YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 15

15
UYesu phambi koPilato
(Mat 27:1-2,11-14; Luka 23:1-5; Yoh 18:28-38)
1Kwakusa ke, ababingeleli abaziintloko benza isigqibo, benamadoda amakhulu nabachazi-mthetho *neBhunga liphela. Bambopha ke uYesu, bemka naye, bamnikela kuPilato. 2UPilato wambuza esithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”
Waphendula yena wathi kuye: “Nawe utsho.”
3Bammangalela ke uYesu ngeendawo ezininzi ababingeleli abaziintloko. 4Waphinda uPilato wambuza esithi: “Akuphenduli nento le na? Khangela ukuba ninzi kwazo iindawo abakumangalela ngazo.”
5Noko ke uYesu akaphendulanga nento le, ngokokude amangaliswe uPilato.
UYesu ugwetyelwa ukufa
(Mat 27:15-26; Luka 23:13-25; Yoh 18:39 – 19:16)
6Ke kaloku *ngePasika uPilato wayedla ngokubakhululela umbanjwa abe mnye – lowo ke babethi bamcele. 7Ke kwakukho mbanjwa uthile unguBharabha owayebanjwe kunye nabanye abenzi besaqunge, ababebanjwe ngokubulala xa kwakukho isidubedube. 8Safika ke isihlwele, saza sacela ukuba uPilato enze ngokwesiqhelo. 9Waphendula uPilato esithi: “Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaJuda na?” 10Wayesazi ukuba ababingeleli abaziintloko bamnikele ngomona uYesu.
11Ke bona ababingeleli abaziintloko basifunza isihlwele ukuba sicele ukuba asikhululele uBharabha, ingabi nguYesu. 12Waphinda wabuza uPilato, esithi: “Ndimthini na ke lowo nina nithi ngukumkani wamaJuda?”
13Baphendula bekhwaza besithi: “Mbethelele emnqamlezweni!”
14Wathi ke kubo uPilato: “Kuba enze bubi buni na?”
Kodwa kwaba kukhona bankqangazayo, besithi: “Mbethelele emnqamlezweni!”
15UPilato ke, efuna ukusikholisa isihlwele, wamkhulula uBharabha, uYesu yena wamnikela ukuba akatswe, abethelelwe emnqamlezweni.
Amajoni ahlekisa ngoYesu
(Mat 27:27-31; Yoh 19:2-3)
16Amajoni amsa uYesu ngaphakathi kweyadi yomzi werhuluneli, alibizela ndawonye ibutho lawo liphela. 17Amambathisa ingubo ebomvu uYesu, athi, eluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso, 18aza akhahlela esithi: “Aa, kumkani wamaJuda!” 19Ambetha entloko ngengcongolo, amtshicela, akhahlela. 20Athi ke akuba ehlekise ngaye, amhluba loo ngubo ibomvu, amambathisa kwaezakhe, aphuma naye esiya kumbethelela emnqamlezweni.
UYesu ubethelelwa emnqamlezweni
(Mat 27:32-44; Luka 23:26-43; Yoh 19:17-27)
21Amajoni ke anyanzela umntu othile, owayedlula evela emaphandleni, ukuba athwale umnqamlezo kaYesu. Lowo wayenguSimon waseKirene, uyise ka-Alesandire noRufo. 22Amsa ke uYesu endaweni ekuthiwa yiGolgota (oko kukuthi, xa kuguqulwayo, iNdawo yoKhakhayi). 23Apho ke amnika iwayini enesiyobisi, kodwa akavumanga ukuyisela. 24Ambethelela ke emnqamlezweni uYesu, aza abelana ngeengubo zakhe, esenza *amaqashiso ngazo, ukuze othile athathe ethile.
25Ke kaloku kwakungentsimbi yethoba kusasa ukumbethelela kwabo emnqamlezweni. 26Phezulu emnqamlezweni kwakubhalwe ityala lakhe, kwathiwa: “UKumkani wamaJuda.” 27Kwakubethelelwe kunye naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo. [ 28Kwazaliseka ke okubhalwe *eziBhalweni kusithiwa: “Wabalelwa kwabachasene nomthetho.” ]
29Abadlulayo babemnyelisa uYesu, behlunguzela iintloko, besithi: “Tshotsho! Wena uchitha *indlu kaThixo, uyakhe ngeentsuku ezintathu, 30zisindise uhle emnqamlezweni!”
31Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko babehlekisa ngaye, bezithethela bekunye nabachazi-mthetho, besithi: “Abanye wabasindisa, kodwa yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. 32*UKrestu, uKumkani wakwaSirayeli, makehle kaloku emnqamlezweni, sibone, size sikholwe.”
Kwanâbo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye babemenza isigculelo.
Ukufa kukaYesu
(Mat 27:45-56; Luka 23:44-49; Yoh 19:28-30)
33Ke kaloku ngentsimbi yeshumi elinambini emini, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini. 34Ngentsimbi yesithathu ke, uYesu wakhala ngezwi elikhulu, esithi: “Eloyi, Eloyi, lama sabaktani?” (Oko kukuthi xa kuguqulwayo: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?”)
35Ithe ke inxenye yababekho, yakukuva oko, yathi: “Yivani, ubiza uEliya.” 36Wabaleka omnye, wazalisa imfunxa ngewayini emuncu, wayibeka engcongolweni, wamseza, esithi: “Kahleni, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na.”
37UYesu ke wakhala ngezwi elikhulu, waphuma umphefumlo.
38Lathi ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo lakrazuka kubini, kususela phezulu kuye ezantsi. 39Ekubonile ukufa kukaYesu, umphathi-butho wamajoni, owayemi malunga naye, wathi: “Inyaniso, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”
40Kwakukho nabafazi, bekhangele bemgama. Kubo apho kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi omncinci noYose, ekho noSalomi. 41Bona bâmlandela uYesu eseseGalili, bemlungiselela. Kwakukho nabanye abafazi abaninzi ababenyuke naye ukuya eJerusalem.
Ukungcwatywa kukaYesu
(Mat 27:57-61; Luka 23:50-56; Yoh 19:38-42)
42-43Kuthe ke kwakuba kuhlwile, kwafika uJosefu waseArimati. Yena wayelilungu elibekekileyo *leBhunga, elulindele naye ulawulo lukaThixo. Ekubeni ke kwakuyimini yokulungiselela (oko kukuthi umhla ophambi *kowokuPhumla), yena waya kungena ngobuganga kuPilato, wawucela umzimba kaYesu. 44Wamangaliswa ke uPilato akuva ukuba uYesu selefile, waza wabiza umphathi-butho wamajoni, wambuza ukuba uYesu selenexesha na efile. 45Wathi ke, akuqonda kumphathi-butho lowo, wamnika uJosefu umzimba kaYesu. 46UJosefu ke, ethenge ilinen, wamthula uYesu, wamsongela kuyo, wambeka engcwabeni elalixholwe eliweni, waqengqela ilitye, walivala ingcwaba. 47Babona ke ooMariya waseMagadala noMariya unina kaYose apho wayebekwe khona uYesu.

Currently Selected:

UMARKO 15: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy