YouVersion Logo
Search Icon

UZAKARIYA 5

5
Umbono womqulu ophaphazelayo
1Ndithe ndakukhangela ndabona nanko umqulu uphaphazela. 2Isithunywa sandibuza sathi: “Ubona ntoni?”
Ke mna ndithe: “Ndibona umqulu ophaphazelayo. Umalunga neemitha ezilithoba ubude, neemitha ezine ezinesiqingatha ububanzi.”
3Saza sathi kum: “Esi sisiqalekiso esijinga phezu kwawo wonke umhlaba. Kwelinye icala kubhalwe kwathiwa wonke umntu olisela uza kugxothwa angabikho. Kanti ke kwelinye kuthiwa wonke umntu ofunga exoka uza kugxothwa angabikho. 4UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ndiza kusikhupha esi siqalekiso size singene emzini walowo ulisela, nakuwo umzi walowo ufunga igama lam exoka. Siya kuhlala apho emzini wakhe, siwutshabalalise kunye nezinti zawo namatye awo.’ ”
Umbono womfazi osebhaskitini
5Siphinde sathi gqi isithunywa ebesithetha nam, sathi kum: “Khangela, kukho nenye into evelayo.”
6Ndaza ndathi: “Yintoni na?”
Siphendule sathi: “Yibhaskiti leya ivelayo.” Saza sathi: “Iqulethe isono sabantu ehlabathini lonke.”
7Eso sivalo sayo selothe saphakama, kwathi kanti apho ngaphakathi kuhleli umfazi. 8Isithunywa sathi: “Lo mfazi umele inkohlakalo.” Saza ke samtyhiliza sambuyisela ebhaskitini, savala.
9Ndakukhangela ke ndabona apho phambi kwam abafazi ababini bephaphazela ngamaphiko abo emoyeni; ewe, babetsho ngamaphiko ngathi yingwamza. Bayichola loo bhaskiti, baphaphazela nayo esibhakabhakeni.
10Ndabuza ke apho kweso sithunywa sasithetha nam, ndathi: “Ngaba bayisa phi ibhaskiti leyo?”
11Saphendula sathi: “Bayisa ezweni laseShinare apho iza kwakhelwa indlu khona. Xa seyigqityiwe ukwakhiwa loo ndlu, le bhaskiti iya kubekwa apho kwisiza sayo.”

Currently Selected:

UZAKARIYA 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy