YouVersion Logo
Search Icon

IGENESIS 48

48
UYakobi usikelela oonyana bakaYosefu, uManase noEfrayim
1Kwathi emveni kwezi zinto, kwathiwa kuYosefu, Ùyabona, uyihlo uyafa. Wathabatha oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim, bahamba naye. 2Waxelelwa uYakobi kwathiwa, Nanku unyana wakho uYosefu esiza kuwe. Wazomeleza uSirayeli, wavuka, wahlala esingqengqelweni.
3UYakobi wathi kuYosefu, UThixo uSomandla wabonakala kum ndiseLuzi, ezweni lakwaKanan, wandisikelela. 4Wathi kum, Yabona, ndiya kukuqhamisa, ndikwandise, ndikwenze isikhungu sezizwe; eli lizwe ndilìnike imbewu yakho emva kwakho, libe lelakho ngonaphakade. 5Ngako oko oonyana bakho ababini, owabazalelwayo ezweni laseYiputa, ndingekafiki kuwe eYiputa, ngabam; uEfrayim noManase baya kuba ngabam, njengoRubhen noSimon. 6Ke othe wabazala emva kwabo, baya kuba ngabakho; baya kubizwa ngokwegama labazalwana babo elifeni labo. 7Ekumkeni kwam mna ePadan, ndafelwa nguRakeli ezweni lakwaKanan endleleni, ndakubona ukuba ndimganyana ukuze kufikwe e-Efrata; ndamngcwabela khona endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.
8USirayeli wababona oonyana bakaYosefu, wathi, Ngoobani na aba? 9Wathi uYosefu kuyise, Ngoonyana bam endibaphiwe nguThixo apha. Wathi yena, Khawubasondeze kum, ndibasikelele. 10Ke amehlo kaSirayeli ayeselenorhatyazo kukwaluphala, engasaboni. Wabasondeza ke kuye, wabanga, wabawola. 11USirayeli wathi kuYosefu, Ukubona ubuso bakho bendingasakucingi; nanku uThixo endibonise nembewu yakho. 12UYosefu wabakhupha phakathi kwamadolo akhe, waqubuda ngobuso bakhe emhlabeni. 13UYosefu wabathabatha bobabini, uEfrayim ngesokunene kwesasekhohlo sikaSirayeli, noManase ngesokhohlo kwesokunene sikaSirayeli, wabasondeza kuye. 14USirayeli wasolula esokunene sakhe, wasibeka entloko kuEfrayim engomncinane, nesokhohlo sakhe entloko kuManase, ezenjenjalo izandla zakhe ngengqiqo; ngokuba uManase ebengowamazibulo.
15Wamsikelela uYosefu, wathi, Ngamana uThixo, abâhamba phambi kwakhe oobawo uAbraham noIsake, owandondla kwasekuveleni kwam kwada kwanamhla, osisithunywa esindikhululeyo ebubini bonke, 16angabasikelela abafana, lithi igama lam negama loobawo libizwe phezu kwabo, uAbraham noIsake, bande, babe baninzi ehlabathini.
17Wabona uYosefu ukuba uyise usibeke isandla sakhe sokunene entloko kuEfrayim, kwakubi emehlweni akhe; wasibamba isandla sikayise wasishenxisa entlokweni kaEfrayim, esisa entlokweni kaManase. 18Wathi uYosefu kuyise, Makungabi njalo, bawo, kuba nguló owamazibulo; beka esokunene entlokweni yakhe. 19Àkavuma uyise, wathi, Ndiyazi, nyana wam, ndiyazi; naye uya kuba sisizwe, naye uya kuba mkhulu; kodwa umninawa wakhe uya kuba mkhulu kuye, nembewu yakhe ibe ziintlanga ezininzi. 20Wabasikelela ngaloo mini, esithi, Ngawe ùya kusikelela uSirayeli, esithi, Ngamana uThixo wakwenza njengoEfrayim nanjengoManase. Wambeka ke uEfrayim phambi koManase.
21USirayeli wathi kuYosefu, Yabona, ndiza kufa; uThixo uya kuba nani, anibuyisele ezweni looyihlo. 22Mna ndikuniké isiqwenga somhlaba ngaphezu kwabazalwana bakho, eso ndasithimbayo esandleni sama-Amori, ngekrele lam nangesaphetha sam.

Currently Selected:

IGENESIS 48: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy