YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 14

14
Usapho lukaDavide
(2 Sam 5:11-16)
1Ukumkani uHiram waseTire wathumela izigidimi kuDavide, ziphethe izibonda zomsedare, zihamba neengcibi zamatye nabachweli, ukuze bakhele uDavide ibhotwe. 2Ke uDavide waqonda ukuba *uNdikhoyo umzinzisile wangukumkani kwaSirayeli, eqonda nokuba umbuso wakhe uwuphakamise kakhulu ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.
3Apho eJerusalem ke uDavide wathatha abanye abafazi, waza ke wazala abanye oonyana neentombi. 4Nanga amagama abantwana bakhe abazelwe eJerusalem: nguShamuwa, uShobhabhi, uNatan, uSolomon, 5uIbhare, uElishuwa, uElipelete, 6uNoga, uNifege, uYafiya, 7uElishama, uBheliyada, noElifelete.
Ukoyiswa kwamaFilistiya nguDavide
(2 Sam 5:17-25)
8Zakuvakala kumaFilistiya iindaba zokuba uDavide uthanjiswe waba ngukumkani wakwaSirayeli, akhupha umkhosi wawo, emfuna. Uthe akuyiva loo nto uDavide wasuka waya kuwahlangabeza. 9Afika ke amaFilistiya ayihlasela intili yamaRafa, 10waza uDavide wabuzisa kuThixo wathi: “Kufuneka ndiwahlasele na amaFilistiya? Ngaba uza kuwanikela esandleni sam na?”
UNdikhoyo wathi kuye: “Ewe, wahlasele; ndowanikela esandleni sakho amaFilistiya.”
11Waphuma nomkhosi wakhe ke uDavide, waya eBhali-perazim, apho wafika wawoyisa amaFilistiya. Wavakala esithi: “Njengokutyhoboza kwamanzi uThixo wenjenjalo ukuzikhukulisa iintshaba zam ngesandla sam.” Ngoko ke loo ndawo kwathiwa yiBhali-perazim. 12Ke kaloku amaFilistiya abashiya apho *oothixo bawo, waza uDavide wayalela ukuba batshiswe.
13Aphinda ke amaFilistiya ayihlasela loo ntili, 14waza uDavide wabuzisa kuThixo kwakhona, ke yena uThixo wathi kuye: “Sukuya ngqo kuwo, koko warhawule, uze uwahlasele phaya ngakwimithi yebhalsam. 15Uze uthi nje ukuba uve isingqisho phaya kwiincopho zemithi yebhalsam, uphume ungene kuwo, kuba lowo yoba ngumqondiso wokuba uThixo uhamba phambi kwakho, uza kuwuqwakanisa umkhosi wamaFilistiya.” 16UDavide ke wenza ngokomyalelo kaThixo, baza ke bawuvuthulula umkhosi wamaFilistiya, ukusuka eGibhiyon kuye kutsho eGezere.
17Udumo lukaDavide ke lwanabela kuzo zonke izizwe, uNdikhoyo wazitsho zamhlonela.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 14: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy