YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 5

5
Ukuphiliswa komntu waseGerasa oneendimoni
(Mat 8:28-34; Luka 8:26-39)
1Bafika phesheya koLwandle lwaseGalili, kummandla welaseGerasa. 2Akuba uYesu ephumile esikhitshaneni, wahlangatyezwa ngumntu onendimoni, esuka emangcwabeni, 3apho wayehlala khona. Ke kwakungekho bani unako ukumbopha nangamatyathanga. 4Wayemana ebotshwa ngamakhamandela nangamatyathanga, kodwa awaqhawule amatyathanga, awakroboze namakhamandela. Kwakungekho bani unako ukumthoboza. 5Wayesithi ubusuku nemini ahlale ezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezixuzula ngamatye.
6Uthe ke, akubona uYesu esekude, wabaleka, waya kuguqa phambi kwakhe, 7wakhala kakhulu, wathi: “Ufuna ntoni na kum, Yesu, Nyana kaThixo uPhezukonke? Funga uThixo ukuba akuyi kundithuthumbisa.” 8Wayesitsho kuba uYesu wayethe kuye: “Phuma kuloo mntu, ndimonindini.”
9UYesu ke wambuza esithi: “Ungubani wena igama lakho?”
Waphendula esithi: “NdinguMkhosi, kuba sibaninzi.” 10Watsho ebongoza uYesu ukuba iindimoni ezo angazigxothi zimke kwelo zwe.
11Kwakukho umhlambi omkhulu weehagu usidla apho ngasentabeni; 12zaza iindimoni ezo zambongoza uYesu, zisithi: “Sithumele ezihagwini, singene kuzo.” 13Wazivumela ke; zaza zaphuma iindimoni, zaya kungena ezihagwini. Ke umhlambi lowo, owawumalunga namawaka amabini eehagu, waphaphatheka, wehla ethambekeni, waya kweyela elwandle, warhaxwa.
14Bathe ke abo babezalusa ezi hagu babaleka, bakuxela edolophini nasemaphandleni okwenzekileyo. Baphuma ke abantu baya kubona oko kwenzekileyo. 15Bafika kuYesu, bambona lowo ubephethwe ngumkhosi weendimoni ehleli phantsi, enxibile, esezingqondweni; baza boyika. 16Abo babeyibonile loo nto babaxelela okwenzekileyo kobephethwe ziindimoni, nokwenzekileyo ezihagwini. 17Baza ke bambongoza uYesu ukuba emke kuloo mmandla wabo.
18Xa wayengene esikhitshaneni uYesu, lowo ubephethwe ziindimoni wambongoza ukuba ahambe naye. 19Kodwa akamvumelanga; koko wathi kuye: “Goduka, ubaxelele abakowenu oko ikwenzeleyo iNkosi: inceba engaka!”
20Wemka ke, wakuxela kummandla weeDolophu eziliShumi oko uYesu wayemenzele kona. Bamangaliswa bonke abantu.
Intombi kaJayiro nomfazi owaphiliswa kukuchukumisa uYesu
(Mat 9:18-26; Luka 8:40-56)
21Akuba uYesu ebuye wawela uLwandle lwaseGalili ngesikhitshana, kwahlanganisana ngaselwandle apho isihlwele esikhulu. 22Kwathi ke kwafika igosa lendlu yesikhungo, eligama linguJayiro, elathi lakumbona, lakhahlela, 23laza lambongoza, lisithi: “Intombi yam isindekile. Khawuze ubeke izandla zakho phezu kwayo, ukuze ichache, iphile.”
24UYesu ke wahamba nalo, ephahlwe yindimbane enkulu eyayimxinile.
25Kwakukho nomfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini esifa, 26ephatheke kabuhlungu kumagqirha amaninzi. Wayedleke konke awayenako, engancedakali, kodwa eya egula ngakumbi. 27Evile ke ngoYesu, wasondela kuye ngasemva esesihlweleni apho, wayichukumisa ingubo yakhe; 28kuba wayesithi: “Ukuba ndithe ndachukumisa nokuba yingubo yakhe le, ndophila.”
29Lanqamka kwangoko igazi, waziva emzimbeni wakhe ukuba uphilile kweso sifo. 30Ngoko nangoko uYesu waqonda ukuba kukho amandla aphumileyo kuye, wabheka ngasemva esendimbaneni apho, wathi: “Ngubani lo uchukumise ingubo yam?”
31Abafundi bakhe bathi kuye: “Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, ungáthini ke ukuthi: ‘Ngubani lo undichukumisileyo?’ ”
32Noko yena wasinga-singa ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto. 33Uthe ke umfazi lowo, ekuqondile okwenzeke kuye, weza esoyika, engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, wamxelela inyaniso yonke. 34UYesu wathi kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uphile kweso sifo sakho.”
35Kwathi uYesu esathetha, kwafika abakulogosa lendlu yesikhungo, besithi: “Intombi yakho ibhubhile; usamkhathazelani na uMfundisi?”
36UYesu yena, eyivile loo nto, wathi kwigosa lendlu yesikhungo: “Musa ukoyika; kuphela kholwa wena.” 37Ke akavumela mntu ukuba ahambe naye, ngaphandle koPetros noYakobi noYohane, umninawe kaYakobi. 38Bafika ke emzini wegosa lendlu yesikhungo, waza uYesu wasibona isiphithi-phithi sabalilayo nabenza isijwili esikhulu. 39Akungena, wathi kubo: “Yini na ukuba nenjenje ukuphithizela nokulila? Akafanga umntwana; ulele.”
40Basuka bamwa ngentsini. Wabakhuphela phandle ke bonke, wathatha uyise womntwana nonina, nâbo bafundi babenaye, wangena apho wayekhona umntwana. 41UYesu ke wambamba ngesandla umntwana, wathi kuye: “Talita, kum;” oko kukuthi: “Ntombazana, vuka!”
42Yavuka kwangoko intombazana leyo, yahamba-hamba. (Yayineminyaka elishumi elinambini izelwe.) Bamangaliswa abantu, bakhwankqiswa. 43UYesu wabayala kakhulu ukuba bangaxeleli mntu, waza wathi mayinikwe into etyiwayo intombazana leyo.

Currently Selected:

UMARKO 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy