YouVersion Logo
Search Icon

IGENESIS 49

49
UYakobi usikelela oonyana bakhe abalishumi elinababini
1Wababiza ke uYakobi oonyana bakhe, wathi,
Zihlanganiseni, ndinixelele okuya kunihlela ngemihla yokugqibela.
2Qukanani, niphulaphule, nyana bakaYakobi,
Niphulaphule uSirayeli uyihlo.
3Rubhen, wena mazibulo am, mandla am, ngqalo yokuqina kwam,
Ncamisa yokuphakama, ncamisa yegunya,
4Uxhaphazelayo njengamanzi, akusayi kuba ncamisa kunje;
Kuba wenyukayo waya esililini sikayihlo,
Wangcolisa oko, wenyuka waya emandlalweni wam.
5USimon noLevi ngabazalwana;
Ziintonga zokugonyamela izikhali zabo.
6Egquguleni labo úze ungangeni umphefumlo wam,
Nesikhungu sabo lungazibandakanyi uzuko lwam;
Kuba ngomsindo wabo babulala amadoda,
Ngokuzithandela kwabo bazinqumla imisipha iinkomo.
7Uqalekisiwe umsindo wabo, ngokuba unobungcwangu:
Ukuphuphuma kwabo umsindo, ngokuba unzima.
Ndiya kubachithachitha kwaYakobi,
Ndibaphangalalise kwaSirayeli.
8Yuda, abazalwana bakho baya kukudumisa,
Isandla sakho sibe sentanyeni yeentshaba zakho;
Baya kuqubuda kuwe oonyana bakayihlo.
9Lithole lengonyama uYuda;
Ùsuké ekuqwengeni, nyana wam,
Waguqa, wabuthuma njengengonyama,
Njengengonyamakazi; ngubani na oya kumvusa?
10Intonga ayayi kumka kuYuda,
Intonga yommisi-mthetho ayayi kumka phakathi kweenyawo zakhe,
Ade afike uShilo,
Zimlulamele izizwe.
11NguKhuleka emdiliyeni imazi yakhe ye-esile,
UKhuleka kowohlobo inkonyana yakhe ye-esile;
UHlamba ngewayini isambatho sakhe,
Ngegazi lediliya ingubo yakhe;
12UMehlo abomvu yiwayini,
UMazinyo amhlophe ngamasi.
13UZebhulon uya kuma ngasezibukweni lolwandle,
14Ewe, ngasezibukweni leenqanawa,
Icala lakhe lisingise eTsidon.
UIsakare yinyathi ye-esile,
Ulala phakathi kweentlanti.
15Wakúbona ukuphumla ukuba kulungile,
Nelizwe ukuba limnandi;
Igxalaba lakhe walithobela ukuthwala,
Waba ngumsébenzi ofakwa uviko.
16UDan uya kugweba phakathi kwabantu bakowabo,
Njengezinye izizwe zakwaSirayeli.
17UDan makabe yinyoka ngasendleleni,
Irhamba ngasemendweni,
Eliluma izithende zehashe,
Awe ngomva olikhweleyo.
18Usindiso lwakho, Yehova, ndiluthembile.
19UGadi ungenelwa ngamatutu,
Ke yena uwangenela ezithendeni
20KuAshere kuphuma amafutha, isonka sakhe eso;
Yena unika izinto eziyolisa ookumkani.
21UNafetali yimazi yexhama ekhululweyo,
Ukhupha amazwi amahle.
22NguGatya lomthi oqhamayo uYosefu,
UGatya lomthi oqhamayo ngasemthonjeni,
Omasebe aqabele eludongeni.
23UBamcubunga bamtola,
Bamchasa abatoli;
24USihlala sithe nkqi isaphetha sakhe,
UMikhono yezandla zakhe inokusityeda,
Ngezandla zembalasane kaYakobi,
Khona apho akhoyo umalusi, ilitye likaSirayeli;
25NgoThixo wooyihlo — akuncede,
NgoSomandla — akusikelele,
Ibe ziintsikelelo zamazulu ezivela phezulu,
Iintsikelelo zamanzi enzonzobila alele ezantsi,
Iintsikelelo zamabele, nezesizalo.
26Iintsikelelo zikayihlo
Zizigqithile iintsikelelo zomawokhulu,
Zasa nasemdeni weentaba zanini;
Mazibe sentloko kuYosefu,
Ebuchotsheni bobalulweyo kubazalwana bakhe!
27UBhenjamin yingcuka eqwengayo;
Kusasa úya kudla okuphangiweyo,
Ngokuhlwa úya kwaba okuthinjiweyo.
28Bonke aba zizizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini; yiyo leyo into awayithethayo kubo uyise, wabasikelela; elowo ngokwentsikelelo yakhe wabasikelela. 29Wabawisela umthetho, wathi kubo, Ndiza kuhlanganiselwa kwabakowethu; ndingcwabeni noobawo emqolombeni osentsimini kaEfron umHiti, 30emqolombeni osentsimini yaseMakapela, ophambi kowakwaMamre, ezweni lakwaKanan, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi kuEfron umHiti, ukuba abe nendawo eyiyeyakhe yokungcwaba. 31Bamngcwaba khona apho uAbraham noSara umkakhe; bamngcwaba khona apho uIsake noRebheka umkakhe; ndamngcwaba khona apho uLeya. 32Yathengwa intsimi leyo nomqolomba okuyo koonyana bakaHeti.
33Wagqiba ke uYakobi ukuyolela oonyana bakhe, wazifinyezela esingqengqelweni iinyawo zakhe, waphuma umphefumlo, wahlanganiselwa kwabakowabo.

Currently Selected:

IGENESIS 49: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy