YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 3

3
1Ungcono ngani na ke umJuda? Lunceda ntoni ke lona ulwaluko lwakhe? 2Lulunge kakhulu, ngeendlela zonke. Okokuqala uThixo ugcinise udaba lwakhe kuwo amaJuda. 3Kuya kuthini ke ukuba athile kuwo akakholwanga? Ngaba uThixo uya kuthi ngokungathembeki kwawo angathembeki naye? 4Nakanye! UThixo yena uhlala enyanisekile, nangona bangade bonke abantu babe ngamaxoki, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:
“Umelwe kukubonakala ngamazwi akho ukuba uthembekile,
woyise ekuthethweni kwetyala lakho.”
5Xa ukungalungisi kwethu kucacisa ukulungisa kukaThixo, siya kuthini ke? Ngaba sinokuthi akalungisi uThixo xa abonakalisa umsindo wakhe, ngabula thina bantu? 6Nakanye! Ukuba ebengelolungisa uThixo, ebengaligweba njani ihlabathi?
7Ukuba ke ngokuxoka kwam inyaniso kaThixo idandalaza ngakumbi ukuze sicace isidima sakhe, ndisagwetyelwani na ke ngokomoni? 8Yini na ke ukuba singabi sesisithi: “Masenze okubi, ukuze kuvele okulungileyo”? Kakade abathile bandinyelisa besithi nditsho! Abo batshoyo baya kugwetywa ngokubafaneleyo!
Akukho mntu ulungileyo
9Ke, ngaba thina maJuda silungile na kunabanye? Hayi, nakanye! Kaloku sendiwatyholile amaJuda kwanabezinye iintlanga ndisithi basesonweni bebonke, 10njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi:
“Akukho namnye ulilungisa;
11akukho mntu uqondayo;
akukho umfunayo uThixo!
12Bonke bamfulathele;
akukho yabo xa bebonke.
Akukho wenza okulungileyo;
hayi namnye!
13Yinto ebolileyo intetho yabo;
ngeelwimi zabo bahlala bekhohlisa.
Amazwi emilebe yabo abubuhlungu benyoka;
14umlomo wabo uzele zizishwabulo ezikrakra.
15Bakungxamele ukuphalaza igazi;
16yimbuqe nosizi emkhondweni wabo;
17yona indlela yoxolo abayazanga;
18ewe, abamoyiki konke uThixo.”
19Siyazi ke ukuba konke okuthethwa ngumthetho, kuwiselwa abaphantsi komthetho; ukuze bonke basikwe umlomo, nehlabathi lonke lifumaneke linetyala kuThixo. 20Kaloku akukho mntu uya kuba lilungisa kuThixo ngakugcina kwakhe umthetho; into eyenziwa ngumthetho kukwazisa abantu ngesono.
Ubulungisa bungokholo kuKrestu
21Ngoku ke indlela uThixo abalungisa ngayo abantu ibonakalisiwe, ingeyiyo eyomthetho. Kambe ke iyangqinelwa *ngumthetho kaMosis *nangabashumayeli bamandulo. 22Yona kukukholwa nokuzinikela kuYesu Krestu. UThixo ubenza amalungisa bonke abakholwayo kuYesu, kuba akanamkhethe. 23Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo. 24Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo. 25UThixo wammisela uYesu ukuba abe lidini lokungxengxezela izono zabakholwayo. Ukufa kwakhe yindlela uThixo abenza ngayo amalungisa abantu. Kumaxesha adlulileyo uThixo wazibamba akabagweba aboni; 26kodwa ke namhlanje akasayenzi loo nto – ngoku walatha indlela abenza ngayo amalungisa. Ngale ndlela ke uThixo utyhila ubulungisa bakhe, emenza abe lilungisa wonke okholwayo kuYesu.
27Kukho nto singaziqhayisa ngayo ke? Hayi, ayikho. Ngasizathu sini na? Kuba sigcina umthetho kaMosis? Hayi, ngenxa yokuba sikholwa. 28Kuba kaloku sigqibe kwelithi uThixo wenza abantu babe ngamalungisa ngokholo, kungengakuthobela kwabo umthetho. 29Kanene uThixo ungowamaJuda odwa na? Akanguye na owezizwe nazo? Ewe, ngowazo nazo. 30Kaloku uThixo mnye kuphela; ugwebela amaJuda ngokukholwa kwawo, nezizwe azigwebele ngokukholwa kwazo ngokunjalo. 31Ngaba ke siyawutshitshisa umthetho kaMosis ngokukholwa? Nakanye! Siyawuxhasa.

Currently Selected:

KWABASEROMA 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy