YouVersion Logo
Search Icon

UMSEBENZI WABATHUNYWA 15

15
Intlanganiso yaseJerusalem
1Amadoda athile asuka eJerusalem, aya eAntiyokwe afundisa amakholwa esithi akanako ukusindiswa ngaphandle kokuba olùswe *ngokomthetho kaMosis. 2UPawulos noBharnabha baba nengxoxo eshushu nabo ngalo mbandela, kwaza kwagqitywa ukuba uPawulos noBharnabha kunye nabanye baseAntiyokwe baye eJerusalem, bayokuva le ngxaki *kubathunywa nakubadala.
3Ke kaloku lakuba libandulule ibandla, bacanda kwelaseFenike nelaseSamariya, behamba bebalisa ngokuguquka kweentlanga; iindaba ke ezo ezawavuyisa kakhulu amakholwa. 4Befikile ke eJerusalem, bamkelwa libandla, abathunywa, nabadala, baza ke benza ingxelo kubo ngendlela awayebasebenzise ngayo uThixo. 5Kodwa amakholwa athile awayekade engaweqela *labaFarasi, athi wona amakholwa aphuma ezintlangeni makoluswe awuthobele umthetho kaMosis.
6Abathunywa nabadala benza intlanganiso, baphicotha lo mbandela. 7Emva kwengxoxo ende, waphakama uPetros, wathi: “Mawethu, niyazi ukuba kwixesha elidlulileyo uThixo wandonyula phakathi kwenu ukuba iintlanga zizive ngam iindaba ezimnandi, zize ziguquke. 8UThixo ozaziyo iintliziyo zabantu, wabonakalisa ukuzamkela iintlanga ngokuzinika uMoya oyiNgcwele njengoko wasinikayo nathi. 9Akabonakalisanga mahluko phakathi kwazo nathi; nazo wazihlambulula iintliziyo zakuba zizinikele kuye. 10Ngoku ke nimlingela ntoni uThixo ngokuthwalisa amakholwa umthwalo abangazange babe nako ukuwuthwala ookhokho bethu, nathi ngokwethu esingenako ukuwuthwala? 11Hayi bo! Sikholwa kukuba thina sisindiswa ngesisa seNkosi uYesu kwanjengazo.”
12Kwakuthe cwaka ngexesha uBharnabha noPawulos besenza ingxelo ngemimangaliso nemiqondiso ayenzileyo uThixo ngabo phakathi kweentlanga. 13Emva kwentetho yabo kwathetha uYakobi, wathi: “Ndiphulaphuleni, mawethu! 14USimon unichazele indlela uThixo abonakalise ngayo ukuzikhathalela kwakhe iintlanga ngokukhetha phakathi kwazo abantu abangabakhe. 15Amazwi *abashumayeli ayavumelana nesi senzo, kuba zithi *iziBhalo:
16“ ‘Emva koku ndiya kubuya,’ itsho iNkosi,
‘ndiwuvuse umzi kaDavide ongamanxiwa,
ndiwulungise apho wonakele khona,
ume kakuhle.
17Bothi ke bayifune iNkosi bonke abantu,
zonke izizwe endizibizileyo zaba zezam,’
itsho iNkosi, yona ikwenzileyo oku.
18“Kakade ke iyaziwa le nto. 19Ke ngoko mna ndithi masingazixhamli iintlanga eziguqukayo, 20koko masizibhalele incwadi sizixelele ukuba mazingatyi naluphi na uhlobo lokutya okungahlambulukanga ngenxa yokubingelelwa kwizithixo, zizigcine nyulu ekurheletyeni, zingatyi nasiphi na isilo esikrwitshiweyo, nanyama inegazi. 21Sekukudala kakade ufundwa umthetho kaMosis, kushunyayelwa amazwi akhe ngayo yonke *iMihla yokuPhumla *ezindlwini zesikhungo kwiidolophu ngeedolophu.”
Isigqibo sentlanganiso
22*Abathunywa nabadala, kunye nebandla lonke, bafika kwisigqibo sokuba kukhethwe amadoda phakathi kwabo, athunywe eAntiyokwe kunye noPawulos noBharnabha. Banyulwa ke ooJudas ogama limbi linguBharsabha kunye noSilas, ingamadoda awayebekwe kakhulu ngamakholwa. 23Banikwa incwadi ukuba bahambe nayo. Ke yona yayibhalwe ngolu hlobo:
“Thina bathunywa sikunye nabadala siyanibulisa njengamawethu xa ninonke, nina zizwe zaseAntiyokwe eSiriya naseKiliki. 24Sivile ukuba kubekho madoda athile aphuma apha kuthi aza kunixhamla, eniphazamisa ngento esingawathumanga yona, ayithethileyo kuni. 25Sihlangene ke, savumelana sonke ukuba sinyule izigidimi sizithume kuni, zihambe kunye nabahlobo bethu abaziintanda, uBharnabha noPawulos, 26amadoda ancame ubomi bawo ngenxa yokukhonza uKrestu. 27Ke ngoko sinithumela uJudas noSilas abaya kunichazela ngokwabo ezi zinto kanye sizibhalileyo. 28Thina samkele isigqibo soMoya oyiNgcwele sokuba singanithwalisi bunzima bumbi ngaphandle kwale migaqo ibalulekileyo: 29Musani ukuyitya into ebingelelwe kwizithixo, nenyama enegazi, nesilo esikrwitshiweyo; nizigcine nyulu ekurheletyeni. Niya kuba niyakholisa xa nizilumlayo kwezo zinto. Salani kakuhle.”
30Izigidimi ezo zandululwa, zasinga eAntiyokwe, apho zafika zawahlanganisa amakholwa, zawanika incwadi leyo. 31Bathi abantu bakuyifunda incwadi leyo, bavuya kakhulu ziindaba zayo zenkuthazo. 32UJudas noSilas, ababengabashumayeli ngokwabo, bathetha ixesha elide namakholwa, bewakhuthaza, bewomeleza. 33Emva kwexesha belapho bakhululwa ngoxolo ngamakholwa, baza bagoduka. [ 34Kodwa uSilas yena wabona ukuba makasale khona.]
35UPawulos noBharnabha bona bakhe banexesha belapho eAntiyokwe. Bekunye nabanye balifundisa, balishumayela, ilizwi leNkosi.
UPawulos noBharnabha bayahlukana
36Ekuhambeni kwexesha wathi uPawulos kuBharnabha: “Makhe sityelele amakholwa kuzo zonke iidolophu apho sasikhe salishumayela khona ilizwi leNkosi, siqonde ukuba aphila njani na.” 37UBharnabha wafuna ukuba kuhanjwe noYohane Marko, 38kodwa uPawulos yena akathandanga ukuba bahambe naye, kuba ngokuya babehambe naye kuqala wajika esithubeni, wabashiya ePamfili. 39Baxambulisana ke ngale ndawo, bada bagqibela ngokwahlukana. UBharnabha wahamba noMarko, basinga eSipro ngesikhephe. 40Waza yena uPawulos wakhetha ukuhamba noSilas. Ke amakholwa abanikela ezibeleni zikaThixo, bemka. 41UPawulos watyhutyha imimandla yaseSiriya naseKiliki, ewomeleza amabandla.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy