YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 23

23
UYesu phambi koPilato
(Mat 27:1-2,11-14; Marko 15:1-5; Yoh 18:28-38)
1Loo mpi yonke yamsa kuPilato uYesu; 2yammangalela isithi: “Lo simfumene elahlekisa uhlanga, engavumi ukuba sirhafe *kuKhesare, esithi yena unguye *uKrestu uKumkani.”
3UPilato ke wambuza esithi: “Unguye na uKumkani wamaJuda?”
Waphendula yena wathi: “Nawe utsho.”
4UPilato wathi kubabingeleli abaziintloko nakwisihlwele: “Andifumani tyala kulo mntu.”
5Kwaba kukhona bazingisayo besithi: “Údungadunga abantu, efundisa kulo lonke elakwaJuda, ukususela kwelaseGalili, kude kube lapha.”
UYesu phambi koHerode
6Akuva kukhankanywa elaseGalili, uPilato wabuza ukuba uYesu ngowalapho na; 7waza wathi, akuqonda ukuba ungowommandla ophethwe nguHerode, wamthumela kuHerode, owayeseJerusalem naye ngelo xesha. 8UHerode akumbona uYesu, wavuya kunene; kwakukade efuna ukumbona, kuba wayeve kuthethwa lukhulu ngaye. Wayenqwenela nokubona umqondiso usenziwa nguYesu. 9UHerode ke wabuza imibuzo emininzi, kodwa uYesu wathi tu. 10Baphakama ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho, bamtyhola ngolunya uYesu. 11UHerode nempi yakhe bamenza into engento uYesu, behlekisa ngaye, bemthe wambu ngengubo eqaqambileyo, waza uHerode wambuyisela kuPilato. 12Ngaloo mini baba zizihlobo uPilato noHerode, kuba babefudula bejongene ngezikhondo zamehlo.
UYesu ugwetyelwa ukufa
(Mat 27:15-26; Marko 15:6-15; Yoh 18:39 – 19:16)
13Ke kaloku uPilato wababizela ndawonye ababingeleli abaziintloko nabaphathi bamaJuda, nabantu, 14wathi kubo: “Nizise lo mntu kum nisithi udungadunga abantu. Ke ndimncinile phambi kwenu, ndaza andafumana tyala kuye kwezo zinto nimmangalela ngazo. 15NoHerode akafumananga tyala kuye, kuba naku embuyisela kum. Niyabona, akukho nto ayenzileyo ingabangela ukuba afe. 16Ndothi ke ngoko ndimbethe, ndimkhulule.”
[ 17Ke kaloku ngetheko *lePasika wayedla ngokubakhululela umbanjwa abe mnye.] 18Bankqangaza ke bonke besithi: “Mbulale lo, usikhululele uBharabha!” 19UBharabha lo wayephoswe entolongweni ngenxa yesiphithi-phithi esithile esabakho esixekweni apho, kwanangokubulala.
20Waphinda ngoko uPilato wathetha nabo, efuna ukumkhulula uYesu. 21Kodwa bona bankqangaza besithi: “Mbethelele! Mbethelele emnqamlezweni!”
22UPilato wathi kubo okwesithathu: “Ngoba enze bubi buni na? Andifumani tyala lingabangela ukuba afe. Ndothi ngoko ndimbethe, ndimkhulule.” 23Bamxina ke uPilato, bekhwaza ngamandla, becela ukuba uYesu abethelelwe emnqamlezweni. Kwema ngabo ke. 24Wasuka uPilato wagweba ngelithi masenziwe isicelo sabo. 25Wabakhululela lowo babemcela, owayethe ngenxa yesiphithi-phithi nokubulala waphoswa entolongweni. Ke yena uYesu wanikelwa ukuba kwenziwe kuye ngokwesicelo sabo.
UYesu ubethelelwa emnqamlezweni
(Mat 27:32-44; Marko 15:21-32; Yoh 19:17-27)
26Kwemkiwa ke noYesu, aza amajoni athi xhakamfu Simon uthile waseKirene, owayevela emaphandleni, awubeka phezu kwakhe umnqamlezo, ukuba awuthwale emva koYesu.
27Wayelandelwa yinto eninzi yabantu, kukho nabafazi ababesenza isijwili, bemlilela. 28Ejikile ke uYesu, wabakhangela, wathi: “Zintombi zaseJerusalem, sanukundililela mna; koko zilileleni nina nabantwana benu; 29kuba, niyabona, iyeza imihla ekuya kuthiwa ngayo: ‘Banoyolo abangazalanga, abangancancisanga mntwana.’ 30Ngelo xesha baya kuthi ezintabeni: ‘Siweleni, nisifihle!’ ezindulini bathi: ‘Sigqumeleleni!’ 31Xa utsha kangaka umthi oluhlaza, kobeka phi ke kowomileyo?”
32Amadoda amabini, awayezizihange, ayeqhutywa esiya kubulawa kunye noYesu. 33Bakufika kuloo ndawo kuthiwa luKhakhayi, bambethelela emnqamlezweni khona apho uYesu, bezibethelela kwanezihange ezo, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo. 34UYesu wathi: “Bawo, baxolele, kuba abayazi into abayenzayo.”
Baza benza *amaqashiso, besabelana ngeengubo zakhe. 35Abantu babebonela, abaphathi bamaJuda bemgculela, besithi: “Wabasindisa abanye; makazisindise ke naye, ukuba unguye *uKrestu, umnyulwa kaThixo.” 36Ayemphoxa ke namajoni, esiza asondeze iwayini emuncu kuye, 37esithi: “Ukuba wena unguye uKumkani wamaJuda, zisindise.”
38Kwakubhalwe nombhalo wetyala lakhe phezulu emnqamlezweni, kwathiwa: “Lo nguKumkani wamaJuda.”
39Esinye isihange kwezo zazixhonywe kunye noYesu, sasimnyelisa, sisithi: “Akunguye na uKrestu? Zisindise ke, nathi usisindise.”
40Sasikhalimela esinye, sisithi: “Akumoyiki na wena uThixo, ukwawiselwe esi sigwebo nje? 41Esi sigwebo okunene sisifanele thina, kuba sivuzwa ngezenzo zethu; kodwa yena lo akenzanga nto imbi.” 42Saza sathi kuYesu: “Uzundikhumbule, Yesu, xa uthe weza kulawula.”
43UYesu wathi kuso: “Ndithi kuwe, inene, kwanamhlanje uya kuba nam emyezweni wakwaThixo.”
Ukufa kukaYesu
(Mat 27:45-56; Marko 15:33-41; Yoh 19:28-30)
44Ke kaloku kwakumalunga nentsimbi yeshumi elinambini emini, laza lasuka latshona emini ilanga, kwaba mnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini. 45Ikhuselo legumbi eliyingcwele *yendlu kaThixo lakrazuka kubini. 46Wadanduluka ke uYesu ngezwi elikhulu, wathi: “Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam!” Akuba etshilo, waphuma umphefumlo.
47Ke umphathi-butho wamajoni, akukubona okuhlileyo, wamncoma uThixo, esithi: “Inene, lo mntu ebelilungisa.”
48Sakuba isihlwele esasihlangene kuloo mbono sikubonile okwenzekileyo, sagoduka sibambelele ezidleleni. 49Ke bonke abazana noYesu, kwanabafazi ababemlandela bevela kwelaseGalili, babemele kude, bezikhangele ezi zinto.
Ukungcwatywa kukaYesu
(Mat 27:57-61; Marko 15:42-47; Yoh 19:38-42)
50Ke kwakukho indoda egama linguJosefu, eyayililungu leBhunga, iyindoda elungileyo elilungisa. 51Yona yayingavumelananga necebo labo kwanesenzo sabo. Le ndoda yaseArimati, idolophu yamaJuda, yayilulindele ulawulo lukaThixo. 52Yona ke yaya kuPilato, yawucela umzimba kaYesu; 53yaza yawuthula, yawusongela ngengubo yelinen, yawubeka engcwabeni elixholwe eliweni, ebekungekangcwatywa bani kulo. 54KwakungoLwesihlanu, *uMhla wokuPhumla sewusondela.
55Abo bafazi bàbelandela uYesu, bephuma eGalili, bâlandela uJosefu, balibona ingcwaba nomzimba kaYesu ubekwa kulo; 56baza babuya, balungisa iziqholo nezithambiso.
Baphumla ke ngoMhla wokuPhumla ngokomthetho.

Currently Selected:

ULUKA 23: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy