YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 39

39
Isililo somntu onomva-ndedwa
Umhobe kaDavide; kuJedutun umbhexeshi-kwayara.
1Ndathi: “Ndiya kuzilumkela iindlela zam,
ndingoni ngokuthetha,
ndilubambe ulwimi lwam xa ndiphakathi kwamatshijolo.”
2Ndathi cwaka, andathetha nto.
Ukuthula kwam akuncedanga nto,
kodwa noko yona inkxwaleko yathath' unyawo.
3Ndavalwa luvalo ndisacamanga,
ndavukwa ngumva-ndedwa,
ndavakala ndibuza ndisithi:
4“*Ndikhoyo, ndazise isiphelo sobomi bam
nenani lemihla yokuphila kwam.
Ewe, ndazise ubufutshane bobomi bam.
5Kaloku imihla yam uyicuthe kakhulu;
àyinto konke kuwe imihla yobomi bam;
umntu ufana nomphunga nje kuwe.
6Uhla enyuke njengesithunzi silandelelana nomntu;
ubila esoma nje ngenxa yelize;
uqweba indyebo engazi nokuba yoba yekabani na.
7“Xa kunjalo ke, Nkosi, mna ndikholose ngantoni?
Elam ithemba likuwe.
8Ndikhulule kuzo zonke izono zam,
ndingade ndihlekwe nazizidenge.
9Ndiya kuthi cwaka, ndingathethi,
kuba nguwe ondifake kule meko.
10Mus' ukuba sandohlwaya;
mus' ukundinkula ndide ndenzakale.
11Ngokumohlwaya umntu, umbonisa isono.
Uyidlavula njengenundu loo nto ayithandayo.
Ewe, kambe, umntu ufana nomphunga nje kuwe.
12“Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;
ndive, ndakuzibika kuwe.
Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,
kuba ndiselugcinweni lwakho,
nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.
13Khawundenzele umnyinyivana, khe ndiphefumle,
ngoku ndingekemki kweli hlabathi.”

Currently Selected:

IINDUMISO 39: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy