YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 4

4
Umzekelo ka-Abraham
1Sithini na ke ngobawo uAbraham esiyinzala yakhe? 2Ukuba ebenziwe ilungisa ngenxa yokufezekisa kwakhe umthetho, ebengaqhayisayo; kodwa ngoku akanandlela yakuqhayisa phambi koThixo. 3Zithini kanene *iziBhalo? Zithi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yoko wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.” 4Kaloku umntu osebenzayo wamkela umvuzo oyimfanelo yakhe, ungesiso isipho. 5Ke umntu ongathembelanga misebenzini yakhe, koko okholwa kuThixo ogwebela umoni, uba lilungisa phambi koThixo. 6Unoyolo ke umntu othe waba lilungisa phambi koThixo, engakusebenzelanga oko. Lolu yolo ke uDavide aluncomayo xa athi:
7“Hayi uyolo lwabaluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,
abazono zabo zingcwatyiweyo.
8Unoyolo lowo ithe iNkosi ayazibalela kuye izono zakhe.”
9Ngaba olu yolo lolwamaJuda kuphela? Hayi, lukwalolwazo neentlanga, kuba iziBhalo zithi: “UAbraham wakholwa kuThixo, waza ngenxa yoko wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.” 10Waba lilungisa nini? Kwakungaphambi kokwaluka kwakhe okanye emva kwako? Kwakungaphambi kokwaluka kwakhe. 11Kaloku wathi engekaluki uAbraham, ekholwa kodwa, wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo; waza waluka emva koko. Olu lwaluko ke lwaba luphawu olusisiqinisekiso sobulungisa bakhe. Ngale ndlela ke uAbraham nguyise wabo bonke abathe bakholwa kuThixo, baza benziwa amalungisa nguye nangona bangalukanga. 12Ukwanguyise wabalukileyo abanganelanga kwaluka nje, kodwa abathe ngokukholwa kuThixo bahamba ekhondweni lika-Abraham, owakholwa engekaluki.
Isithembiso sikaThixo kwabakholwayo
13UThixo wathembisa uAbraham nenzala yakhe ukuba ihlabathi baya kulima. Esi sithembiso asenziwanga ngakuba ethe wathobela umthetho kaMosis, kodwa wathenjiswa ngenxa yokuba wakholwa, waza wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo. 14Kaloku ukuba ilifa lifunyanwa kuphela ngâbo bawuthobelayo umthetho, ukukholwa koba kwenziwe into engento, nesithembiso eso singaba sitshitshisiwe. 15Ingqumbo kaThixo kaloku ibangwa kukwaphulwa komthetho wakhe; kodwa apho ungekhoyo umthetho akukho kwaphulwa kwamthetho.
16Ngoko ke ilifa lifunyanwa ngokukholwa, oko kukuthi ngesisa. Ngale ndlela isithembiso simiselwe yonke inzala ka-Abraham. Le nzala ke asingabo nje abo bawugcinayo umthetho, kodwa ikwangâbo bakholwayo njengaye. Kaloku uAbraham ngubawo wethu sonke, 17njengokuba zisitsho *iziBhalo ukuthi: “Ndikwenze uyise wezizwe ezininzi.” KuThixo ke uAbraham ngubawo wethu sonke; lo Thixo uAbraham athe wakholwa kuye; lo Thixo unika abafileyo ubomi; lo Thixo uthetha ngelizwi zitsho izinto ezingekabikho zibekho. 18UAbraham wakholwa, wathemba, naxa ithemba lalingekho. Wakholwa okokuba woba “nguyise wezizwe ezininzi,” njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Iya kuba ngako ke inzala yakho ukuba ninzi kwayo.” 19Wayemayela nekhulu leminyaka ezelwe, kodwa akatyhafanga elukholweni akucinga ngokwaluphala kwakhe nangobudlolo bukaSara. 20Hayi, akasithandabuzanga isithembiso sikaThixo ngokungakholwa; waya esomelela elukholweni, embonga uThixo, 21eqinisekile ukuba uThixo unako ukukwenza oko akuthembisileyo. 22Kungoko “wabalelwa ekubeni lilungisa nguThixo.” 23La mazwi athi “wabalelwa ekubeni lilungisa” akabhekisi kuye yedwa. 24Hayi, abhekisa nakuthi, thina sasiza kuba ngamalungisa, thina sikholwayo kuThixo owamvusayo uYesu iNkosi yethu kwabafileyo, 25yena owanikelwa ekufeni ngenxa yezono zethu, waza wabuya wavuswa, ukuze thina sibe ngamalungisa.

Currently Selected:

KWABASEROMA 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy