YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 104

104
Ukubonga uMdali
1Mbonge *uNdikhoyo, moya wam!
Ubungangalala bakho, Ndikhoyo, Thixo wam, buyamangalisa!
Uzithe wambu ngesihomo nesithozela;
2ulowambath' ukukhanya, kwanga yingubo;
ulotwabulul' isibhakabhaka, wanga wanek' intente;
3ulomis' iintsika zendlu yakhe emanzini,
enze iinqwelo ngamafu,
achankcathe phezu kwamaphik' omoya;
4ulowenz' imimoya izithunywa zakhe,
nemiban' elenyay' ibe zizicaka zakhe.
5Zabekwa nguw' iziseko zomhlaba
ze zingashuku-shukunyiswa bani.
6Wawugquma ngenzonzobil' olwandle,
wang' uwambes' ingubo,
atshw' amanzi azithi gqume iintaba.
7Uthe wakuwakhalimel' abaleka;
zakuvakal' iindudumo zezwi lakho,
aphaphathek' elatyuza.
8Ehl' iintaba neenduli, abhek' ezantsi,
apho wawuthe maze aye khona.
9Kaloku wamis' imid' amanz' angegqithi kuyo,
hlez' aphind' awugubungel' umhlaba.
10Ulogqabhuz' imithombo ezintlanjeni,
ibaleke phakathi kweenduli,
11apho kusel' izilwanyana,
nalaph' amaqwarh' athob' unxano.
12Kulapho zakhela khon' iintaka,
zintyiloz' emasebeni emithi.
13Ulonkcenkceshel' iintaba ngeemvula zaphezulu;
uchumil' umhlaba ziintsikelelo zakho.
14Ulontshulisel' iinkomo ingca,
akhulisel' abantu izityalo,
kuvel' isivuno sokutya,
15newayin' echwayitisayo,
amafuth' okuthambisa,
kunye nesonka sokubondla.
16Iyifumana kanobom imvula imithi kaNdikhoyo,
loo mithi yemisedare awayityala eLebhanon.
17Iintaka zizakhela kuyw' iindlwana zazo,
neengwamza zakhel' emikhobeni.
18Won' amatshabanqa ahlal' ezingxondorheni,
ziz' iimbila zibalekele emaweni.
19Iinyanga zibalwa ngokufa kwenyanga,
nelanga liyalazi ixesha lokutshona kwalo.
20Ubusuku benziwa nguwe,
ukuz' izilwanyana zihamba-hambe.
21Amathol' eengonyam' ayagragram' ezingela,
efuna ukuty' okuvela kuThixo.
22Ukuphuma kwelanga ziyemka zonk' izilo,
ziye kulal' ezikhundleni zazo.
23Bandul' ukuphum' abantu baphangele,
basebenze kude kutshon' ilanga.
24Hay' ubuninzi bezintw' ozenzileyo, Ndikhoyo!
Uzenze ngobulumko xa zizonke;
uzel' umhlaba zizintw' ezidalwe nguwe.
25Phaya esithabazini solwandle kukho inyambalala yezilo;
kukho ezikhulu, kukho nezincinane.
26Kuhamba iinqanawa apho,
kanti nomnenga udlwabiza udloba kulo,
eso silw' esadalelwa loo nto nguwe.
27Zonke ezo zinto zijonge kuwe,
ukuz' uzondle ngexesh' ekufuneka zitye ngalo.
28Wakuzipha ziyatya,
ze wakuzondla zihluthe.
29Uthi wakuzifulathela, zoyike, zixhale;
wakuwuthatha umphefumlo zife, zibuyele eluthulini.
30Wakuthumela umoya wakho ziyadalwa,
butsho buvuseleleke ubuso bomhlaba.
31Masime ngonaphakade isihomo nesithozela sakho, Ndikhoyo;
wanga ungakonwabisa umsebenzi owenzileyo.
32Wena uthi ungawujonga nje ube selungcangcazela umhlaba,
uzichukumis' iintaba zitsho ziphum' umsi.
33Ndomombelel' uNdikhoyo lo gama ndisaphilayo,
ndimbong' uThixo wam lo gama ndisadl' ubomi.
34Wanga angavuyiswa ngumbongo wam uNdikhoyo,
kuba yena uyandivuyisa.
35Mababhangisw' aboni ehlabathini;
makangabikho konk' amatshijolo.
Wena moya wam, mbonge uNdikhoyo;
ewe, mbonge uNdikhoyo!

Currently Selected:

IINDUMISO 104: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy