YouVersion Logo
Search Icon

UZAKARIYA 4

4
Umbono wesiphatho sezibane nemithi yomnquma
1Esaa sithunywa sasithetha nam sabuya seza sandivusa njengomntu ovuswa ebuthongweni bakhe, 2sathi kum: “Ubona ntoni?”
Ndaza ndathi: “Ndibona isiphatho sezibane esenziwe ngegolide. Entloko sinesitya nezibane ezisixhenxe ezinxityelelwe yimibhobho esixhenxe. 3Kanjalo esi sibane sixhakwe ngasekunene nangasekhohlo yimithi emibini yomnquma.”
4Ndabuza kweso sithunywa sasithetha nam, ndathi: “Ziyintoni na ezi zinto, nkosi yam?”
5Ke isithunywa esasithetha nam saphendula sathi: “Awuzazi na ukuba ziyintoni ezi zinto?”
Ndaza ndathi: “Hayi, nkosi yam.”
6Ke sona sathi kum: “Eli lilizwi *likaNdikhoyo kuZerubhabheli: ‘Akungabukroti, kungengawo namandla, kodwa kungoMoya wam kuphela,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
7“Kuxa uyintoni, wena ntaba iphakamileyo? Phambi koZerubhabheli wosuka ube njengethafa. Uya kubeka ilitye lokugqibela ekwakhiweni kwendlu kaThixo, abantu bekhwaza besithi: ‘Thamsanqela! Thamsanqela, Thixo!’ ”
8Ke kaloku ndafikelwa lilizwi likaNdikhoyo lisithi: 9“Izandla zikaZerubhabheli zisibekile isiseko sendlu kaThixo; ikwazizandla zakhe eziya kuyiphetha. Nawe uya kutsho uqonde ukuba uNdikhoyo onamandla onke nguye ondithumileyo kuwe. 10Ngubani owudelelayo umhla ongenaziganeko zingako? Kambe baya kuvuya bakubona uZerubhabheli ephethe isixhobo sokulungelelanisa. Ezi zibane zisixhenxe ngamehlo kaNdikhoyo ajonga ihlabathi lonke jikelele. ”
11Ndasibuza ke isithunywa eso ndathi: “Yeyani le minquma mibini ixhake isiphatho sezibane ngasekhohlo nangasekunene?” 12Kwakhona ndabuza ndathi: “Ngawani la masebe mabini omnquma asecaleni kwale mibhobho mibini yegolide iphokoka ioyile ebugolide?”
13Siphendule sisithi: “Awuzazi na ezi zinto?”
Ndathi: “Hayi, nkosi yam.”
14Saza ke sona sathi: “Aba ngabo babini bathanjiselwe ukukhonza iNkosi yehlabathi jikelele.”

Currently Selected:

UZAKARIYA 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy