YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 38

38
Umthandazo womntu osebunzimeni
Umhobe kaDavide; ngomnikelo wesikhumbuzo.
1*Ndikhoyo, ungandingxolisi ngomsindo,
ungandohlwayi ngengqumbo.
2Zindityakatyile iintolo zakho,
nesandla sakho sindicinezele kabuhlungu.
3Nditsho ndayingxwelerha ngenxa yomsindo wakho;
ndiyafa ziintlungu ngenxa yezono zam.
4Ndintyumpa-ntyumpeka ezonweni;
zindisinda oku komthwal' onzima.
5Zitsho zabhidla izilonda zam,
kuthi phuu ngenxa yobudenge bam.
6Ndibandezelekile, ndiphelile,
kangangokude ndizile imini yonke.
7Ndiyapena-pena ziintlungu;
andinampilo konke.
8Ndoyisakele kwaphela;
ndiyagcuma ziintlungu nalixhala.
9Nkosi yam, uyawazi umnqweno wam,
uyaziva zonke iincwina zam.
10Ndinovalo, ndiphelelwe ngamandla,
namehlo am selebona kaluzizi.
11Ke zona izihlobo nabamelwana abasondeli kum,
nkqu nentsapho yam le icezela phaya.
12Bayandithiyela abafuna ukundibulala;
bayandoyikisa abazungula ukundenzakalisa;
bayandibhunga imini yonke.
13Kodwa mna ndaba njengesithulu, andeva;
ndanjengesimumu, andawuvula tu umlomo.
14Ewe, ndinjengomntu ongaphenduliyo,
kuba engeva.
15Ndikhoyo, ndithembele ngawe;
nguwe, Nkosi, Thixo wam, oya kundiphendulela.
16Ndithandazela nje ukuba ungabayeki bandivuyelele abo bahlekayo xa ndiwayo.
17Ndingawa nanini na; kaloku iintlungu zindiphethe.
18Sendizivuma izono zam; ndiyazithiya izigqitho zam.
19Banamandla abo baziintshaba zam,
nâbo bandithiya kungekho sizathu.
20Ubuhle bandibuyisela ngobubi,
naxa mna ndizama ukwenza okulungileyo.
21Zungandifulatheli, Ndikhoyo;
Thixo wam, mus' ukuchasela kum.
22Khawuleza undincede, Nkosi, Msindisi wam!

Currently Selected:

IINDUMISO 38: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy