YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 28

28
1Umntu okhohlakeleyo ubaleka kungekho mntu umsukelayo;
ke wona amalungisa anobuganga njengeengonyama.
2Xa ilizwe linovukelo baba baninzi abafuna ukuphatha,
kodwa xa kukho ophatha ngengqiqo nolwazi uyazinza.
3Umfo osweleyo otshutshisa amahlwempu
uyafana nesikhukula esizitshabalalisayo izilimo.
4Izaphula-mthetho ziyazincoma izikhohlakali,
kambe ke bona abawuthobelayo umthetho bayazichasa izikhohlakali.
5Abantu abagwenxa ababuqondi ubulungisa;
kanti ke abo bazondelela uNdikhoyo baqonda zonke izinto.
6Lilungile ihlwempu elihambo ingenabala
ngaphezu komkhohlisi ondlela zimbaxa nokuba usisityebi.
7Umntwana onengqondo uyawuthobela umyalelo;
ke yena otshomana noongantweni ubaphathela ihlazo abazali bakhe.
8Umntu ozuza ubutyebi kuba ebolekisa aze axhaphaze abantu ngenzala ayibizayo,
obo butyebi abuqokelelayo busuka bufunyanwe ngumntu wumbi owazelelelayo amahlwempu.
9Umntu ozivalayo iindlebe zakhe kuwo umthetho kaThixo
kwaumthandazo wakhe uyanyanyeka kuThixo.
10Umntu owexulela amalungisa ekwenzeni ububi uya kweyela kwakuloo mgibe wakhe,
kanti ke bona abamsulwa baya kukudla ilifa okulungileyo.
11Isinhanha silumkile kwawaso amehlo,
kanti ke lona ihlwempu eliqiqayo liyasibona into esiyiyo.
12Xa amalungisa athe aphumelela kuba yimivuyo nemincili,
kodwa ke xa kuthe kwaphakama izikhohlakali abantu bayabaleka bazimele.
13Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;
kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.
14Unoyolo umntu ohlala ezoyikela;
ke yena oqaqadekileyo uhlelwa ziinkathazo.
15Isiphathamandla esikhohlakeleyo, esilawula abantu abangenakuzilwela,
sinjengengonyama egragramayo, okanye ibhere ehlaselayo.
16Umlawuli ongenangqondo uba ngumcinezeli;
ke yena umlawuli oyithiyileyo inzuzo yobuqhetseba uba nexesha elide.
17Umntu ongcungcuthekiswa lityala lokubulala woba ngumsabi ade afe;
makungabikho bani umxhasayo.
18Umntu ohamba ngengqibelelo uyakhuseleka ebomini;
ke yena ondlela zimbaxa uyenzakala ngephanyazo.
19Umntu owalimayo amasimi akhe akasweli kutya,
kanti ke yena osukelana namampunge uvuna ubuhlwempu.
20Umntu othembekileyo uyathamsanqeleka;
kanti ke yena ongxamele ubutyebi akaze abe msulwa.
21Ukujonga ubuso akulunganga;
kodwa ke abanye abantu bangade bone nangenxa yeqhekeza eli lesonka.
22Umntu oligqolo usukelana nobutyebi;
akaqondi ukuba usenokufikelwa bubuhlwempu.
23Omkhalimelayo umntu wothi kamva afumane ukuhlonitshwa
kunalowo untetho ilalanisayo.
24Umntu oxhaphaza uyise nokuba ngunina, kodwa abe esithi: “Akukho nto imbi kuloo nto,”
akahluke nganto kwisikrelemnqa.
25Umntu onyolukileyo uphemba uqhushululu;
kambe ke yena okholosa ngoNdikhoyo uya kuphumelela.
26Umntu ozithembileyo akanangqondo;
kodwa yena ohamba ngendlela yobulumko ukhuselekile.
27Umntu onezinwe kumahlwempu akasweli nto;
ovala amehlo akhe kwiintswelo zawo wohlala eqalekiswa.
28Xa kulawula izikhohlakali abantu bayabaleka bazimele,
kodwa zakutshabalala amalungisa aba nempumelelo.

Currently Selected:

IZAFOBE 28: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy