YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 13

13
UYesu uthetha ngokudilizwa kwendlu kaThixo
(Mat 24:1-2; Luka 21:5-6)
1Xa ke uYesu wayephuma *endlwini kaThixo, omnye umfundi wakhe wathi kuye: “Mfundisi, uyawabona la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka?”
2Waphendula uYesu wathi kuye: “Uyazibona ezi zakhiwo zingaka? Akusayi kusala litye phezu kwelitye elingayi kudilizwa.”
Ukuqala kwentshutshiso
(Mat 24:3-14; Luka 21:7-19)
3UYesu wayehleli eNtabeni yemiNquma, ejongene *nendlu kaThixo, baza bambuza bebodwa ooPetros noYakobi noYohane noAndreya, besithi: 4“Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yintoni na umqondiso wokuzalisekiswa kwazo.”
5Waza wabaphendula uYesu wathi: “Lumkani ningalahlekiswa bani, 6kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye *uKrestu, balahlekise into eninzi yabantu. 7Xa nithe neva ngeemfazwe nangamarhe eemfazwe, ze ningoyiki, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho, kanti ke akukabi kuko ukuphela oko. 8Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo, kubekho neendlala. Kunjengokuqala kwenimba ke oko.
9“Zilumkeleni ke okwenu. Baya kuninikela ezinkundleni, nikatswe *ezindlwini zesikhungo, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ningqine kubo. 10Kuqala ke iindaba ezimnandi ezi zimelwe kukuvakaliswa kuzo zonke iintlanga. 11Xa banibambayo banise ezinkundleni, musani ukuyixhalela into eniya kuyithetha, kodwa thethani oko nithe nakunikwa ngelo xesha, kuba asinini abathethayo, nguMoya oyiNgcwele. 12Ke kaloku oonyana bomntu omnye baya kunikelana ekufeni, aze uyise anikele umntwana wakhe, baze nabantwana bavukele abazali, bababulale. 13Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Ke lowo unyamezelayo kude kube sekupheleni wosindiswa.”
Imbandezelo enkulu
(Mat 24:15-28; Luka 21:20-24)
14“Ke kaloku, xa nithe nalibona ‘isikizi elimanyumnyezi, mhla ngophanziso,’ lilapho lingamelwe kukuba khona (ofundayo makaqiqe), mabathi ngelo xesha abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni. 15Ophezu kwendlu ke makangehli ukuya kuthatha nto endlwini yakhe. 16Nalowo usentsimini makangabi sayiphuthuma ingubo yakhe. 17Hayi ke kwabanzima nabadlezana ngaloo mihla! 18Thandazelani ukuba oku kungenzeki ebusika, 19kuba ngaloo mihla kuya kubakho imbandezelo engazange ibekho ukususela ekudalweni kwendalo nguThixo, kude kube ngoku, kwaye ingasayi kuphinda ibekho enjalo. 20Ke ukuba iNkosi ibingayinciphisanga loo mihla, bekungayi kubakho bani usindayo; kodwa iNkosi ithe, ngenxa yabanyulwa abachongwe yiyo, yayinciphisa imihla leyo.
21“Ngelo xesha ke, ukuba ubani uthe kuni: ‘Nanku apha *uKrestu;’ nokuba uthe: ‘Nankuya phaya;’ musani ukukholwa kuloo nto; 22kuba kuya kuvela abathi banguKrestu bengenguye, kuvele *nabashumayeli abangengabo, benze imiqondiso nemimangaliso kangangokuba bade balahlekise nabanyulwa bakaThixo, ukuba oko bekunokwenzeka. 23Lumkani ke nina! Kaloku ndinixelele ezi zinto zingekenzeki.”
Ukuza koNyana woLuntu
(Mat 24:29-31; Luka 21:25-28)
24“Ngaloo mihla, emva kwayo loo mbandezelo, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingakhanyi, 25zithi neenkwenkwezi zivuthuluke ezulwini, nako konke okunamandla esibhakabhakeni kudunga-dungeke. 26Baya kumbona ke ngelo xesha *uNyana woLuntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli. 27Ngelo xesha uya kuthuma izithunywa zezulu zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, bevela kumacala omane omhlaba, kususela esiphelweni sehlabathi kuse esiphelweni sezulu.”
Umzekeliso ngomkhiwane
(Mat 24:32-35; Luka 21:29-33)
28“Fundani kuwo umkhiwane ongumzekelo kuni. Xa sewuthe wathamba amasebe, wahluma amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi. 29Ngokukwanjalo ke, xa nithe nazibona ezo zinto zisenzeka, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. 30Ndithi kuni, inene, esi sizukulwana asiyi kudlula, zingadanga zenzeke zonke ezi zinto. 31Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”
Phaphani nilinde
(Mat 24:36-44)
32“Ke akukho bani uwaziyo loo mhla nelo xesha. Nezithunywa ezisezulwini azazi, engazi naye uNyana lo. Kuphela nguYise owaziyo. 33Lumkani ke ningozeli, kuba anazi ukuba lofika nini na ixesha elo. 34Kufana nomntu ohambeleyo eshiya indlu yakhe, aze azinike igunya izicaka zakhe, enika umsebenzi isicaka ngasinye, amyalele umgcinisango ukuba alinde. 35Lindani ke, kuba ningâzi ukuba wofika nini na umninindlu. Kaloku angafika nanini na: nokuba kungolwemivundla, nokuba kusezinzulwini zobusuku, nokuba kungeenkuku zokuqala, nokuba kuxa kumpondo zankomo. 36Lindani ke, hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele. 37Ke oko ndikuthethayo kuni, ndikutsho kubo bonke: Lindani!”

Currently Selected:

UMARKO 13: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy