YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 16

16
Ukuvuka kukaYesu
(Mat 28:1-8; Luka 24:1-12; Yoh 20:1-10)
1Ekupheleni *koMhla wokuPhumla ooMariya waseMagadala noMariya unina kaYakobi, noSalomi, bathenga iziqholo, ukuze baye kuwuqhola umzimba kaYesu. 2Bona ke bathi, ukuthi chapha kwelanga, kusekusasa kakhulu ngeCawe, baya engcwabeni. 3Babethetha bodwa, besithi: “Ngubani na oya kusiqengqela ilitye lisuke engcwabeni?” 4Elo litye lalilikhulu kakhulu, baza bathi bakukhangela babona ukuba liqengqiwe lesuka engcwabeni. 5Bangena ke engcwabeni, babona indodana ehleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende emhlophe, baza bamangaliswa.
6Yathi ke yona kubo: “Musani ukumangaliseka. Nifuna uYesu umNazarete, owayebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile; akakho apha. Nantsi indawo abebembeke kuyo. 7Hambani niye kubaxelela abafundi bakhe noPetros ukuba uyanandulela ukuya kwelaseGalili. Nombona khona apho njengoko wayetshilo kuni.”
8Baphuma ke engcwabeni bebaleka, bengcangcazela besoyika. Abathetha nto ke nakubani, kuba babesoyika.
UYesu uzibonakalisa kuMariya waseMagadala
(Mat 28:9-10; Yoh 20:11-18)
[ 9Ekuseni ngeCawe, akuba uYesu evukile ekufeni, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala. Ke yena ngulo uYesu wayekhuphe iindimoni ezisixhenxe kuye. 10UMariya ke waya kubaxelela abalandeli bakaYesu, ababekhedamile belila. 11Bona ke, bakuva ukuba uYesu uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguMariya, basuka àbakholwa.]
UYesu uzibonakalisa kubafundi ababini
(Luka 24:13-35)
[ 12Emva koko wabonakaliswa ngolunye uhlobo kubafundi ababini ababehamba besiya emaphandleni. 13Kwanabo ke baya kubaxelela abanye abafundi, kodwa àbakholwa nangabo.]
UYesu uzibonakalisa kubafundi abalishumi elinanye
(Mat 28:16-20; Luka 24:36-49; Yoh 20:19-23; Mseb 1:6-8)
[ 14Emva koko uYesu wazibonakalisa kubafundi abalishumi elinanye besetafileni. Wabakhalimela ngenxa yokungakholwa kwabo nangenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zabo, kuba bengakholwa kubo abo babembonile evukile. 15Wathi ke kubo: “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezimnandi kulo lonke elimiweyo. 16Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa. 17Nantsi imiqondiso eya kulandelana nâbo bakholwayo: baya kuthi egameni lam bakhuphe iindimoni; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha; 18baya kuziphatha ngesandla iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayiyi kukha ibenzakalise; baya kuyibeka izandla imilwelwe, iphile.”]
UYesu unyuselwa ezulwini
(Luka 24:50-53; Mseb 1:9-11)
[ 19Emva kokuthetha nabo, iNkosi uYesu yanyuselwa ezulwini, yaya kuhlala ewongeni kwaThixo. 20Ke bona abafundi bâya kushumayela kuzo zonke iindawo, iNkosi isebenza kunye nabo, iwangqina amazwi abo ngemiqondiso.]

Currently Selected:

UMARKO 16: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy