YouVersion Logo
Search Icon

IZAFOBE 27

27
1Musa ukuqhayisa ngengomso,
kuba akuyazi loo mini ukuba iya kukuphathela ntoni na.
2Yeka ibe ngomnye okuncomayo, ingabi ngowakho umlomo;
ewe, mayibe ngowasemzini, kungaphumi emilebeni yakho.
3Amatye nesanti ngumthwalo onzima;
kodwa kona ukucatshukiswa sisityhakala luxanduva olungaphezulu.
4Umsindo unenkohlakalo, ingqumbo sisiphango;
kodwa ke akakho onokumelana nobukhwele.
5Akunani kwaisiluleko esisekuhleni
kunothando olufihlwayo.
6Isihlobo sinyanisekile noba singade sikwenzakalise;
siyakugqitha ukwangiwa kaninzi lutshaba.
7Umntu ohluthayo akabukhathalele nobusi,
kanti ke olambayo ukufumana kunencasa nokutya okukrakrayo.
8Umntu okude nekhaya
unjengentaka elahlekene nendlu yayo.
9Amafutha neziqholo zonwabisa intliziyo;
ke lona ulonwabo oluzuzwa kumhlobo ziingcebiso ezinyanisekileyo.
10Ungaze wahlukane nezihlobo zakho, ungazilibali nezakowenu.
Xa usengxakini sukubalekela kumntakwenu –
isenokuba ngummelwane osondeleyo onokukunceda ngaphezulu komntakwenu okude.
11Yoba luvuyo kum, mfo wam, ukuba uthe waba sisilumko;
ndotsho ndibe nako ukubaphendula abo bandigxekayo.
12Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi,
kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale.
13Zithathe izambatho zomntu omele ityala londwendwe;
ewe, bambisa ngazo kuba umele umntu wasemzini.
14Umntu okhahlela ummelwana wakhe ngemibuliso kwasekuseni
kusenokuba ngathi
uyamshwabulela.
15Umfazi osoloko eqhwaya ingxabano
ufana namathontsi emvula engumvimbi.
16Unjengomoya wona ungenakunqandwa,
nqwa namafutha wona angenako ukufunjathwa.
17Iintsimbi ziyalolana;
ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana.
18Umntu owukhathaleleyo umthi womkhiwane uyawafumana amakhiwane,
nomntu oyibusayo inkosi yakhe uya kuwongwa.
19Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;
ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.
20Ingcwaba nelabafileyo alize lihlúthe;
akwanjalo namehlo omntu.
21Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni;
igolide ivavanywa ngokuyinyibilikisa kwiziko lomlilo;
ke yena umntu uvavanywa ludumo alufumana ebantwini.
22Nokuba ungade usingqushe kunye nombona isityhakala,
soze ubukhuphe ubutyhakala baso.
23Qinisekisa ukuba uyayazi imo yemfuyo yakho,
uyaluse ngononophelo imihlambi yakho.
24Kaloku ubutyebi obu yinto edlulayo,
nesithsaba sobukhosi asihlali sihleli kwizizukulwana ngezizukulwana.
25Xa uyisikile ingca, wayenza ifulu,
lo gama enye isaqala ukuntshula,
nditsho xa utyani lwasezintabeni luhlanganisiwe,
26impahla yokunxiba ungayenza ngoboya beegusha,
futhi uthengise iibhokhwe, ufumane ixabiso lentsimi.
27Kwezi ziseleyo unganako ukusenga uyondle intsapho yakho,
ude uzibonelele nezicakazana zakho.

Currently Selected:

IZAFOBE 27: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy