YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 105

105
UThixo nemilowo yakwakhe
(1 Gan 16:8-22)
1Bulelani *uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,
nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona.
2Mombeleleni, mbongeni,
zixeleni izintw' ezimangalisayo asenzele zona!
3Qhayisani ngegama lakhe;
mabachwayite abo bamnqulayo uNdikhoyo!
4Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfuneni aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.
5Ze nizikhumbule izinto asenzele zona:
imimangaliso ayenzileyo,
nemithetho ayiwisileyo.
6Nina niyinzala yesicaka sakhe uAbraham,
nilusapho lukaYakobi umnyulwa wakhe.
7UThixo wethu nguNdikhoyo;
yeyehlabathi lonke imithetho yakhe.
8Akasokuwulibala naphakade umnqophiso wakhe,
awawenzela izizukulwana ngezizukulwana.
9Ndixel' umnqophiso awawenza noAbraham,
kwanesifungo asenze kuIsake.
10Kaloku wamnik' ummiselo uNdikhoyo uYakobi,
wamnik' umnqophis' ongasoz' uphel' uSirayeli,
11esithi: “Wena ndokunik' umhlaba waseKanana,
ube sisabelo selifa lakho.”
12Babengabantw' abambalwa nje, bengazelwe nto;
babengabaphambukeli kuphela nje kuloo mhlaba.
13Babebhadula kumazwe ngamazwe;
besuka kolunye ulawulo baye kolunye.
14Kodwa uThixo akavumanga ukuba batsaliswe nzima;
ude wazohlwaya neekumkani ngenxa yabo.
15Watsho esithi: “Ze ningabachukumisi abathanjiswa bam,
ningakhe nibenzakalise abashumayeli bam.”
16Ekubeni evelise indlala elizweni labo uNdikhoyo,
nokutya kwabo wakuphelisa mpela,
17wabathumela uJosefu wabandulela,
wathengiswa waba likhoboka.
18Amaqatha akhe adliswa ngamatyathanga,
waminxwa nasemqaleni ngamakhamandela,
19lada lazaliseka ilizwi awayelithethile,
ilizwi likaNdikhoyo lamngqinela.
20Ikumkani yamhlangula,
umlawuli wezizwe wamkhulula,
21yamenza intloko yomzi wayo,
yamnika igunya lokulawula konke okwayo,
22yamnika iwonga kunamaphakathi ayo,
kwanegunya lokuqeqesha bonke ooceba bayo.
23Naye uYakobi waya eJiputa,
waba ngummi elizweni lakwaHam.
24UNdikhoyo wabanika inzala eninzi abantu bakhe,
wabanika amandla kunababandezeli babo.
25Wawafaka intiyo amaJiputa,
ukuze azikhohlise izicaka zakhe.
26Emva koko uthumele uMosis isicaka sakhe
kunye noAron umnyulwa wakhe.
27Babonakalisa imiqondiso yamandla kaThixo,
benza nemimangaliso eJiputa.
28UThixo wezisa ubumnyama emhlabeni,
kuba engalivanga amaJiputa ilizwi lakhe.
29Amanzi emilambo ajika aligazi,
zafa zaphela nezo ntlanzi zabo.
30Axhuma-xhuma amaxoxo kwelo lizwe,
angena nkqu nasemagumbini ekumkani.
31Watheth' uThixo, kwavela ibubu leempukane,
nebubu lezibawu zalityhutyha lonke elo.
32Kwawa isichotho endaweni yemvula,
kwamenyezel' imiban' eyoyikekayo apho.
33Yavuthuluk' imithi yemidiliya namakhiwane,
yawa yaphela imithi kweli lizwe.
34Watheth' uThixo, kwavel' iinkumbi,
zatsho ngenyambalala yomqikela.
35Zalubhuqa lonk' uhlaza lwalapho,
zayibhuqa yonke imveliso yomhlaba.
36Wawabulala onk' amavela-tanci,
nditheth' onke amazibulo amaJiputa.
37Wawakhupha amaSirayeli,
emka epheth' igolide nesiliva,
kungekho namny' ubikwa hlaba kubantu bakhe.
38Avuya amaJiputa akumka amaSirayeli;
kaloku ayeselewoyika.
39Wabasitha ngelif' emini abantu bakhe,
wabakhanyisela ngesithatha somlil' ebusuku.
40Bakucel' ukutya kwavel' izagwityi,
wabanik' isonka esivel' ezulwini, bahlutha.
41Wavul' iliwa, ampompoza amanzi,
kwavel' imisinga, yacand' enkangala.
42Kaloku wakhumbula isithembiso sakhe,
esingumnqophiso wakhe noAbraham isicaka sakhe.
43Wabandulula bechwayitile abantu bakhe,
abanyulwa bakhe behamba besombela.
44Wabanika amazwe ezinye izizwe,
basixhamla isiqhamo sokubila kwazo,
45khon' ukuze bayithobel' imithetho yakhe,
bagcine nemiyalelo yakhe.
Makabongwe uNdikhoyo!

Currently Selected:

IINDUMISO 105: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy