UMATEWU 13:20-21
UMATEWU 13:20-21 XHO96
Imbewu eyahlwayelwa elulwalweni ifanekisa lowo uzivayo iindaba ezi, athi kwangoko azamkele ngovuyo. Onjalo akanazingcambu zendeleyo; uma okomzuzwana kuphela, athi kwakufika imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yeendaba ezi, oyisakale kwangoko.