YouVersion Logo
Search Icon

UMARKO 12

12
Umzekeliso ngesidiliya nabaqeshi baso
(Mat 21:33-46; Luka 20:9-19)
1Waza ke uYesu wathetha nabo ngemizekeliso, esithi: “Umntu othile watyala isidiliya, wasibiyela, wemba isixovulelo seediliya, wakha imboniselo, wasiqeshisa kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe. 2Ngexesha lokuvuthwa kweziqhamo ke, wathuma isicaka kwabo balimi, ukuze bamnike eziqhameni zesidiliya eso. 3Basuka bona basihlasela, basibetha, basindulula singaphathanga nto. 4Wabuya ke wathuma esinye isicaka kubo. Sona basigqebha iinduma, basihlazisa. 5Wabuya wathuma esinye, baza basibulala eso sicaka. Wathuma nezinye ke zazininzi, baza inxenye bayibetha, inxenye bayibulala. 6Wathi ngoko, kusele mntu mnye angámthumayo, unyana oyintanda, wamthuma kubo ekugqibeleni, esithi: ‘Baya kumhlonela yena unyana wam.’ 7Ke bona abo balimi bathi omnye komnye: ‘Yindlalifa le. Masiyibulale, ilifa libe lelethu.’ 8Bambamba ke unyana lowo, bambulala, bamphosa ngaphandle kwesidiliya.
9“Uya kwenza ntoni na ke ngoko umnini-sidiliya? Wofika abatshabalalise abo balimi, asinikele bantu bambi eso sidiliya. 10Niyifundile kaloku *eziBhalweni indawo ethi:
“ ‘Ilitye abalidelayo abakhi
lilo elaba lelona libalulekileyo lesiseko.
11Oku kwênzeka kuvela eNkosini;
kungummangaliso emehlweni ethu.’ ”
12Ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho namadoda amakhulu babefuna ukumbamba ke uYesu, kuba kwakuqondakele ukuba uzekelisa ngabo. Kodwa babesoyika isihlwele, baza bamyeka bemka.
Umbuzo ngerhafu
(Mat 22:15-22; Luka 20:20-26)
13Kwathunyelwa ke kuYesu abathile *babaFarasi nabathile beqela *lamaHerode, ukuze bambambise ngamazwi. 14Befikile ke bona, bathi kuye: “Mfundisi, siyazi ukuba uthembekile, ungenamkhethe, kuba akucengi bani, kodwa uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo. Khawutsho ke, ngaba kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare, okanye akuvumelekanga; masiyirhole irhafu, singayirholi, kusini na?”
15Ke yena, ekwazi ukuhanahanisa kwabo, wathi kubo: “Nindilingelani na? Ndiziseleni imali ndiyibone.”
16Bayizisa ke, waza wathi kubo: “Ngokabani na lo mfanekiso neli gama?”
Bathi kuye: “NgokaKhesare.”
17Waphendula ke uYesu, wathi kubo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”
Bamangaliseka yimpendulo yakhe.
Umbuzo ngovuko lwabafileyo
(Mat 22:23-33; Luka 20:27-40)
18Kweza *nabaSadusi kuYesu (bona bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza besithi: 19“Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi lowo.’ 20Ke kaloku kwakukho oonyana bomntu abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingenabantwana. 21Wathi ke owesibini wamngena, kodwa naye wasweleka engenabantwana. Benjenjalo ke 22bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi. 23Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.”
24Wabaphendula uYesu wathi: “Nilahlekiswa kukuba ningaziqondi *iziBhalo, ningawazi namandla kaThixo. 25Kaloku xa abafileyo bathe babuya bavuka, àbazeki, àbendiswa; banjengezithunywa ezisezulwini. 26Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, anifundanga na encwadini kaMosis, kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo, okokuba uThixo wathetha naye esithi: ‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’ ? 27AkaThixo wabafileyo; unguThixo wabaphilayo. Ke nina nilahleke kakhulu.”
Owona myalelo mkhulu
(Mat 22:34-40; Luka 10:25-28)
28Kwafika omnye wabachazi-mthetho, wabeva bebambene ngemibuzo, waqonda ukuba uYesu ubaphendule kakuhle. Wambuza ke esithi: “Owona myalelo mkhulu kunayo yonke nguwuphi?”
29UYesu wamphendula esithi: “Owona myalelo mkhulu ngulo uthi: ‘Yiva, Sirayeli, iNkosi uThixo wethu yiNkosi ényé. 30Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.’ 31Owesibini ke ngulo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Akukho myalelo wumbi ubalulekileyo kunalé mibini.”
32Umchazi-mthetho ke wathi kuye: “Ngxatsho ke, Mfundisi, unyanisile ukuthi mnye uThixo, kungekho wumbi ngaphandle kwakhe; 33nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo. ”
34UYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye: “Akukude wena ekulawulweni nguThixo.” Emva koko akwaba sabakho mntu unobuganga bakumbuza nto.
UKrestu unyana kaDavide
(Mat 22:41-46; Luka 20:41-44)
35Efundisa *endlwini kaThixo uYesu, wabuza esithi: “Batsho ngani na abachazi-mthetho ukuthi: ‘UKrestu ngunyana kaDavide’? 36Kaloku uDavide ngokwakhe, ekhokelwa nguMoya oyiNgcwele, wathi:
“ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam:
Hlala ngakum kweli wonga
lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’
37“Ukuba uDavide ngokwakhe uthi uKrestu yiNkosi, angathini na ke ukuba ngunyana wakhe?”
Yamphulaphula ngomdla loo ndimbane yabantu.
UYesu ulumkisa ngabachazi-mthetho
(Mat 23:1-36; Luka 20:45-47)
38Ekusifundiseni kwakhe uYesu isihlwele wayesithi: “Balumkeleni abachazi-mthetho, abathanda ukuhamba ngezambatho ezide, bethanda ukuba kukhahlelwe kubo kwiindawo zembutho, 39befuna izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, neendawo zamawonga ezidlweni. 40Abo bayiphangayo imizi nemfuyo yabahlolokazi, baze bazenzise besitsho ngemilembelele yemithandazo, ngabo abaya kufumana esona sohlwayo sikhulu.”
Umnikelo womhlolokazi
(Luka 21:1-4)
41UYesu waya kuhlala phantsi *endlwini kaThixo malunga nesikhongozeli-mali, wasibukela isihlwele sifaka imali kwisikhongozeli apho. Izityebi ezininzi zazinikela kakhulu. 42Ke kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, wafaka iimalana zambini, ezixabiso limalunga nesenti. 43UYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, lo mhlolokazi ulihlwempu unikele ngaphezu kwabo bonke abafake imali kwisikhongozeli. 44Kuba bonke abanye banikele bekhupha kwintabalala yabo, kanti yena eswele nje, uzibhokoxile, wanikela konke abenako.”

Currently Selected:

UMARKO 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy