YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 6

6
Ukudelwa kukaYesu eNazarete
(Mat 13:53-58; Luka 4:16-30)
1Wemka apho uYesu, wabuyela kowabo, elandelwa ngabafundi bakhe. 2Uthe ke, kwakuba *nguMhla woPhumlo, wafundisa *endlwini yesikhungo. Kwakukho abantu abaninzi apho, abathe, bakuva, bamangaliswa, besithi: “Lo uyithathe phi na yonke le nto? Bulumko buni na obu abunikiweyo ukuze enze imimangaliso elolu hlobo? 3Lo akanguye na umchweli, unyana kaMariya, umntakwabo-Yakobi noYose noJuda noSimon? Noodade wabo abakho na apha phakathi kwethu?” Ngenxa yale nto ke bambukula.
4Ke uYesu wathi kubo: “Kakade *umshumayeli uyayinikwa imbeko; kukowabo kuphela, kwizizalwana zakhe, ekhayeni lakhe, apho angayifumaniyo khona.”
5Wayengenako ke ukwenza namnye ummangaliso apho, ngaphandle kokuba abeke izandla kwimilwelwe embalwa, ayiphilise. 6Wayemangaliswa kukungakholwa kwabo.
Ukuthunywa kwabafundi abalishumi elinambini
(Mat 10:5-15; Luka 9:1-6)
Wayejikeleza uYesu ezityhutyha iidolophana efundisa. 7Wababizela kuye abafundi abalishumi elinambini, waza wabathuma ngababini, ebanike igunya lokoyisa iindimoni. 8Wabayalela ukuba bangaphathi nto ngaphandle komsimelelo. Wayesithi mabangaphathi nangxowa, nasonka, namali embhinqweni; 9bathi noko banxibe izihlangu, kodwa bangaphathi zambatho zingazibini.
10Ngaphezu koko wathi kubo: “Kuloo ndlu nithe naya kungena kuyo, hlalani kuyo nide nimke kuloo dolophu. 11Ukuba nithe nafika endaweni apho sukuba ningàmkelwa khona, okanye ningàphulaphulwa nokuphulaphulwa oku, mkani apho, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu, ukuze oko kube bubungqina bokuba abanamkelanga.”
12Baphuma ke, bashumayela besithi abantu mabaguquke. 13Bakhupha iindimoni ezininzi, bayithambisa ngeoyile imilwelwe emininzi, bayiphilisa.
Ukubulawa kukaYohane umbhaptizi
(Mat 14:1-12; Luka 9:7-9)
14Wakuva ke oko ukumkani uHerode, kuba igama likaYesu lalithe laduma, kusithiwa: “UnguYohane umbhaptizi ovusiweyo kwabafileyo; kungoko ayenzayo le mimangaliso.” 15Abanye babesithi: “ÚnguEliya;” abanye besithi: “*Úngumshumayeli ofana nabashumayeli bamandulo.”
16Ekuvile ke oko uHerode, wathi: “Lo nguYohane, lowa ndamnqumla intloko. Naku evukile ngoku!” 17Kuba uHerode ngokwakhe wayethumele ukuba abanjwe uYohane, afakwe entolongweni. UHerode wakwenza oku ngenxa kaHerodiya awayethe wamzeka nangona angumka-Filipu, umninawe wakhe. 18Kaloku uYohane wayethe kuHerode: “Akuvumelekanga ukuba umthathe umfazi womntakwenu.”
19UHerodiya ke wamxhiba, wazungula ukumbulala. Kodwa wayengenako, 20kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elungileyo, engcwele, waza wambeka elugcinweni. UHerode wayethanda ukumphulaphula uYohane, nangona wayedideka kakhulu akumva.
21Lada ke lafika ithuba elihle kuHerodiya. Yayisisikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, waza wazenzela itheko izikhulu zakhe, neenjengele zakhe, namanene elaseGalili. 22Yangena ke intombi kaHerodiya, yangqungqa yamkholisa uHerode nabo babesethekweni kunye naye. Waza ukumkani wathi kwintombi leyo: “Cela nantoni na oyifunayo; ndokupha.” 23Wafunga esithi: “Into othe wayicela kum ndokupha, nokuba sisiqingatha sobukumkani bam.”
24Yaphuma ke intombi, yaya kunina, yathi: “Ndicelè ntoni, mama?”
Wathi yena: “Cela intloko kaYohane umbhaptizi.”
25Kwangoko intombi leyo yaya kungena ngokungxama kukumkani, yacela isithi: “Ndifuna undinike intloko kaYohane umbhaptizi ngesitya ngoku.” 26Waba buhlungu kakhulu ukumkani, kodwa akabanga nakulandula, kuba wayefunge phambi kwabo bonke ababesethekweni. 27Kwangoko ke ukumkani wathuma umxhomi, emyalela ukuba azise intloko kaYohane. Waya ke, wamnqumla intloko entolongweni apho, 28waza wayizisa ngesitya intloko yakhe, wayinika intombi leyo; yaza yona yayinika unina. 29Bekuvile oko abafundi bakaYohane, beza basithatha isidumbu sakhe, baya kusingcwaba.
UYesu wandisa ukutya
(Mat 14:13-21; Luka 9:10-17; Yoh 6:1-14)
30*Abathunywa ke babuyele kuYesu, bamxelela zonke izinto ababezenzile kwanababezifundisile. 31UYesu wathi kubo: “Yizani ngasese kwindawo engenabantu, niphumle kancinane;” kuba babebaninzi abaphuma bengena, baza ababa nalo nethutyana eli lokuba batye. 32Bemka ngesikhitshana ke bebodwa, besiya kwindawo engenabantu.
33Babonwa besimka, baza baziwa ngabaninzi. Bathi ke abantu, bevela kuzo zonke iidolophu, bakhawuleza baya khona ngeenyawo, bafika ngaphambi kwabo. 34Uthe ke uYesu, akuphuma esikhitshaneni, wasibona eso sihlwele, wavelana naso, kuba sasinjengeegusha ezingenamalusi, waza ke wasifundisa izinto ezininzi. 35Lakuba limkile ixesha, abafundi bakhe beza kuye, bathi: “Le ndawo ayinamizi, nexesha selimkile; 36bandulule abantu bemke, baye emizini ejikelezileyo nasezidolophaneni, bazithengele ukutya.”
37Kodwa waphendula wathi kubo: “Bapheni nina ukutya.”
Bathi kuye ke: “Masithini ke? Uthi masiye kuthenga izonka zeerandi ezingamakhulu amabini, sibaphe batye?”
38Wathi yena kubo: “Izonka eninazo zingaphi? Hambani niye kukhangela.”
Besazi ke, bathi: “Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.”
39UYesu wabayalela abafundi bakhe ukuba babahlalise phantsi bonke engceni eluhlaza, babe ngamaqela ngamaqela. 40Bahlala phantsi ke bengamaqela ngamaqela, bengamakhulu namashumi ngamahlanu. 41Wazithatha uYesu ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi, ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, ukuba bazabele abantu. Kwanezo ntlanzi zimbini wazabela bona bonke. 42Batya ke bonke bahlutha. 43Kwaqokelelwa okuseleyo esonkeni nasentlanzini, kwazalisa iingobozi ezilishumi elinambini. 44Abo bâthi bazitya izonka ezo babekumawaka amahlanu amadoda.
UYesu uhamba phezu kwamanzi
(Mat 14:22-33; Yoh 6:15-21)
45Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bangene esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, ngeli xa yena asindululayo isihlwele. 46Akuba ke ebulisile, wemka waya kuthandaza entabeni. 47Kuhlwe isikhitshana siphakathi elwandle, yena uYesu esele yedwa emhlabeni. 48Wababona ke abafundi bebulaleka kukubheqa isikhitshana, kuba umoya wawuvela ngaphambili. Ke, emva kwentsimbi yesithathu ekuseni, waya kubo ehamba phezu kwamanzi olwandle. Xa wayeza kugqitha kubo, 49bambona ehamba phezu kwamanzi olwandle, baza bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala, 50kuba bambona bonke, babethwa luvalo.
Kwangoko ke wathetha nabo, wathi kubo: “Zolani; ndim; musani ukoyika.” 51Waya kukhwela apho esikhitshaneni, waza umoya wadamba. Bamangaliswa kunene, 52kuba nommangaliso wezonka babengawuqondanga, kuba iintliziyo zabo zaziqaqadekile.
UYesu uphilisa abagulayo ezweni laseGenesarete
(Mat 14:34-36)
53Bakuwelela ngaphesheya uYesu nabafundi bakhe bafika kwelaseGenesarete, basirhuqela elunxwemeni isikhitshana. 54Bakuphuma esikhitshaneni, abantu bamqonda kwangoko uYesu, 55bathi saa kuwo wonke loo mmandla, baza babathwala ngeenkukho abagulayo, bebasa apho babesiva ukuba ukho khona. 56Naphi na apho wayehamba khona, nokuba kusezidolophaneni, nokuba kusezidolophini, nokuba kusemaphandleni, babesithi bababeke abagulayo kwiindawo zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise nokuba ngumqukumbelo nje wesambatho sakhe. Baphila ke abo bâmchukumisáyo.

Currently Selected:

UMARKO 6: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy