YouVersion Logo
Search Icon

UMSEBENZI WABATHUNYWA 14

14
UPawulos noBharnabha eIkoniyo
1NaseIkoniyo yaba sesezolo: uPawulos noBharnabha baya *endlwini yesikhungo baza bathetha kangangokuba iqela elikhulu lamaJuda neentlanga lazinikela. 2Kodwa amaJuda angakholwayo azixhokonxa iintlanga, azifaka umoya ombi ngakumakholwa. 3*Abathunywa bahlala apho ixesha elide. Bathetha ngesibindi ngeNkosi, iNkosi ibanika amandla okwenza imiqondiso nemimangaliso, ingqina inyaniso yodaba lwabo ngesisa sayo. 4Inkoliso yabantu edolophini apho yathi qheke kubini: abanye baba ngakumaJuda, abanye baba ngakubathunywa.
5Zaza iintlanga namaJuda ndawonye neenkokheli zazimisela ukubaphatha kakubi abathunywa, zibaxulube ngamatye. 6Bathe bakuyiqonda le nto abathunywa, basaba baya eLikawoni, kwiidolophu zaseListra naseDerbhe nemimandla ejikelezileyo. 7Baza bazishumayela khona iindaba ezimnandi.
UPawulos noBharnabha eListra
8Apho eListra kwakukho indoda eyazalwa isisiqhwala, ingazange yaba nako ukuhamba. 9Yawaphulaphula ngomdla amazwi kaPawulos. UPawulos wayithi ntshoo ngamehlo, waqonda ukuba inokholo olungayiphilisayo, 10wadanduluka wathi: “Suk' ume ngeenyawo.” Indoda leyo yatsiba yema, yahamba-hamba. 11Zithe izihlwele zakuyibona le nto yenziwe nguPawulos, zakhwaza ngesiLikawoni zisithi: “Oothixo beze kuthi befana nabantu!” 12UBharnabha bamthiya bathi *nguZeyus, uPawulos bathi *nguHermes ngenxa yokuba yena wayesisithethi. 13Ke kaloku kwakukho indlu yokunqulela uZeyus ngaphandle nje kwedolophu. Waza umbingeleli kaZeyus weza neenkunzi zeenkomo neentyatyambo esangweni ledolophu. Yena nesihlwele eso babefuna ukwenzela *abathunywa idini.
14Bathe abathunywa ooBharnabha noPawulos bakuyiva le nto iqhubekayo, bazikrazula iimpahla zabo, babaleka baya kuso isihlwele, bekhwaza besithi: 15“Madoda, yintoni le niyenzayo? Nathi singabantu; sifana nani! Size apha ukuze sivakalise iindaba ezimnandi, ukuze niguquke nijike kwezi zinto ziphuthileyo, nize kuThixo, owenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nezinto ezilapho kuzo. 16Mandulo uThixo wabayeka abantu, benza ukuthanda kwabo; 17kodwa wasoloko ezibonakalisa ubukho bakhe ngezinto ezintle azenzayo. Usipha imvula nezilimo ngamaxesha afanelekileyo; usipha nokudla, iintliziyo zethu azizalise ngovuyo.” 18Naxa sebethethe kangako abathunywa, phantse bangabi nako ukusijika isihlwele ekubeni sibenzele idini.
19Kwafika iqela lamaJuda evela eAntiyokwe yasePisidi naseIkoniyo. Ekubeni ezifake umoya ombi izihlwele, ukuba zithathe icala lawo, bamxuluba ngamatye uPawulos, bamrhuqela ngaphandle kwedolophu, beba ufile. 20Kodwa akungqongwa ngamakholwa, wavuka, wabuyela kwasedolophini. Ngengomso wemka kunye noBharnabha, baya eDerbhe.
UPawulos noBharnabha babuyela eAntiyokwe yaseSiriya
21UPawulos noBharnabha bazishumayela iindaba ezimnandi naseDerbhe, bafumana inkitha eyaba ngabalandeli bakaYesu. Baza ke babuyela eListra, baya eIkoniyo ukusuka apho, baya naseAntiyokwe yasePisidi. 22Bawomeleza amakholwa, bewakhuthaza ukuba ahlale ehleli elukholweni enyanisekile, besithi ukufundisa: “Simelwe kukuthwala ubunzima thina singene phantsi kolawulo lukaThixo.” 23Kwibandla ngalinye batyumba abadala, babanikela ngemithandazo nangozilo-kutya eNkosini ababethembele kuyo.
24Emveni kokutyhutyha ummandla wasePisidi, bafika ePamfili. 25Bashumayela udaba ePerga, baza badlulela eAtaliya. 26Basuka apho ngesikhephe babuyela eAntiyokwe yaseSiriya, apho babenikelwe elugcinweni naselubabalweni lukaThixo ukuya kwenza kwabo lo msebenzi bawufezileyo ngoku.
27Bakufika eAntiyokwe, balihlanganisela ndawonye ibandla, babalisa ngezinto uThixo awazenza ngabo, bexela nokuba nabaziintlanga uThixo ubavulele indlela yokukholwa. 28Bahlala ke apho kunye namakholwa ithuba elide.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy