YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 7

7
Isithethe samanyange
(Mat 15:1-9)
1*AbaFarasi nabachazi-mthetho abathile bahlanganisana ngakuYesu, bevela eJerusalem, 2baza babona abathile kubafundi bakhe besitya isonka ngezandla ezinomlaza, ezingahlanjwanga. 3Kaloku abaFarasi namaJuda onke abatyi bengazihlambanga izandla ngokwesiko, begcine isithethe samanyange. 4Naxa bevela emarikeni abatyi bengahlambanga. Zikho ke nezinye izinto ezininzi abazamkele ukuba bazigcine, ezinjengokutshizwa kweendebe, neebhekile, nezitya.
5AbaFarasi nabachazi-mthetho bambuza ke uYesu, besithi: “Kutheni na ukuba abafundi bakho bangenzi ngokwesithethe samanyange, le nto batya isonka ngezandla ezingahlanjwanga?”
6Wabaphendula esithi: “UIsaya wayenyanisile ukushumayela ngani, bahanahanisindini, njengokuba kubhaliwe kwathiwa:
“ ‘Aba bantu bandibeka ngomlomo,
kanti yona intliziyo ikude lee kum,’ itsho iNkosi.
7‘Bafumana bendihlonela,
kuba bafundisa iimfundiso eziyimithetho nje yabantu.’
8“Kaloku niwuyekile umyalelo kaThixo, nasuka nagcina isithethe sabantu.”
9Kwakhona wathi kubo: “Ningamachule ekuwutshitshiseni umyalelo kaThixo, nokuze niphakamise esenu isithethe. 10Andithi uMosis wathi: ‘Beka uyihlo nonyoko;’ watsho nokuthi: ‘Othuka uyise, nokuba ngunina, makabulawe’ ? 11Kanti ukuba ubani unento angámnceda ngayo uyise nokuba ngunina, aze asuke athi uzimisele ukuyenza umnikelo kuThixo loo nto, nina ngokwesithethe senu nithi 12akasavumelekanga ukumenzela nto ngaloo nto uyise nokuba ngunina. 13Ngokwenjenjalo nilenza into engento ilizwi likaThixo, nilandele isithethe senu enisifundisayo. Zikho ke nezinye izinto ezininzi ezilolu hlobo enizenzayo.”
Ezona zinto zimngcolisayo umntu
(Mat 15:10-20)
14UYesu wayibizela kuye kwakhona indimbane, wathi: “Phulaphulani nonke, nivisise. 15Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto eziphuma kuye entliziyweni ngaphakathi ezimngcolisayo. [ 16Ke oneendlebe zokuva makeve.]”
17Akungena endlwini, evela kwindimbane leyo, abafundi bakhe bambuza intsingiselo yala mazwi. 18Wathi kubo: “Nikwanje nani na ukungaqondi? Aniqondi na ukuba konke akutyayo umntu, akunako ukumngcolisa? 19Kaloku akungeni entliziyweni yakhe, kungena esiswini, kuze kuphume xa aye ngasese.” Ngala mazwi uYesu wayesithi zonke izidlo zihlambulukile.
20Wahambisa wathi: “Zizenzo eziphuma entliziyweni yomntu ezimngcolisayo. 21Kaloku zivela ngaphakathi entliziyweni yomntu iingcamango ezimbi. Kulapho kuvela khona ubuhenyu, ubusela, ukubulala, 22ukukrexeza, ukunyoluka, inkohlakalo, inkohliso, ukurheletya, umona, ukunyelisa uThixo, ikratshi, ububhanxa. 23Zonke ezi zinto zikhohlakeleyo ziphuma entliziyweni yomntu, zize zimngcolise.”
Ukukholwa komSirofenikazi
(Mat 15:21-28)
24Emkile apho uYesu, waya emideni yaseTire; wangena endlwini, engafuni ukuba kwaziwe ukuba ukho, kodwa akaba nako ukufihlakala. 25Umfazi othile, ontombazana yayinendimoni, uthe kwangoko akuva ngaye, waya kuye, wazikhahlela ngasezinyaweni zakhe. 26Lo mfazi, ontetho yayisisiGrike, wayengumSirofenikazi ngokuzalwa. Wabongoza uYesu ukuba ayikhuphe kwintombazana yakhe indimoni leyo.
27Wathi ke uYesu kuye: “Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala. Kaloku akufanelekanga ukuba ukutya kwabantwana kunikwe iinjana.”
28Waphendula yena wathi kuye: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana eziphantsi kwetafile zitya imvuthuluka yokutya kwabantwana.”
29Waza wathi kuye uYesu: “Ngenxa yokuthethileyo, hamba uhambe: indimoni iphumile kwintombazana yakho.” 30Egodukile ke, wayifumana intombazana yakhe ingqengqe ebhedini, iphumile indimoni.
UYesu uphilisa isithulu
31UYesu ke waphuma emideni yaseTire, wadlula eSidon, waya kuLwandle lwaseGalili, ecanda kweleeDolophu eziliShumi. 32Kweziswa kuye isithulu esithintithayo, wabongozwa ukuba abeke isandla phezu kwaso. 33UYesu ke wasishenxisa esihlweleni sasodwa, wafaka iminwe ezindlebeni zaso, wathi etshicile, wachukumisa ulwimi lwaso, 34wakhangela ezulwini, wancwina wathi kuso: “Efata;” (oko kukuthi: “Vuleka”).
35Zavuleka ke kwangoko iindlebe zaso, yacombuluka ingqambu yolwimi lwaso, sathetha kakuhle. 36UYesu wabayala ukuba bangaxeleli bani, kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kokukhona bakuvakalisayo ngakumbi. 37Abantu bamangaliswa bathi nqa, besithi: “Konke akwenzayo ukwenza kakuhle; uzenza nezithulu zive, nezimumu zithethe.”

Currently Selected:

UMARKO 7: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy