YouVersion Logo
Search Icon

UNEHEMIYA 12

12
Uludwe lwababingeleli nabaLevi
1Naba ababingeleli nabaLevi ababuya noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli kunye noYeshuwa: uSeraya, uJeremiya, uEzra, 2uAmariya, uMaluki, uHatushe, 3uShekaniya, uRehum, uMeremoti, 4uIdo, uGineton, uAbhiya, 5uMiyamin, uMadiya, uBhilega, 6uShemaya, uJoyaribhi, uYedaya, 7uSalu, uAmoki, uHilekiya, noYedaya. Ezi ke ziinkokheli zababingeleli kunye namahlakani azo ngexesha likaYeshuwa.
8AbaLevi yayinguYeshuwa, uBhinuwi, uKademiyeli, uSherebhiya, uJuda, kunye noMataniya. Yena kunye namahlakani akhe babejongene neengoma zokubulela. 9UBhakebhukiya noUni namahlakani abo babemi bekhangelene nabo ezinkonzweni.
10UYeshuwa yayinguyise kaYoyakim, uYoyakim enguyise kaEliyashibhi, uEliyashibhi enguyise kaJoyada, 11uJoyada enguyise kaJonatan, uJonatan enguyise kaYaduwa.
12Nazi iinkulu zemizi yababingeleli ngemihla kaYoyakim:
kwaSeraya nguMeraya;
kwaJeremiya nguHananiya;
13kwaEzra nguMeshulam;
kwa-Amariya nguYehohanan;
14kwaMaluki nguJonatan;
kwaShebhaniya nguJosefu;
15kwaHarim nguAdena;
kwaMerayoti nguHelekayi;
16kwaIdo nguZakariya;
kwaGineton nguMeshulam;
17kwa-Abhiya nguZikri;
kwaMiniyamin nakwaMowadiya nguPiletayi;
18kwaBhilega nguShamuwa;
kwaShemaya nguJonatan;
19kwaJoyaribhi nguMatenayi;
kwaJedaya ngu-Uzi;
20kwaSalayi nguKalayi;
kwa-Amoki nguHebhere;
21kwaHilekiya nguHashabhiya;
kwaYedaya nguNataniyeli.
22Ke kaloku iinkulu zemizi yabaLevi ngemihla kaEliyashibhi, kaJoyada, kaJohanan, noYaduwa kunye nezababingeleli zabhaliswa ngexesha lolawulo lukakumkani uDariyo wasePeshiya. 23Kanti ke iinkulu zemizi kwinzala yabaLevi ukuthi xhaxhe ngexesha likaJohanan unyana kaEliyashibhi zafakwa kwincwadi yeengcombolo zembali. 24Iinkokheli zabaLevi yayinguHashabhiya, uSherebhiya, uYeshuwa unyana kaKademiyeli namahlakani abo, awayesima ekhangelene nabo esenza iindumiso nemibulelo, elinye iqela lithelela elinye ngokomyalelo kaDavide umfo wakwaThixo.
25UMataniya, uBhakebhukiya, uObhadiya, uMeshulam, uTalmon, noAkubhi, babengabalindi-masango ababegada oovimba ngasemasangweni. 26Babelungiselela ngemihla kaYoyakim unyana kaYeshuwa, kaYozadaki, nangemihla kaNehemiya umlawuli, noEzra umbingeleli ongumchazi-mthetho.
Ukunikezelwa kodonga lwaseJerusalem
27Ngethuba lonikezelo lodonga lwaseJerusalem abaLevi baya kufunwa apho babehlala khona, baza baziswa eJerusalem, ukuze balubhiyozele ngemihlali unikezelo olo ngeengoma zokubulela, becula bekhalisa amacangci, iihapu, nemirhubhe. 28Neemvumi zaqokelelwa kummandla ojikeleze iJerusalem, nakwiilali zamaNetofa, 29naseBhete-giligali, nakummandla waseGebha, naseAzemavete. Kaloku iimvumi ezo zazizenzele iilali kummandla ojikeleze iJerusalem. 30Akuba ezihlambulule wona ngokwawo abaLevi ahlambulula nabantu, amasango, kwanodonga.
31Iinkokheli zakwaJuda ndazidibanisa phezu kodonga. Ndamisela neekwayala ezinkulu zambini, zatsho ngemibongo. Enye yaqabela phezu kodonga, yajonga ngasekunene ekuyeni kwiSango lobuLongwe. 32UHoshaya nesiqingatha seenkokheli zakwaJuda zalandela 33kunye noAzariya, uEzra, uMeshulam, 34uJuda, uBhenjamin, uShemaya, uJeremiya, 35kunye nabanye ababingeleli, bephethe amaxilongo, uZakariya unyana kaJonatan, kaShemaya, kaMataniya, kaMikaya, kaZakure, ka-Asafu, 36namahlakani akhe, uShemaya, uAzarele, uMilalayi, uGilalayi, uMayi, uNataniyeli, uJuda, noHanani, benezikhalisi ezamiselwa nguDavide umfo wakwaThixo. Ke loo mngcelele wawukhokelwa nguEzra umchazi-mthetho. 37Xa bekwiSango loMthombo bathi ngqo ngezinyuko zesixeko sikaDavide, benyuka bekhangele eludongeni, bayidlula ngasentla indlu kaDavide, bajonga empuma kwiSango laManzi.
38Ikwayala yesibini yona yaqhuba iyifulathele leyo yokuqala. Ndalandela ndiphezu kodonga ndinesiqingatha sabantu, sadlula iNqaba yamaZiko, saya kuDonga oluBanzi, 39salidlula iSango lakwaEfrayim, nelikaYeshana kunye neleeNtlanzi, neNqaba kaHananeli, naleyo yeKhulu, see xhaxhe ngeSango leeGusha. Yaza ke yema kwiSango labaLindi.
40Ke ezo kwayala zazisenza imibongo, zema ngeendawo zazo endlwini kaThixo, ngokunjalo nam ndinesiqingatha samagosa, 41kunye nababingeleli – uEliyakim, uMaseya, uMiniyamin, uMikaya, uEliyohenayi, uZakariya, noHananiya, namaxilongo abo – 42kanti ke noMaseya, uShemaya, uElazare, u-Uzi, uYohanan, uMalkiya, uElam, noEzere. Ikwayala yayintyiloza ibhexeshwa nguYezeraya. 43Ngaloo mini ke benza amadini amaninzi bevuya, kuba uThixo ebathe jize ngovuyo olukhulu. Abafazi nabantwana nabo babechulumacha. Intsholo yemincili apho eJerusalem yayivakala nasekudeni.
44Ngelo thuba ke kwamiselwa amadoda okujonga oovimba bemirhumo, ulibo, kunye nezishumi. Kumasimi angqonge iidolophu ayeza kuthatha isabelo sababingeleli nabaLevi, asizise koovimba ngokommiselo womthetho. Kaloku uJuda wayanelisekile lulungiselelo lwabo babingeleli nabaLevi. 45Babemlungiselela uThixo wabo, beyenza nenkonzo yentlambululo, kwanjengeemvumi nabalindi-masango, ngokomyalelo kaDavide nonyana wakhe uSolomon. 46Kaloku kwakudala ngemihla kaDavide noAsafu kwakukho ababhexeshi-kwayala xa kuculwa awokudumisa nokubonga uThixo. 47Ngoko ke ngemihla kaZerubhabheli noNehemiya uSirayeli ephela wayikhupha imirhumo yemihla ngemihla, wanika iimvumi nabalindi-masango. Wazikhupha nezabelo zabanye abaLevi, kananjalo nabaLevi bazikhupha izabelo zenzala ka-Aron.

Currently Selected:

UNEHEMIYA 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy