YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 21

21
Izulu elitsha nehlabathi elitsha
1Ndabona izulu elitsha nehlabathi elitsha. Kaloku elokuqala izulu nelokuqala ihlabathi laliselidlule. Kwakungasekho nolwandle olu. 2Ndabona nesixeko esingcwele, iJerusalem entsha, isihla ivela kuThixo ezulwini. Yayingasentle! Yayingathi ngumtshakazi ehombele umyeni. 3Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo. 4Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”
5Ke lowo uhleli esihlalweni sokulawula wathi: “Ngoku yonke indalo ndiyenza ntsha.” Ubuye wathi: “Bhala kaloku! La mazwi ndiwathethayo athembekile, ayinyaniso.” 6Wabuya wathi: “Sekwenzekile. Ndim u-A kwano-Z, ndim isiqalo nesiphelo. Nabani na onxaniweyo ndomnika ngesisa amanzi aphuma emthonjeni odlisa ubomi. 7Lowo woyisayo wozixhamla zibe lilifa lakhe ezi zinto. Mna ndoba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam. 8Kodwa ilifa lamagwala, abangakholwayo, izingcoli, izigwinta, abarheletyi, amagqwirha, abanquli-zithixo, nawo onke amaxoki, loba kukufa kwesibini kwidike lomlilo ovutha yisalfa.”
IJerusalem entsha
9Kusuke esinye sezithunywa ezisixhenxe ezaziphethe izitya ezisixhenxe zezibetho zokugqibela sathi kum: “Yiza ngapha ndikubonise umtshakazi walo iXhwane.” 10Sandithatha ndisemandleni kaMoya, sandisa encotsheni yentabakazi enkulu. Sandibonisa iJerusalem, isiXeko esiNgcwele, isihla ivela kuThixo ezulwini. 11Yayiqaqambile bubuqaqawuli bukaThixo, ibengezela okwelitye lexabiso elicwenge okwedayimani. 12Yayineendonga eziphakamileyo kakhulu, inamasango alishumi elinambini. Kwisango ngalinye kwakukho isithunywa. Phezu kwamasango kwakubhalwe amagama ezizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli. 13Ngasempumalanga kwakukho amasango amathathu, emathathu emntla, emathathu emzantsi, nangasentshonalanga. 14Iindonga zesixeko zazimi phezu kweziseko zamatye alishumi elinambini. Ilitye ngalinye lalinegama *lomthunywa ngamnye kubathunywa beXhwane abalishumi elinambini.
15Isithunywa esasithetha nam sasiphethe induku yegolide yokulinganisa. Sasiza kulinganisa ngayo ubukhulu besixeko, amasango, neendonga zaso. 16Amacala omane ayelingana, ubude bungangobubanzi. Isithunywa salinganisa ubukhulu besixeko ngenduku yaso. Safumana buziikhilomitha ezilishumi elinesibini lamawaka, ubude kwanobubanzi baso. Sasikwangako ukuphakama. 17Salinganisa iindonga, sazifumana ziziinyawo ezilikhulu linamashumi mane anane ukuphakama. Sasisebenzisa umlinganiso oqhelekileyo ebantwini. 18Udonga lwalwenziwe ngeedayimani. Sona isixeko sasenziwe ngegolide; sasingathi siyiglasi egudisiweyo. 19Iziseko zaso zazihonjiswe ngazo zonke iintlobo zamatye exabiso. Kuqala yayiyidayimani, kulandele ilitye lexabiso ekuthiwa yisafire, iagati, iemeraldi, 20isadonisi, ikorneli, ikrizoli, ibherilo, itopazi, ikrizoprazi, ihakinto, eleshumi elinambini yayiametiste. 21Amasango alishumi elinambini *ayeziiperile ezilishumi elinambini. Isango ngalinye laliyiperile enye, nesitalato sesixeko siyigolide ecwengileyo, sifana neglasi.
22Andizange ndiyibone *indlu kaThixo esixekweni apho. Kaloku iNkosi uThixo uSomandla kunye nalo iXhwane ngabo ngenkqu loo ndlu. 23Isixeko sasingadingi langa nanyanga yakusikhanyisela. Sasikhanyiselwa bubuqaqawuli bukaThixo nalo iXhwane. 24Izizwe ziya kuhamba ekukhanyeni kwaso; iikumkani zehlabathi zowazisa kuso amagugu azo. 25Akasayi kuvalwa emini amasango aso, yaye akusayi kubakho busuku khona. 26Izizwe ziya kuza ziphethe amagugu azo neendyebo zazo. 27Akuyi kungena bubi khona; akuyi kungena nasingcoli naxoki; kuphela kongena abo babhaliweyo encwadini yeXhwane, leyo yeenkcukacha zobomi.

Currently Selected:

ISITYHILELO 21: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy