YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 8

8
UYesu wandisa ukutya kwakhona
(Mat 15:32-39)
1Ngaloo mihla, xa kwakuhlanganisene isihlwele kwakhona, singenanto sinokuyitya, uYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo: 2“Ndiyavelana nesi sihlwele, kuba sekuziintsuku ezintathu aba bantu bekunye nam. Ke abasenanto ityiwayo. 3Ukuba ndiyabandulula bagoduke bengatyanga, bophelelwa endleleni, kuba inxenye yabo ivela kude.”
4Bamphendula abafundi bakhe besithi: “Kungafumaneka phi apha entlango ukutya okunokubanela aba bantu?”
5Wababuza ke esithi: “Zingaphi izonka eninazo?”
Bathi ke bona: “Zisixhenxe.”
6UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; wazithatha ezo zonka zisixhenxe, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe ukuba bazabele isihlwele. Benjenjalo ke. 7Babenazo neentlanzana ezimbalwa. Akuba uYesu ebulele kuThixo, wathi mazabelwe isihlwele nazo. 8Batya ke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela. 9UYesu wasindulula ke eso sihlwele esasikumawaka amane abantu; 10waza kwangoko wakhwela esikhitshaneni kunye nabafundi bakhe, waya kummandla waseDalmanuta.
AbaFarasi bafuna umqondiso
(Mat 16:1-4)
11Bafika ke *abaFarasi, baza bamgocagoca ngemibuzo uYesu, befuna umqondiso ovela ezulwini, bemlinga. 12Watsho ngesingqala esibuhlungu, wathi kubo: “Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Ndithi kuni, inene, soze siwunikwe umqondiso onjalo esi sizukulwana!”
13Wabashiya, waphinda wakhwela esikhitshaneni, wemka waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili.
Igwele labaFarasi nelikaHerode
(Mat 16:5-12)
14Abafundi babelibele ukuphatha izonka, benesonka esinye kuphela esikhitshaneni. 15Wabayala uYesu esithi: “Ligqaleni nililumkele igwele labaFarasi negwele likaHerode.”
16Bona ke babesithi omnye komnye: “Útsho ngokuba singenazonka.”
17UYesu, ekwazi oko bakuthethayo, wathi kubo: “Yini na ukuba nithethe ngokungabi nazonka? Anikaqiqi na; aniqondi na? Ngaba iqaqadekile na intliziyo yenu? 18Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na 19ukuba zazingaphi iingobozi ezizele ngamasalela okuyá ndandiqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu?”
Bathi kuye: “Zazilishumi elinambini.”
20Kwakhona wathi: “Okuyá ke izonka ezisixhenxe ndandiziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iibhaskiti ezazizele yintsalela?”
Bathi ke: “Zazisixhenxe.”
21Wathi ke kubo: “Phofu yini na ke ukuba ningaqondi?”
UYesu uphilisa imfama eBhetesayida
22Bafika ke eBhetesayida, kweziswa imfama kuYesu, wabongozwa ukuba ayichukumise. 23UYesu wayibamba ngesandla imfama leyo, waphuma nayo edolophini; waza wayiqaba ngamathe emehlweni, wayibeka izandla, wayibuza ukuba inanto iyibonayo na.
24Yaphakamisa intloko, yathi: “Ndibona abantu, bengathi yimithi. Nâbo behamba.”
25Kwakhona ke uYesu wazibeka izandla emehlweni ayo, yaza yakhangela yondela, yaphila, yabona konke ngokucacileyo. 26UYesu ke wayiyalela ukuba igoduke, esithi: “Sukubuyela edolophini.”
UPetros uyavuma ukuba uYesu unguKrestu
(Mat 16:13-20; Luka 9:18-21)
27Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya ezidolophini zaseKhesariya-Filipi. Endleleni wababuza abafundi bakhe esithi: “Ngaba abantu bathi ndingubani na?”
28Bamphendula besithi: “Kuthiwa ùnguYohane umbhaptizi. Abanye bathi ùnguEliya. Kanti abanye bathi ùngomye *wabashumayeli.”
29Wathi ke yena kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”
Waphendula uPetros esithi kuye: “Wena unguye *uKrestu.”
30UYesu ke wabayala ukuba bangaxeleli bani ngaye.
UYesu ufundisa okokuqala ngokufa nokuvuka kwakhe
(Mat 16:21-28; Luka 9:22-27)
31Waqala ke uYesu ukubafundisa abafundi bakhe, esithi: “*UNyana woLuntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu; achaswe ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho; aze abulawe, athi emva kweentsuku ezintathu abuye avuke.” 32Wakuthetha oku kubo ngokucacileyo. UPetros ke, emse ngasese uYesu, wamkhalimela. 33Uthe ke uYesu, ejikile wajonga kubafundi bakhe, wakhalimela uPetros, esithi: “Suka umke kum, Sathana. Akuzinyamekeli izinto zikaThixo; unyamekela ezabantu.”
34UYesu wasibizela kuye isihlwele kwanabafundi bakhe, wathi kubo: “Othanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele. 35Kuba othe wathanda ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezimnandi ezi, wobusindisa. 36Kuba kaloku komnceda ntoni umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? 37Okanye umntu wobeka ntoni elingana nexabiso lobomi bakhe? 38Othe ke waneentloni ndim nangamazwi am kwesi sizukulwana sonayo, sikrexezayo ngokunganyaniseki kuThixo, naye uNyana woLuntu woba neentloni nguye, xa athe weza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa ezingcwele.”

Currently Selected:

UMARKO 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy