya amagama uAdam zonke izinto ezizitho ziné, neentaka zasezulwini, nazo zonke izinto eziphilileyo zasendle; ke uAdam akafunyanelwanga mncedi unguwabo.
21UYehova uThixo wawisa ubuthongo obukhulu phezu koAdam, walala. Wathabatha lwalunye ezimbanjeni zakhe, wavingca ngenyama esikhundleni salo. 22UYehova uThixo walwakha ubambo abeluthabathe kuAdam, lwaba ngumfazi; wamzisa kuAdam. 23Wathi uAdam, Eli ke ngoku lithambo lasemathanjeni am, yinyama yasenyameni yam; lo yena ukubizwa kothiwa ngumfazi, ngokuba ethatyathwe endodeni. 24Ngenxa yoko indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke. 25Baye bobabini behamba zé, umntu lowo nomkakhe, bengenazintloni.

ទើបបានជ្រើសរើសហើយ៖

IGENESIS 2: XHO75

គំនូស​ចំណាំ

ចែក​រំលែក

ចម្លង

None

ចង់ឱ្យគំនូសពណ៌ដែលបានរក្សាទុករបស់អ្នក មាននៅលើគ្រប់ឧបករណ៍ទាំងអស់មែនទេ? ចុះឈ្មោះប្រើ ឬចុះឈ្មោះចូល

YouVersion ប្រើប្រាស់សំណល់ទិន្នន័យ (cookies) ដើម្បីកំណត់បទពិសោធន៍តម្រូវសម្រាប់អ្នក។ ដោយការប្រើប្រាស់គេហទំព័ររបស់យើងខ្ញុំ នោះអ្នកយល់ព្រមលើការប្រើប្រាស់សំណល់ទិន្នន័យរបស់យើងខ្ញុំ ដូចបានពណ៌នានៅក្នុង គោលការណ៍ច្បាប់ឯកជន របស់យើងខ្ញុំ