UDANIYELI 6:26-27
UDANIYELI 6:26-27 XHO96
Ndigunyazisa kulo lonke kulo mbuso wam ukuba wonke umntu makamoyike amhlonele amthobele uThixo kaDaniyeli. “Kuba yena nguThixo ophilayo, uThixo okhoyo ngonaphakade. Umbuso wakhe soze utshatyalaliswe; ulawulo lwakhe alunasiphelo. Yena kaloku uyahlangula, yaye esindisa. Ungumenzi wemiqondiso kwanemimangaliso emazulwini kanti nalapha emhlabeni. Nguye lo umhlanguleyo uDaniyeli, wamsindisa emandleni eengonyama.”

