YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 14

14
UYesu uyabhungwa
(Mat 26:1-5; Luka 22:1-2; Yoh 11:45-53)
1Ke kaloku kwakuziintsuku ezimbini phambi *kwePasika *netheko lezonka ezingenagwele. Ke ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho babefuna iqhinga lokumbamba uYesu, bambulale. 2Kodwa babesithi: “Oku makungenziwa ngePasika, hleze kubekho isiphithi-phithi.”
Ukuthanjiswa kukaYesu eBhetani
(Mat 26:6-13; Yoh 12:1-8)
3Kwathi uYesu eseBhetani, esetafileni endlwini kaSimon uZitshangubana, kwafika umntu obhinqileyo, eneqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha angangxengwanga axabiso likhulu esiqholo esiyinadusi. Waliqhekeza ke elo qhaga, wathambisa intloko kaYesu ngamafutha lawo. 4Kwakukho abathile abacaphukáyo, besithi omnye komnye: “Kutheni na ukuba kwenziwe le nkcitho yamafutha aqholiweyo? 5Ngethengiswe ngemali engaphezu kweerandi ezingamakhulu amathathu, kwaphiwa amahlwempu.” Baza ke bayikhalazela loo ntokazi.
6UYesu ke wathi: “Myekeni; nimkhathazelani? Úndenzele into entle. 7Kaloku amahlwempu lawo nihleli ninawo: nanini na nakuthanda ningawanceda. Mna ke anihleli ninam. 8Le ntokazi yenze loo nto ibinokuyenza. Umzimba wam iwuthambisele ukungewatywa kwangaphambili. 9Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.”
UJudas uceba ukungcatsha uYesu
(Mat 26:14-16; Luka 22:3-6)
10UJudas Sikariyoti, omnye wabafundi abalishumi elinambini, wesuka ke waya kubabingeleli abaziintloko ukuze amnikele kubo uYesu. 11Bathi bona bakuva bavuya, bamthembisa ngemali. Yena ke wahlala efuna ithuba lokuba amnikele.
UYesu nabafundi bakhe batya iPasika
(Mat 26:17-25; Luka 22:7-14,21-23; Yoh 13:21-30)
12Ke kaloku ngowokuqala umhla *wetheko lezonka ezingenagwele, xa kwakubingelelwa itakane *lePasika, abafundi bakaYesu bathi kuye: “Ufuna ukuba siye kuyilungiselela phi na iPasika?”
13Ke wathuma bababini kubafundi bakhe, wathi kubo: “Hambani niye esixekweni. Nodibana nomfo ophethe ingqayi yamanzi. Mlandeleni ke, 14niye kuloo ndlu angena kuyo, nithi kumnini-mzi: ‘Uthi uMfundisi: “Liphi na igumbi leendwendwe elilungiselelwe mna, apho ndingáyidlela khona iPasika nabafundi bam?” ’ 15Yena wonibonisa igumbi elikhulu, eliphezulu, linempahla yalo. Lungiselelani apho ke.”
16Bahamba abo bafundi, baya kungena esixekweni, bafika kunjengoko wayetshilo, bayilungiselela iPasika.
17Kwakuhlwa, wafika uYesu, enabafundi bakhe abalishumi elinambini. 18Bakuba behleli besitya, uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni apha, nina nityayo kunye nam, uya kundingcatsha.”
19Baza ke baba buhlungu, besithi kuye ngabanye ngabanye: “Ngaba iya kuba ndim na? Ngaba iya kuba ndim na?”
20Waphendula ke wathi kubo: “Iya kuba ngomnye kubafundi abalishumi elinambini, lowo usithi nkxu kunye nam isonka esityeni. 21Okunene *uNyana woLuntu uyemka, njengoko zitshoyo ngaye *iziBhalo; kodwa hayi loo mntu angcatshwa nguye uNyana woLuntu! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga.”
Ukusungulwa komthendeleko
(Mat 26:26-30; Luka 22:15-20; 1 Kor 11:23-25)
22Xa babesitya, uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.”
23Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, basela kuyo bonke. 24Wathi ke kubo: “Ligazi lam eli elitywina umnqophiso, eliphalazwa ngenxa yabaninzi. 25Ndithi kuni, inene, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yomdiliya, kude kube yiloo mini ndiyisela intsha kwikomkhulu likaThixo. ”
26Bakuba becule indumiso, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.
UYesu ulumkisa uPetros
(Mat 26:31-35; Luka 22:31-34; Yoh 13:36-38)
27UYesu wathi kubo: “Ndiya kuba sisikhubekiso kuni nonke, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha!’ 28Xa ke ndithe ndavuswa ekufeni, ndiya kunandulela ukuya kwelaseGalili.”
29Wathi ke uPetros kuye: “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna andingekhe!”
30UYesu wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, namhlanje, kwangobu busuku, ingekakhali kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.”
31Kodwa yena waqokela wathi: “Noba kungade kufuneke ndife kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!”
Batsho ke bonke.
UYesu uthandaza eGetsemane
(Mat 26:36-46; Luka 22:39-46)
32Ke kaloku bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane; waza uYesu wathi kubafundi bakhe: “Hlalani apha ngeli xa ndithandazayo.” 33Wahamba noPetros noYakobi noYohane, waza wangenwa luvalo, wadandatheka kakhulu, 34wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde.”
35Ehambele phambili umganyana ke, wawa emhlabeni, wathandazela ukuba loo ndebe ikrakra idlule kuye ukuba kunokwenzeka. 36Wayesithi ke: “Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.”
37Wafika ke, wabafumana abo bafundi belele, wathi kuPetros: “Simon, ulele? Ubungenakulinda na okweli thutyana? 38Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Umoya wona okunene unentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.”
39Wabuya wemka, waya kuthandaza kwangalawa mazwi. 40Wathi akubuya wabafumana belele, kuba babesoyiswa bubuthongo. Bona ke baxakwa kukumphendula.
41Wafika ke okwesithathu, wathi kubo: “Nisalele? Nisaphumla na? Kwanele! Lifikile ixesha! Ngoku *uNyana woLuntu unikelwa ezandleni zaboni. 42Vukani, sihambe! Nanko lowo undinikelayo.”
Ukubanjwa kukaYesu
(Mat 26:47-56; Luka 22:47-53; Yoh 18:3-12)
43Kwangoko, uYesu esathetha, wathi gqi uJudas ongomnye wabafundi abalishumi elinambini, ehamba nendimbane inamakrele neentonga, iphuma kubabingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho namadoda amakhulu. 44Ke kaloku umngcatshi lowo wayebanike umqondiso esithi: “Lowo ndithe ndamanga, nguye. Mbambeni, nimke naye angaphuncuki.”
45Efikile ke uJudas, uye kuYesu, wathi: “Mfundisi!” Wamanga. 46Bambamba ke uYesu, 47waza omnye wâbo babemi khona, warhola ikrele, wasixabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe. 48UYesu ke wathi kubo: “Niphumele ukuza kubamba mna, ninamakrele neentonga nje, ngokungathi niphumele isihange? 49Bendinani imihla ngemihla ndifundisa *endlwini kaThixo, naza anandibamba. Kodwa kunje ukuze zizaliseke *iziBhalo.”
50Emva koko ke babaleka bonke abafundi, bamshiya.
51UYesu wayelandelwa yindodana ethile, ithe wambu ingubo yelinen kuphela. Yona yabanjwa, 52kodwa yasuka yayishiya ingubo leyo, yabaleka izé.
UYesu ephambi kombingeleli omkhulu
(Mat 26:57-68; Luka 22:54-55,63-71; Yoh 18:13-14,19-24)
53UYesu ke bamsa kumbingeleli omkhulu, baza babuthelana khona bonke ababingeleli abaziintloko, namadoda amakhulu, nabachazi-mthetho. 54Ke yena uPetros walandela uYesu ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, wotha umlilo.
55Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina ngoYesu, ukuze bambulale, kodwa ababufumananga, 56kuba nangona babebaninzi ababethetha ubuxoki ngaye, ubungqina babo babungahlangani.
57Basuka ke abathile bangqina ubuxoki ngaye, besithi: 58“Thina samva esithi: ‘Mna ndiya kuyichitha le *ndlu kaThixo yakhiwe ngabantu, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engakhiwanga ngabantu.’ ” 59Kanti ke nobabo ubungqina babungadibani.
60Waphakama ke umbingeleli omkhulu, wabuza kuYesu esithi: “Phika, watyholwa! Ithini impendulo yakho?”
61Kodwa yena wahlala wathi tu, akaphendula. Waphinda umbingeleli omkhulu wambuza esithi: “Unguye na *uKrestu, uNyana walowo ungowokubongwa?”
62Wathi ke uYesu: “Ndinguye. Nangoku niya kumbona *uNyana woLuntu, ehleli ewongeni kwaSomandla, nimbone esiza ngamafu ezulu.”
63Wazikrazula iingubo zakhe umbingeleli omkhulu, esithi: “Sisawafunelani na amangqina? 64Nikuvile ukunyelisa kwakhe. Nithini na nina?”
Bamgweba ke bonke ukuba unetyala, besithi ufanele ukufa.
65Yaza ke inxenye yabo yamtshicela, yamgquma ubuso, yambetha, isithi kuye: “Xela; ubethwe ngubani?” Nezicaka ke zamntlitha-ntlitha.
UPetros ukhanyela uYesu
(Mat 26:69-75; Luka 22:56-62; Yoh 18:15-18,25-27)
66UPetros ke esezantsi eyadini yomzi, kweza kuye esinye kwizicakazana zombingeleli omkhulu. 67Sithi sona sakumbona uPetros esotha, samqwalasela, sathi: “Nawe ubunaye umNazarete uYesu.”
68Wakhanyela esithi: “Andazani konke nale nto uyithethayo!” Waphuma ke esiya ngasesangweni.
69Isicakazana eso siphinde sambona, saza sathi kwabo babemi khona: “Lo ngomnye wabo.” 70Waphinda ke wakhanyela uPetros.
Kwathi, kwakuba mzuzwana, abo babemi khona baphinda bathi kuPetros: “Inene, ungomnye wabo, kuba ungowaseGalili.”
71Waza ke uPetros waziqalekisa efunga esithi: “Andimazi lo mntu nithetha ngaye!”
72Yakhala okwesibini inkuku. Walikhumbula uPetros ilizwi awayelithethe kuye uYesu, esithi: “Ingekakhali kabini inkuku, woba undikhanyele kathathu.” Woyisakala ke, walila.

Currently Selected:

UMARKO 14: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy