1
UDANIYELI 6:10
IBHAYIBHILE
XHO96
Nakuba ke uDaniyeli wayeve ukuba lo mthetho ubhaliwe wapapashwa, usuke wagoduka, wafika wangena kwigumbi lendlu yakhe eliphezulu elalineefestile ezikhangele eJerusalem, waza ke waguqa ngamadolo wathandaza ebulela kuThixo wakhe kathathu ngemini njengoko wayeqhele ukwenjenjalo.
ប្រៀបធៀប
រុករក UDANIYELI 6:10
2
UDANIYELI 6:22
UThixo wam uthumele isithunywa sakhe, sayivala imilomo yeengonyama, azandenzakalisa. Ewe, azindenzakalisanga kuba ndifumaniseke ndimsulwa phambi kwakhe, kwanjengokuba ndingazange ndakona nganto nawe, mhlekazi!”
រុករក UDANIYELI 6:22
3
UDANIYELI 6:26-27
Ndigunyazisa kulo lonke kulo mbuso wam ukuba wonke umntu makamoyike amhlonele amthobele uThixo kaDaniyeli. “Kuba yena nguThixo ophilayo, uThixo okhoyo ngonaphakade. Umbuso wakhe soze utshatyalaliswe; ulawulo lwakhe alunasiphelo. Yena kaloku uyahlangula, yaye esindisa. Ungumenzi wemiqondiso kwanemimangaliso emazulwini kanti nalapha emhlabeni. Nguye lo umhlanguleyo uDaniyeli, wamsindisa emandleni eengonyama.”
រុករក UDANIYELI 6:26-27
4
UDANIYELI 6:16
Ngoko ke ukumkani wayalela ukuba alandwe uDaniyeli; waza ke waphoswa apho kuloo mngxuma weengonyama. Wathetha naye ke wathi: “Akwaba angakuhlangula uThixo wakho omnqula ngentembeko maxa onke.”
រុករក UDANIYELI 6:16
គេហ៍
ព្រះគម្ពីរ
គម្រោងអាន
វីដេអូ