YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 15

15
Ityesi kaThixo iziswa eJerusalem
(2 Sam 6:12-22)
1Emva kokuba uDavide ezenzele izakhiwo kwisixeko sikaDavide, walungisa indawo yokuhlala ityesi kaThixo, waza wamisa intente ukuze ihlale kuyo. 2UDavide wathi: “Le tyesi kaThixo ayinakuthwalwa mntu wumbi ngaphandle kwabaLevi, kuba ngabo abanyulwayo *nguNdikhoyo ukuze bayithwale balungiselele endlwini yakhe kude kube ngunaphakade.”
3UDavide wawaqokelela onke amaSirayeli, wawahlanganisela eJerusalem ukuze kubuyiswe ityesi kaNdikhoyo, iziswe kuloo ndawo wayeyilungiselele yona. 4Wayiqokelela yonke inzala ka-Aron nabaLevi:
5Abenzala kaKohati: u-Uriyeli inkulu yezizalwana ezilikhulu elinamashumi amabini;
6abenzala kaMerari: uAsaya inkulu yezizalwana ezingamakhulu amabini namashumi amabini;
7abenzala kaGershom: uJoweli inkulu yezizalwana ezilikhulu elinamashumi amathathu;
8abenzala kaElizafan: uShemaya inkulu yezizalwana ezimakhulu mabini;
9abenzala kaHebron: uEliyeli inkulu yezizalwana ezimashumi asibhozo;
10abenzala kaUziyeli: uAminadabhi inkulu yezizalwana ezilikhulu elineshumi elinesibini.
11UDavide wabiza ababingeleli uZadoki noAbhiyatare, nabaLevi u-Uriyeli, uAsayiya, uJoweli, uShemaya, uEliyeli, noAminadabhi. 12Wathetha nabo wathi: “Nini abaziinkulu zendlu kaLevi. Nina ke nabaLevi bonke zihlambululeni, ukuze nibuyise ityesi kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ize endaweni endiyilungiselele yona. 13Kwakungenxa yokuba yayingeziswanga nini baLevi kuqala, ukuze nje uNdikhoyo uThixo wethu asivukele ngomsindo. Sasingazange sibuzise kuye ngendlela efanelekileyo yokuyizisa.” 14Ngoko ke ababingeleli nabaLevi bazihlambulula ukuze babuyise ityesi kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli. 15AbaLevi bayithwala ityesi kaThixo, beyiphethe ngezibonda, beyixwaye emagxeni ngokomyalelo kaMosis awawenza ngokwelizwi likaNdikhoyo.
16UDavide wayalela izikhulu zabaLevi, wathi mazimise abanye kumawabo babe ziimvumi, bamemelele becula iingoma bekhatshwa zizikhalisi: imirhubhe, iihapu, namacangci.
17Ngoko ke abaLevi banyula uHeman unyana kaJoweli, nakubantakwabo uAsafu unyana kaBherekiya, baza kubantakwabo oonyana bakaMerari banyula uEtan unyana kaKushaya, 18kunye nabantakwabo abanezikhundla ezinganeno: uZekariya, uYaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uBhenaya, uMaseya, uMatitiya, uElifele, uMikeneya, uObhedi-edom, noYehiyeli, abagcini-masango.
19Ke zona iimvumi, uHeman, uAsafu, noEtan, babeza kukhalisa amacangci obhedu. 20Aba babeza kukhalisa iihapu ezilizwi liyisoprano: uZakariya, uHaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uMaseya, noBhenaya, 21kunye noMatitiya, uElifele, uMikeneya, uObhedi-edom, uYehiyeli, noAzaziya, bona babeza kudlala iihapu ezilizwi liyibhesi. 22UKenaniya inkulu yabaLevi yayinguye umphathi wekwayala, ingumsebenzi wakhe lowo, kuba kakade wayeyingcali kwelo cala.
23UBherekiya noElikana babengabagcini-masango, besalusa ityesi kaThixo. 24Aba ke babeza kukhalisa amaxilongo phambi kwetyesi kaThixo: uShebhaniya, uYoshafati, uNataniyeli, uAmasayi, uZekariya, uBhenaya, noElizere. UObhedi-edom noYehiya nabo babengabagcini-masango, besalusa ityesi kaThixo.
25Ke kaloku uDavide, namadoda amakhulu akwaSirayeli, kunye neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, benyuka baya kuthatha ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo eyayisendlwini kaObhedi-edom. Babehamba benemincili 26ngenxa yokuba uThixo ebancedile abaLevi ababethwele ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, kwenziwa umbingelelo ngeenkunzi zeenkomo ezisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezisixhenxe. 27Ke uDavide nabaLevi ababethwele ityesi, ngokunjalo neemvumi kunye noKenaniya owayengumphathi-kwayala, bonke babethe wambu iminweba yelinen entle kunene. Kananjalo ke uDavide wayefake *nesidanga esenziwe ngelinen. 28Ngoko ke wonke uSirayeli waya kuyithatha wayibuyisa ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, ehamba ekhwaza ekhalisa nezigodlo zenkunzi yegusha, amaxilongo, amacangci, iihapu, nemirhubhe.
29Ekungeneni kwabo netyesi yomnqophiso kaNdikhoyo esixekweni sikaDavide uMikali intombi kaSawule wayebukele, ekrobe ngefestile. Wathi ke, akubona ukumkani uDavide exhentsa ebhiyoza, yamtsho wamcekisa entliziyweni yakhe loo nto.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 15: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy