YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASEKORINTE 8

8
Iingxaki ezimalunga nokutyiwa kwenyama yedini
1Ke ngoku malunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa *izithixo: Kakade sonke “sinolwazi,” njengoko kusitshiwo, kodwa olu “lwazi” lungenza ukuba umntu akhukhumale, kanti uthando lona luyakha. 2Umntu oba unolwazi, okunene akakabi nalo ulwazi olululo. 3Ke umntu omthandayo uThixo, uThixo unobudlelane naye.
4Hee, mandithethe ke ngokumalunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa izithixo. Ewe, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi nokuba mnye kuphela uThixo, akukho wumbi. 5Kambe bakho ekuthiwa bangoothixo nokuba basezulwini okanye basehlabathini. Ewe, baninzi ababizwa ngokuthi “thixo” okanye ngokuthi “nkosi.” Nokuba kunjalo ke, 6kuthi mnye uThixo. Yena nguThixo uYise owadala izinto zonke, esikholo yena thina. Inye kuthi neNkosi. Yona nguYesu Krestu, ezabakho ngaye zonke izinto, esikho ngaye nathi.
7Kodwa oku akwaziwa ngabantu bonke. Abanye nangoku basenesazela ngezithixo. Bona ke, xa batya inyama yedini, bayitya ilidini, sithi ke isazela sabo esibuthathaka sibadle. 8Kodwa asinako ukumkholisa uThixo ngento esiyityayo okanye esingayityiyo. Akukho nto iya kusilungela ngakuba singatyanga, kungekho nto iya kusonakalela ngakuba sityile.
9Nakuba kunjalo ke lumkani, hleze ilungelo lenu lokutya nayiphi na inyama libe sisikhubekiso kwabo bangekakhululeki ezithetheni. 10Kaloku xa athe wakubona umntu ongekakhululeki ezithetheni wena “unolwazi” usitya inyama endlwini yezithixo, akayi kusuka aye kuyitya naye, kodwa yena ayitye ilidini elenzelwe izithixo? 11Ngaloo ndlela ke umwenu ongekakhululeki ncam, owafelwa nguKrestu, wotshabalala ngenxa “yolwazi” lwakho olo. 12Kanti xa nisenjenjalo ukona amawenu ngokuwakhubekisa, nona uKrestu. 13Ngenxa yale nto ke ndithi: Ukuba ukutya kuyamkhubekisa umwethu, andisayi kutya nyama naphakade, ukuze ndingamkhubekisi umwethu.

Currently Selected:

1 KWABASEKORINTE 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in