YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 13

13
Ityesi yomnqophiso ilandwa eKiriyati-yarim
(2 Sam 6:1-11)
1Ke kaloku uDavide wathetha-thethana namaphakathi akhe onke, lawo aphethe amajoni aliwaka nalawo aphethe alikhulu. 2Kananjalo wabhekisa kwibandla likaSirayeli liphelele, wathi: “Xa nibona kufanelekile, futhi kuyintando *kaNdikhoyo uThixo wethu, masiwagqogqe amawethu kuyo yonke imimandla yakwaSirayeli, singabashiyi ababingeleli nabaLevi abakwalapho kwezo dolophu ngokunjalo nasemaphandleni, bonke mabeze kuzibandakanya nathi. 3Kambe masiyibuyise ityesi kaThixo wethu, kuba kakade asizange sibuzise kuye ngalo lonke ithuba lolawulo lukaSawule.” 4Xa lilonke ibandla lavumelana kwezi mbono, kuba le nto yafumaneka ilungile kumntu wonke.
5Ngoko ke uDavide wahlanganisa uSirayeli wonke jikelele ukusukela kumlambo iShikore kwelaseJiputa kuye kwinkalo yaseHamati, ukuze kulandwe ityesi kaThixo eKiriyati-yarim. 6UDavide namaSirayeli ewonke waya eBhala kwaJuda (eKiriyati-yarim) ukuze ithathwe khona ityesi kaThixo leyo ibizwa ngegama lakhe uNdikhoyo. Ke yena ungqendeve phakathi *kwezithunywa ezimaphiko.
7Bayithatha ke ityesi kaThixo endlwini ka-Abhinadabhi, beyithwele ngenqwelo entsha, ikhokelwa ngu-Uza noAhiyo. 8UDavide namaSirayeli ephela babebhiyoza ngamxhelo mnye phambi koThixo, becula iingoma, bekhalisa iihaphu, iikatala, amagubu, amacangci, namaxilongo.
9Bathi bakufika ngasesandeni sikaKidon, zakhubeka iinkabi, waza u-Uza wayibamba ityesi yomnqophiso eyixhasa. 10Wavutha umsindo kaNdikhoyo ngaku-Uza, waza wambetha wafa, kuba eyichukumise ngesandla ityesi leyo. Ngoko ke wafa ngoko nangoko ebulawa nguThixo.
11Wakhathazeka uDavide, kuba umsindo kaNdikhoyo utyhobozele ku-Uza. Loo ndawo ke kwathiwa yiPereze-uza ukubizwa kwayo unanamhla.
12Wangenwa kukoyika uThixo ngaloo mini uDavide, wathi: “Yaz'ba ndingayithabathela njani na kum ityesi kaThixo?” 13Ngoko ke wayiyeka ityesi leyo, akabi sayibeka kwisixeko sikaDavide. Ndaweni yaloo nto wayibeka endlwini kaObhedi-edom umGati. 14Yahlala apho ke ityesi kaThixo, kuloo mzi kaObhedi-edom, iinyanga zantathu. Ke uNdikhoyo wayithamsanqela indlu kaObhedi-edom nento yonke anayo.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy