YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 106

106
Izibele zikaNdikhoyo kubantu bakhe
Iculo; umhobe kaDavide.
1Mbongen' *uNdikhoyo!
Bambani ngazibini kuba ulungile uNdikhoyo.
Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade.
2Ngubani onokubalisa ngezenzo ezidumileyo zikaNdikhoyo;
ingubani onokumbonga ngokufezekileyo?
3Hay' uyolo lwabo bathobela imithetho yakhe;
nditheth' abo bahlala besenza okulungileyo.
4Uzundikhumbule, Ndikhoyo, xa ubonelel' abantu bakho;
ungandishiyi, Ndikhoyo, xa ubahlangulayo.
5Nam maze ndiyibon' inkqubela yabanyulwa bakho,
ndize ndivuye kunye nabantu bakho,
ndilixhamle ibhongo neqhayiya labantu bakho.
6Nathi sone njengookhokho,
sikwenzile ukungcola nobubi.
7Xa babeseJiputa oomawokhulu
zange bazinanze izenzo zakhw' ezidumileyo;
bazilibala izibele zakho,
basuka bamvukel' uPhezukonke kuLwandl' oluBomvu.
8Kodwa wabahlangula uNdikhoyo ngenxa yegama lakhe,
khon' ukuze bawaqonde amandla akhe.
9Wawis' izwi, lwaza loma qoko uLwandle oluBomvu;
wabaweza kuloo nzonzobila,
banga bahamb' enkangala.
10Wenjenjal' ukubakhulula esandleni sotshaba;
wabahlangula kubabandezeli babo.
11Zagutyungelwa ngamanzi iintshaba zabo,
akwasinda namnye kuzo.
12Bandul' ukuziqonda ke izithembiso zikaNdikhoyo,
baza badomboza betyibela ngemibongo.
13Kwakamsinya bazilibala izintw' abenzele zona,
benza ukuthanda kwabo bengajonge cebiso kuye.
14Entlango bangenwa kukubawa,
baza bamlinga uThixo kuloo nkangala.
15Wabenzela izicelo zabo,
kodwa wabathumela ngobhubhani wesifo.
16Bammonela uMosis apho entlango,
nditsho naso isicaka sikaNdikhoyo uAron.
17Wavuleka wona umhlaba waginya uDatan,
wagqumelela uAbhiram kunye neqela lakhe.
18Kwagqabhuk' umlilo phakathi kwabo,
awabhuq' onk' amatshijolo amalangatye.
19Babumba ithole eHorebhe,
baza banqula kwaloo mfanekiso bawenzileyo.
20Ngale ndlela isihomo sikaThixo
basinika umfanekiso wenkomo, into edla utyani.
21Bamfulathela uMsindisi wabo,
kanye lo wabenzela izinto ezintle eJiputa.
22Hay' ubukhulu bezinto abenzela zona kwelakwaHam;
hay' ukukhwankqisa kwemimangaliso kuLwandl' oluBomvu!
23Yiyo ke loo nto athe nge-ebabhangisile uThixo
ukuba uMosis isicaka sakhe wayengabamelanga,
athibaz' ingqumbo kaThixo bangatshabalali.
24Balicekisa ilizwe elihle kakhulu,
kuba babengazikholelwa izithembiso zikaThixo.
25Babehlala ezintenteni bekrokra,
bengawuthobeli umyalelo kaNdikhoyo.
26Wamis' isibhozo efung' esithi
wobayeka bafel' aph' enkangala,
27ize inzala yab' ayichitha-chithe phakathi kweentlanga,
ibe ziintsalu apho kumazw' asemzini.
28Basuka bazibandakanya nabanquli bakaBhali wasePehore,
batya nokutya kwamadini *ezithixo.
29Bamcaphukisa uNdikhoyo ngezenzo zabo,
kwabakho ubhubhani wesifo phakathi kwabo.
30Waphakama wabangxengxezela uPineyasi,
saza sathomalala isibetho eso.
31Ngale nto ke wabalelwa kumalungisa,
wahlala ekhunjulwa izizukulwana ngezizukulwana.
32Nangasemithonjeni yeMeribha bamqumbisa uNdikhoyo,
waba sengxakini uMosis ngenxa yabo.
33Bamcaphukisa uMosis
ngangokuba wada wathetha amazwi angemahle konke.
34Abazange bazitshabalalise iintlanga
njengoko babeyalelwe nguNdikhoyo.
35Basuka bendiselana nazo,
bafunda namasiko azo.
36Banqula izithixo abantu bakaThixo,
nto leyo ke yaba ngumgibe wabo.
37Babinga oonyana neentombi zabo,
besenzela iindimoni amadini.
38Baliphalaz' igaz' elingenatyala,
nditheth' eloonyana neentombi zabo
ababebanikela kwizithixo zaseKanana;
labubutyadidi ke elo zwe lelo gazi.
39Benjenjalo ke ukuzixabhela;
benjenjalo ukuzenyelisa bamfulathela uThixo.
40UNdikhoyo wavutha ngumsindo,
waza wabacaphukela abantu bakhe.
41Wabayekela ezandleni zeentlanga,
baba phantsi kolawulo lweentshaba zabo.
42Zababandezel' iintshaba,
bahlala kabuhlungu phantsi kwazo.
43Kwaba kaninzi-ninzi ebahlangula uNdikhoyo,
kodwa bakhetha ukungamva,
beyela zwabha esonweni;
44Kambe ke wabuya wayigqala uNdikhoyo imbandezelo yabo,
wabeva bakuzibika kuye;
45wazikhumbula nezithembiso zakhe kubo,
waba nenceba ngenxa yothando lwakhe olukhulu,
46wabatsho basizelwa ngababandezeli babo.
47Sisindise, Ndikhoyo, Thixo wethu,
siqokelele phakathi kweentlanga, ukuze sikubulele,
silibonge igama lakho elingcwele.
48Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli
kususela ngoku kude kube nini-nini!
Bonk' abantu mabathi: “Huntshu!”
Mawubongwe wena, Ndikhoyo.

Currently Selected:

IINDUMISO 106: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy