YouVersion Logo
Search Icon

UNEHEMIYA 11

11
Abemi baseJerusalem
1Ke kaloku iinkokheli zesizwe zazinza eJerusalem, baza abanye abantu benza amaqashiso ukuze kwishumi ngalinye labantu umntu omnye aphume aye kuma eJerusalem, isixeko esingcwele, baze ke abaseleyo abalithoba beme kwiidolophu zabo. 2Abantu babancoma abo bazinikelela ukuya kuma eJerusalem.
3Nazi iinkokheli zephondo ezaya kuhlala eJerusalem: Ke amanye amaSirayeli, ababingeleli, abaLevi, nezicaka zendlu kaThixo, nenzala yezicaka zikaSolomon, yahlala kwiidolophu zelakwaJuda; yangulowo nalowo wahlala emzini wakhe kwezo dolophu zahlukeneyo; 4babe ke abanye abakwaJuda nabakwaBhenjamin behleli eJerusalem.
Kwinzala kaJuda yaba nguAtaya unyana kaUziya, kaZakariya, ka-Amariya, kaShefatiya, kaMahalaleli, inzala kaPerezi, 5noMaseya unyana kaBharuki, unyana kaKolihoze, kaHazaya, ka-Adaya, kaYoyaribhi, kaZakariya, inzala kaShela. 6Iyonke inzala kaPerezi, eyayihlala eJerusalem, yayingamagorha angamakhulu amane anamashumi amathandathu anesibhozo.
7Inzala kaBhenjamin yayinguSalu unyana kaMeshulam, kaJowedi, kaPedaya, kaKolaya, kaMaseya, kaItiyeli, kaYesaya, 8nabalandeli bakhe, uGabhayi noSalayi, bebonke bengamadoda angamakhulu alithoba anamashumi amabini anesibhozo. 9Inkokheli yabo yayinguJoweli unyana kaZikri, yena uJuda unyana kaSenuwa evelele isiphaluka sesibini sesixeko.
10Kubabingeleli yayinguYedaya unyana kaJoyaribhi, uJakin, 11uSeraya unyana kaHilekiya, kaMeshulam, kaZadoki, kaMareyoti, ka-Ahitubhi owayongamele indlu kaThixo, 12namahlakani abo awayeqhuba umsebenzi wendlu kaThixo bengamadoda angamakhulu asibhozo anamashumi amabini anambini; uAdaya unyana kaJeroham, kaPelaliya, ka-Amzi, kaZakariya, kaPashure, kaMalekiya, 13namahlakani akhe, iinkulu zezindlu, bengamadoda angamakhulu amabini anamashumi amane anesibini; uAmashesayi unyana ka-Azarele, ka-Azayi, kaMeshilemoti, kaImere, 14namahlakani akhe, iinto ezingamagorha, ikhulu elinamashumi amabini anesibhozo. Inkokheli yabo yayinguZabhediyeli unyana kaHagedolim.
15KubaLevi yayinguShemaya unyana kaHashubhi, ka-Azerikam, kaHashabhiya, kaBhuni; 16uShabhetayi noYozabhadi, bobabini iziinkulu zabaLevi ezazongamele umsebenzi wangaphandle kwindlu kaThixo; 17uMataniya unyana kaMika, kaZabbedi, ka-Asafu, umbhexeshi kwezokubulela nezokuthandaza; uBhakebhukiya owayelisekela kumahlakani akhe; noAbheda unyana kaShamuwa, kaGalali, kaYedutun. 18Bebonke abaLevi kwisiXeko esiNgcwele babengamakhulu amabini anamashumi asibhozo anane.
19Abalindi-masango yayinguAkubhi, uTalmon, namahlakani abo awayelinda amasango, amadoda alikhulu elinamashumi asixhenxe anesibini.
20Amanye ke amaSirayeli nababingeleli nabaLevi ayekuzo zonke iidolophu zakwaJuda, ulowo nalowo ekumzi olilifa looyise-mkhulu.
21Izicaka zendlu kaThixo zazihlala kwinduli iOfeli, uZiha noGishpa beziinkokheli zazo.
22Inkokheli yabaLevi eJerusalem yayingu-Uzi unyana kaBhani, kaHashabhiya, kaMataniya, kaMika. U-Uzi lo wayengomnye kwinzala ka-Asafu eyayikwiimvumi zenkonzo yendlu kaThixo. 23Iimvumi ezi zaziphantsi kwemiyalelo kakumkani, umsebenzi wazo wemihla ngemihla uxhomekeke kuye.
24UPetaniya unyana kaMeshezabheli, omnye wenzala kaZera unyana kaJuda, wayesisandla sikakumkani kuyo yonke imicimbi emayela noluntu.
25Ngokumayela neelali namasimi azo, abanye kubantu bakwaJuda babehlala eKiriyati-arbha namaphandle ayingqongileyo, eDibhon neziphaluka, eKabhezeli neelali zayo, 26eYeshuwa, eMolada, eBhete-pelete, 27eHazare-shuwali, eBheshebha neelali zayo, 28eZikelage, eMekona neziphaluka, 29e-En-rimon, eZora, eYamuti, 30eZanowa, eAdulam neelali zazo, eLakishe namasimi ayo, eAzeka neziphaluka. Ewe, babethe qwelele kuwo wonke loo mmandla ukusuka eBheshebha kuye kwintili yeHinom.
31Inzala kaBhenjamin eyayivela eGebha yayihlala eMikmas, eAya, eBhetele neziphaluka, 32eAnatoti, eNobhi, eAnaniya, 33eHazore, eRama, eGitayim, 34eHadide, eZebhoyim, eNebhalati, 35eLodi, eOno, nakwiNtili yeeNgcibi.
36Amanye kumaqela abaLevi akwaJuda ema kwaBhenjamin.

Currently Selected:

UNEHEMIYA 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy