YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASEKORINTE 7

7
Iingxaki ezimalunga nomtshato
1Ngoku ke mandiphendule umbuzo wenu. Kulungile ukuba indoda ingabi nanto yakwenza nomntu obhinqileyo, 2kodwa ukuphepha ukurheletya elowo makabe nowakhe umfazi, aze elowo umfazi abe neyakhe indoda. 3Indoda mayimkholise umfazi wayo; nomfazi makenjenjalo endodeni yakhe. 4Umfazi akanagunya kowakhe umzimba; yindoda enalo. Kwangokunjalo ke nendoda ayinagunya kowayo umzimba; ngumfazi onalo. 5Musani ukwala ukuhlangana, ngaphandle kokuba nivumelene ukungahlangani okomzuzwana, nisenzela ukuba nibe nethuba lokuthandaza. Emva koko ke ze nibuye nihlangane, hleze uSathana anihende ngenxa yokungabi nako kwenu ukuzibamba.
6Xa nditshoyo ke ndiyanicebisa, andiwisi mthetho, 7kuba ndinga bonke abantu bangaba njengam lo. Kodwa ke elowo unesakhe isiphiwo ababalwe ngaso nguThixo. Omnye uba nesipho esithile, wumbi abe nesinye.
8Ke kwabangatshatanga nabahlolokazi ndithi kubalungele ukuba bahlale njengam. 9Kodwa ke, ukuba abanakuzibamba, mabatshate, kuba kulungile ukutshata kunokutshiseka.
10Ke kwabatshatileyo ndinomyalelo, ongenguwo owam, ongoweNkosi. Lo myalelo ke ngowokuba umfazi otshatileyo makangahlukani nendoda yakhe. 11Kambe ke ukuba uthe wahlukana nayo, makahlale angatshati, okanye makaxolelaniswe nendoda yakhe. Indoda ke yona mayingamali umkayo.
12Ngokubhekiselele kwabanye asinamyalelo siwunikwe yiNkosi. Kodwa mna ndithi kubo, ukuba kukho kholwa lithile linomfazi ongelokholwa, aze umfazi lowo athande ukuhlala nalo, malingahlukani naye. 13Nomfazi onendoda engelokholwa, ize yona ithande ukuhlala naye, makangahlukani nayo. 14Kaloku indoda leyo ingelokholwa uThixo unebango kuyo ngenxa yomfazi wayo, nomfazi lowo ungelokholwa uThixo unebango kuye ngenxa yendoda yakhe. Ukuba bekungenjalo abantwana babo ngebenetyheneba, kanti ke abanalo, kuba uThixo unebango kubo. 15Kodwa ke ukuba lowo ungelokholwa uyahlukana nalowo ukholwayo, makayekwe. Xa kunjalo indoda leyo ikholwayo nokuba ngumfazi akabotshelelwanga. Kaloku uThixo wasibizela ukuhlala ngoxolo. 16Kanene wazi ngani na, wena mfazi, ukuba akuyi kuyisindisa indoda yakho? Wena ndoda, wazi ngani na ukuba akuyi kumsindisa umfazi wakho?
Hlala ukwimeko owabizwa nguThixo ukuyo
17Elowo makahlale ekwimeko ayiphiwe yiNkosi, imeko awabizwa nguThixo ekuyo. Nantso ke into endiyifundisayo kuwo onke amabandla. 18Ukuba ubani uthe wabizwa engowalukileyo *ngokomthetho kaMosis, makangazenzi ongalukanga. Ukuba ubani uthe wabizwa engalukanga, makangaluki. 19Ukwaluka oku akunto, nokungaluki oku akunto, eyona nto kukugcina imiyalelo kaThixo. 20Elowo makahlale ekwimeko abizwe ekuyo nguThixo. 21Wâbizwa ulikhoboka na? Mayingakukhathazi le nto, kodwa ukuba unokukhululeka, khululeka. 22Kaloku lowo wabizwa yiNkosi elikhoboka, ngumkhululwa weNkosi. Ngokunjalo nalowo wabizwa yiNkosi engokhululekileyo, likhoboka likaKrestu. 23UThixo wanithenga ngexabiso elikhulu; musani ke ukuba ngamakhoboka abantu. 24Mawethu, elowo makahlale ekuloo meko wabizwa ekuyo.
Iingxaki ezimalunga nabantu abangatshatanga kunye nabahlolokazi
25Ngokubhekiselele ezintombini asinamyalelo sawunikwayo yiNkosi. Kodwa njengamntu owenzelwe inceba yiNkosi ndaza ndathembeka, ndibona ngolu hlobo:
26Ngenxa yeengxaki ezikhoyo kule mihla, ndibona ukuba kulungile ukuba umntu ahlale njengoko anjalo. 27Ukuba unomfazi, musa ukufuna ukwahlukana naye; ukuba awunaye, musa ukuba samfuna umfazi. 28Kodwa ke ukuba uyatshata akonanga; kanti nokuba intombi iyenda, ayonanga. Kodwa ke abatshatileyo baya kuhlala befikelwa ziingxaki, kanti bendingathandi ukuba kube njalo.
29Ndithetha ukuthi ke, mawethu, ixesha liyemka. Ke ngoko abanabafazi mababe njengabangenabo; 30abalilayo mababe njengabangaliliyo; abavuyayo mababe njengabangavuyiyo; abathengayo mababe njengabangenanto; 31abasebenza ngezinto zeli hlabathi, mababe njengabangasebenziyo ngazo. Kaloku eli hlabathi aliyi kuhlala liyiloo nto liyiyo ngoku.
32Ndithanda ukuba ningabi naxhala. Ongazekanga ukhuthalele izinto zeNkosi, kuba ezimisele ukuyikholisa iNkosi. 33Ozekileyo yena ukhuthalele izinto zehlabathi, kuba ezimisele ukukholisa umkakhe, 34abe nengqondo ebetha-bethanayo. Umfazi ongenandoda nentombi bakhuthalele izinto zeNkosi, bezimisele ukuzinikela ngomzimba nangomoya. Owendileyo ke ukhuthalele izinto zehlabathi, kuba ezimisele ukukholisa indoda yakhe.
35Le nto ndiyithetha ngeenjongo zokuba nilungelwe, ndingajonge kunirhintyela. Ndiyithethela ukuze niyikhonze kakuhle iNkosi ningaphazanyiswa.
36Malunga nabathembiseneyo ke, ukuba umfana unexhala lokuba wode ayihlazise intombi, eziva etshiseka, eqonda ukuba kuyimfuneko ukuba batshate, mabatshate ke njengoko afunayo, kuba akukho sono kuloo nto. 37Kambe ke ozimiseleyo entliziyweni yakhe, engòyiswa kukutshiseka, enamandla okuzeyisa, kananjalo esenzile isigqibo entliziyweni yakhe sokuba angàtshati, uyalungisa ukwenjenjalo. 38Ngoko ke otshatayo uyalungisa, kodwa lowo ungatshatiyo ulungisa ngokukodwa.
39Umfazi ubotshiwe ngumthetho ngalo lonke ixesha isaphilayo indoda yakhe; ke ukuba indoda yakhe ibhubhile, ukhululekile; angatshata nendoda ayithandayo, kodwa ibe yekholwe eNkosini. 40Noko ke uya konwaba ngakumbi ukuba uthe wahlala enjengoko anjalo. Kokwam ukubona ke oko, kanti nam ndiba ndinaye uMoya kaThixo.

Currently Selected:

1 KWABASEKORINTE 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy