YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 20

20
Ulawulo lweminyaka eliwaka
1Ndabona isithunywa sivela ezulwini sisiphethe ngesandla isitshixo senzonzobila. Sasiphethe nento enkulu yetyathanga. 2Salibamba igongqongqo, inyoka endala, umtyholi, uSathana. Salikhonkxa iwaka leminyaka. 3Salifaka enzonzobileni, sawuvala umnyango, sawutywina, sisenzela ukuba lingabe liphinde lilulahlekise uluntu kude kuphele iwaka leminyaka. Emva kwelo thuba igongqongqo limelwe kukukhululwa; phofu okwethutyana nje elingephi.
4Emva koko ndabona izihlalo. Ndabona kuhlala kuzo abo babenikwe igunya lokugweba. Ndababona nâbo babenqunyulwe iintloko ngenxa yokuba ngamangqina kaYesu nangenxa yokushumayela ilizwi likaThixo. Ndababona nabo bangavumanga ukulinqula irhamncwa okanye umfanekiso walo, kwanabo bangavumanga ukuphawulwa kumabunzi okanye esandleni ngophawu lwerhamncwa. Bavuka ekufeni, balawula kunye noKrestu iminyaka eliwaka. 5Luvuko lokuqala ke olu. Inxalenye yabafi yona ayizange ivuke kwade kwaphela iminyaka eliwaka. 6Unoyolo engokaThixo lowo uluxhamleyo uvuko lokuqala. Ukufa kwesibini akunamandla kuye. Kaloku woba ngumbingeleli kaThixo nokaKrestu, axhamle ulawulo kunye noKrestu iminyaka eliwaka.
Ukoyiswa kukamtyholi
7Iya kuthi ke yakuphela iminyaka eliwaka, akhululwe umtyholi enzonzobileni. 8Ekhululekile ke uya kuzilahlekisa izizwe kumagumbi omane ehlabathi; ezo ke nguGogi noMagogi. Umtyholi uya kuziqokelela zibe zininzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, aye nazo emfazweni. 9Nazo ke zicombuluka ehlabathini liphela, zirhawula impi yomkhosi wosapho lukaThixo, ndawonye neso sixeko asithandayo. Kuthe kusenjalo suka kwehla umlilo phezulu, wazithi lence-lence. 10Okokwakhe umtyholi, umlahlekisi wazo, yena wathiwa dywa echibini lomlilo onesalfa, apho irhamncwa kunye *nomshumayeli oxokayo bebesebephoswe khona. Apho ke baya kungcungcutheka imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade.
Umgwebo
11Ndaza ke ndabona isihlalo sokulawula esimhlophe, kukho ohleli kuso. Umhlaba namazulu ambaleka, awaba sabonakala. 12Ndababona abafileyo, abakhulu kwanabanci, bemile phambi kwesihlalo sokulawula. Zavulwa iincwadi, kwaza kwavulwa nenye incwadi eneenkcukacha zobomi. Abo bafileyo bagwetywa ngokwengxelo yezenzo zabo eyayibhalwe kwezo ncwadi. 13Ulwandle, ukufa, nelabafileyo labakhuphela ngaphandle abafileyo ababekulo. Umntu ngamnye wagwetywa ngokwezenzo zakhe. 14Ukufa nelabafileyo kwaphoswa echibini elivuthayo. Eli chibi lomlilo ke kukufa kwesibini. 15Wonke umntu ogama lingabhalwanga encwadini yeenkcukacha zobomi waphoswa echibini elivuthayo.

Currently Selected:

ISITYHILELO 20: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy