1
UMATEWU 16:24
IBHAYIBHILE
XHO96
UYesu ke wathi kubafundi bakhe: “Ofuna ukuba ngumlandeli wam makazincame, athwale umnqamlezo wakhe, andilandele
ប្រៀបធៀប
រុករក UMATEWU 16:24
2
UMATEWU 16:18
Nam ke, ndithi kuwe: UnguPetros, igama elithetha ulwalwa; ndiya kulakhela kolu lwalwa ke ibandla lam, kwaye namandla okufa akayi kuloyisa.
រុករក UMATEWU 16:18
3
UMATEWU 16:19
Ndiya kukunika igunya kulawulo olutsha lukaThixo. Kuya kuthi okubophileyo emhlabeni, kubotshwe nasezulwini; kuthi nokukhululeyo emhlabeni, kukhululwe nasezulwini.”
រុករក UMATEWU 16:19
4
UMATEWU 16:25
kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.
រុករក UMATEWU 16:25
5
UMATEWU 16:26
Kaloku komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? Okanye umntu angakhupha ntoni na exabisekileyo ukuze angàlahlekelwa bubomi bakhe?
រុករក UMATEWU 16:26
6
UMATEWU 16:15-16
Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?” Waphendula uSimon Petros wathi: “Wena unguye *uKrestu, uNyana kaThixo ophilayo.”
រុករក UMATEWU 16:15-16
7
UMATEWU 16:17
Waphendula uYesu wathi kuye: “Unethamsanqa wena, Simon nyana kaJona, kuba le nto akuyityhilelwanga ngumntu, uyityhilelwe nguBawo osezulwini.
រុករក UMATEWU 16:17
គេហ៍
ព្រះគម្ពីរ
គម្រោងអាន
វីដេអូ