1
UMARKO 10:45
IBHAYIBHILE
XHO96
Kuba kaloku *noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.”
ប្រៀបធៀប
រុករក UMARKO 10:45
2
UMARKO 10:27
Ondele kubo, uYesu wathi: “Kubantu oku akunakwenzeka, kodwa kuThixo akunakungenzeki, kuba zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.”
រុករក UMARKO 10:27
3
UMARKO 10:52
Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.” Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.
រុករក UMARKO 10:52
4
UMARKO 10:9
Abo ke ngoko uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”
រុករក UMARKO 10:9
5
UMARKO 10:21
UYesu wathi akumondela, weva emthanda, wathi kuye: “Kukho nto inye uyisweleyo: hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, uyiphe amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”
រុករក UMARKO 10:21
6
UMARKO 10:51
UYesu wathi kuyo: “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?” Yathi kuye imfama: “Nkosi yam, ndifuna ukuba ndibone.”
រុករក UMARKO 10:51
7
UMARKO 10:43
Kodwa ke akunjalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu
រុករក UMARKO 10:43
8
UMARKO 10:15
Ndithi kuni, inene, othe akakuthobela njengomntwana ukulawulwa nguThixo, soze abuve ubuncwane bolo lawulo.”
រុករក UMARKO 10:15
9
UMARKO 10:31
Baninzi ke phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.”
រុករក UMARKO 10:31
10
UMARKO 10:6-8
kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa ‘uThixo wabenza bayindoda nomfazi. Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, baze bamanyane.’ Ngako oko ke àbasebabini; banye.
រុករក UMARKO 10:6-8
គេហ៍
ព្រះគម្ពីរ
គម្រោងអាន
វីដេអូ