YouVersion Logo
Search Icon

IGENESIS 50

50
Ukungcwatywa kukaYakobi nokufa kukaYosefu
1Wawa uYosefu phezu kobuso bukayise, walila phezu kwakhe, wamanga. 2UYosefu wabawisela umthetho abakhonzi bakhe, amagqirha, ukuba amqhole uyise; amagqirha amqhola ke uSirayeli. 3Bamzalisela imihla emashumi mané, kuba bebesenjenjalo ukuyizalisa imihla yabaqholiweyo; amaYiputa amlilela imihla emashumi asixhenxe.
4Yadlula ke imihla yokulilelwa kwakhe, uYosefu wathetha kwindlu kaFaro, wathi, Ukuba kaloku niyandibabala, khanithethe ezindlebeni zikaFaro, nithi, 5Ubawo wandifungisa esithi, Yabona, ndiza kufa; engcwabeni lam endizimbeleyo ezweni lakwaKanan, wòndingcwabela khona apho. Ngoko makhe ndinyuke ndiye kumngcwaba ubawo; ndobuya ndibuye. 6Wathi uFaro, Nyuka uye kumngcwaba uyihlo ngoko akufungise ngako.
7Wenyuka ke uYosefu waya kumngcwaba uyise; benyuka naye bonke abakhonzi bakaFaro, amadoda amakhulu endlu yakhe, amadoda amakhulu onke ezwe laseYiputa; 8nendlu kaYosefu yonke, nabazalwana bakhe, nendlu kayise. Kwasala iintsapho zabo zodwa, nempahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, ezweni laseGoshen. 9Kwenyuka naye iinqwelo, nabamahashe, yaba ngumkhosi omkhulu kunene. 10Bafika esandéni sika-Atadi esiphesheya kweYordan, bambambazela izifuba, batsho khona ngesililo esikhulu, esinzima kunene; bamenzela uyise isijwili imihla esixhenxe. 11Basibona abemi belo zwe, amaKanan, isijwili esandéni sika-Atadi, bathi, Sikhulu esi sijwili kumaYiputa; ngenxa yoko kwathiwa igama laso yiAbhele-mitserayim,• ephesheya kweYordan. 12Oonyana bakhe benza ke kuye njengokuyolela kwakhe. 13Bamthwala oonyana bakhe, bamsa ezweni lakwaKanan, bamngcwaba emqolombeni wentsimi yaseMakapela, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi, ukuba ube yindawo eyiyeyakhe yokungcwaba, kuEfron umHiti phambi kowakwaMamre.
14UYosefu wabuyela eYiputa ke, yena nabazalwana bakhe, nabo bonke abenyuka naye beya kumngcwaba uyise, emva kokungcwaba kwakhe uyise.
15Ke kaloku abakhuluwa bakaYosefu babona ukuba uyise wabo ufile, bathi, Azi uYosefu uya kusitshutshisa na, abubuyisele kanye na kuthi bonke ububi esimenzele bona? 16Bathumela kuYosefu, besithi, Uyihlo wayolela phambi kokufa kwakhe, wathi, 17Nòtsho kuYosefu ukuthi, Khawuluxolele ukreqo lwabakhuluwa bakho, nesono sabo sokuba bekwenze into embi; ngoko khawuluxolele ukreqo lwabakhozi boThixo wooyihlo. Walila uYosefu ekuthetheni kwabo kuye. 18Baya nabakhuluwa bakhe, baziphosa phantsi phambi kwakhe, bathi, Yabona, singabakhonzi bakho. 19Wathi uYosefu kubo, Musani ukoyika; ndisesikhundleni sikaThixo yini na? 20Nina nacinga ububi ngam; ke yena uThixo wacinga okulungileyo, ukuze kuthi, njengoko kwenzekileyo namhla, kusinde abantu abaninzi. 21Ngoko musani ukoyika; ndonondla nina, nentsapho yenu. Wabathuthuzela ke, wathetha kakuhle nabo.
22UYosefu wena eYiputa, yena nendlu kayise. UYosefu wahlala iminyaka elikhulu elinashumi-nye. 23UYosefu wabona oonyana besesithathu isizukulwana sikaEfrayim, kwanoonyana bakaMakire, unyana kaManase, ababezalelwe emadolweni kaYosefu. 24Wathi uYosefu kubakhuluwa bakhe, Ndiza kufa; uThixo okunene uya kunivelela, aninyuse, niphume kweli lizwe, niye ezweni abelifungele uAbraham, noIsake, noYakobi. 25UYosefu wabafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo okunene eya kunivelela nje, nòwanyusa amathambo am, emke apha. 26Wafa ke uYosefu engominyaka ilikhulu linashumi-nye; bamqhola; wafakwa etyeyeni eYiputa.

Currently Selected:

IGENESIS 50: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy