YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 22

22
UYesu uyabhungwa
(Mat 26:1-5; Marko 14:1-2; Yoh 11:45-53)
1Ke kaloku lalisondele itheko lezonka ezingenagwele, ekuthiwa *yiPasika. 2Ke ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho babefuna indlela efihlakeleyo yokumbulala uYesu, kuba babesoyika abantu.
UJudas uceba ukungcatsha uYesu
(Mat 26:14-16; Marko 14:10-11)
3Wangena ke uSathana kuJudas ekuthiwa nguSikariyoti, owayengomnye wabafundi abalishumi elinambini. 4Wesuka waya kubhunga nababingeleli abaziintloko nabagcini *bendlu kaThixo, wacebisana nabo ngeyona nto anokuyenza ukuze babe nokumbamba uYesu. 5Bavuya ke bona, bagqiba kwelokuba bamnike imali, 6waza wavuma, waba soloko ezungula ukufumana ithuba lokumbambisa kungekho sihlwele.
UYesu ulungiselela ukutya iPasika
(Mat 26:17-25; Marko 14:12-21; Yoh 13:21-30)
7Wafika ke loo mhla wesidlo sezonka ezingenagwele ekwakumele ukuxhelwa ngawo ixhwane *lePasika. 8UYesu ke wathuma uPetros noYohane, esithi: “Hambani niye kusilungiselela iPasika.”
9Baza bathi kuye: “Ufuna ukuba siyilungiselele phi na?”
10Wathi kubo: “Khangelani, nakungena esixekweni, nodibana nomfo ophethe ingqayi yamanzi. Ze nimlandele, niye kuloo ndlu angena kuyo; 11nize nithi kumnini-mzi: ‘Úthi uMfundisi: Liphi na igumbi leendwendwe apho ndingayidlela khona iPasika nabafundi bam?’ 12Yena wonibonisa igumbi elikhulu eliphezulu, elinempahla yalo. Lungisani apho ke.”
13Bemka, bafika kunjengoko ebetshilo kubo, baza bayilungiselela iPasika.
Umthendeleko weNkosi
(Mat 26:26-30; Marko 14:22-26; 1 Kor 11:23-25)
14Lakufika ixesha, uYesu uye kuhlala etafileni enabathunywa bakhe; 15waza wathi kubo: “Bendilangazelela kakhulu ukuyitya kunye nani le Pasika, ndingekabuva ubunzima. 16Inene, andiyi kuba sayidla konke, de ibe izalisekile kulawulo olutsha lukaThixo.”
17UYesu ke wathatha indebe, wabulela, waza wathi: “Yithatheni, nabelane ngayo. 18Inene, andisayi kusela kwincindi yomdiliya lude luthwase ulawulo olutsha lukaThixo.” 19Wathatha isonka ke, wabulela, wasiqhekeza, wabanika esithi: “Ngumzimba wam lo [onikelwa ngenxa yenu. Oku kwenzeleni ukundikhumbula.” 20Bakugqiba ukutya wayithatha kwangokunjalo nendebe, wathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa kukuphalala kwegazi lam.]
21“Kodwa, niyabona, lowo undingcatshayo ukunye nam apha etafileni. 22Okunene yena uNyana woLuntu uyemka njengoko amiselweyo nguThixo; kodwa hayi ilishwa laloo mntu uNyana woLuntu angcatshwa nguye!”
23Baza ke bona babuzana bodwa ukuba ngaba ngubani na kubo oza kuyenza le nto.
Oyena mkhulu
24Ke kaloku kwabakho ukubangisana phakathi kwabafundi ngokuba nguwuphi na kubo ekunokuthiwa ngoyena mkhulu. 25UYesu wathi kubo: “Ookumkani beentlanga balawula ngegqudu, kanti ke kwabona kuthiwa ngoothandabantu. 26Ke nina ze ningabi njalo; omkhulu kuni makabe njengomncinci, nokhokelayo afane nokhonzayo. 27Nguwuphi na kakade omkhulu: ngulowo uhleli etafileni, nokuba ngulowo uzisa ukutya etafileni? Asingulowo uhleli etafileni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengesicaka.
28“Nina nahlala nihleli nam ekulingweni kwam. 29Kwanjengokuba uBawo endinike igunya lokulawula, nam ndininika elo gunya, 30ukuze nitye, nisele, etafileni yam kwikomkhulu lam, nihlale ezikhundleni zokulawula, nigweba izindlu ezilishumi elinambini zakwaSirayeli.”
UYesu ulumkisa uPetros
(Mat 26:31-35; Marko 14:27-31; Yoh 13:36-38)
31UYesu wathi: “Uyabona, wena Simon, uSathana ebenibanga efuna ukunihlungula okwengqolowa, 32kodwa mna ndikuthandazele ukuba ukholo lwakho lungapheli. Nawe ke, xa uthe waguquka, uze uwomeleze amakholwa.”
33UPetros ke wathi kuye: “Nkosi, ndixolèlè nokuya kunye nawe entolongweni nokuba kusekufeni.”
34UYesu wathi: “Inene, Petros, kothi namhlanje ingekakhali inkuku, ube wena sewukhanyele kathathu ukuba uyandazi.”
Isipaji nengxowa yomphako nekrele
35Ke uYesu wathi kubo: “Ngôkúyâ ndandinithume ningenasipaji, nangxowa yamphako, nazihlangu, nakha naswela nto na?”
Bathi ke bona: “Nento le.”
36Waza wathi kubo: “Ke ngoku lowo unesipaji makasithathe, enjenjalo nonengxowa yomphako, aze nalowo ungenakrele athengise ingubo yakhe alithenge. 37Inene, kuya kwenzeka kum oko kubhaliweyo *eziBhalweni kwathiwa: ‘Wabalelwa kwizaphula-mthetho,’ kuba oko kubhaliweyo ngam akunakungenzeki.”
38Ke bona bathi: “Nkosi, nanga amakrele amabini.”
Waza wathi kubo: “Kwanele.”
UYesu uyathandaza
(Mat 26:36-46; Marko 14:32-42)
39UYesu waphuma waza ngokwesiqhelo sakhe waya eNtabeni yemiNquma. Bamlandela ke abafundi bakhe. 40Akufika apho, uYesu wathi kubo: “Thandazani ukuze ningangeni ekulingweni.”
41Wasuka kubo, wathi qelele, waguqa ngamadolo, wathandaza 42esithi: “Bawo, ukuba uyavuma, yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe okwenzekayo.” [ 43Ke kwabonakala isithunywa kuye, sivela ezulwini, simomeleza. 44Edandathekile kakhulu uYesu, kwaba kukhona athandaza ngenyameko, kwada ukubila kwakhe kwangathi ngamathontsi egazi esiwa emhlabeni.]
45UYesu ke waphakama ekuthandazeni, waya kubafundi bakhe, wafika belele, bedakumbile; 46waza wathi kubo: “Yini na ukuba nilale? Vukani, nithandaze, ukuze ningangeni ekulingweni.”
Ukubanjwa kukaYesu
(Mat 26:47-56; Marko 14:43-50; Yoh 18:3-11)
47UYesu esathandaza, kwathi gqi indimbane, ikhokelwa nguJudas, ongomnye wabafundi abalishumi elinambini. Yena wasondela kuYesu ukuba amange. 48Waza uYesu wathi kuye: “Judas, umngcatsha ngokumanga na *uNyana woLuntu?”
49Abo babemngqongile uYesu, bakukubona okuza kwenzeka, bathi kuye: “Nkosi, sibaxabele na ngekrele?” 50Omnye kubo waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe yokunene.
51Waza ke uYesu wathi: “Yekani; kwanele!” Wayichukumisa indlebe yesicaka eso, yaphila.
52Ke uYesu wathi kumadoda amakhulu nababingeleli abaziintloko, nabagcini *bendlu kaThixo, ababeze kumbamba: “Nindiphathele amakrele neentonga, ngathi nize esihangeni? 53Bendinani imihla ngemihla endlwini kaThixo, anandibamba. Eli lithuba lenu, kuba kulawula igunya lobumnyama ngoku.”
UPetros ukhanyela uYesu
(Mat 26:57-58,69-75; Marko 14:53-54,66-72; Yoh 18:12-18,25-27)
54Bembambile uYesu, bamqhuba bamsa endlwini yombingeleli omkhulu. UPetros wayelandela ekude. 55Kwakubaswe umlilo eyadini, kusothiwa, noPetros ke waya kotha kunye nabo. 56Isicakazana esithile simbonile uPetros ehleli ngasemlilweni, samqwalasela, sathi: “Naló ebekunye naye!”
57Wakhanyela ke yena esithi: “Ntokazindini, andimazi loo mntu!”
58Kwakuba mzuzwana, wabonwa ngomnye owathi: “Nawe ungowabo.”
Waza wathi uPetros: “He mfondini, andinguye!”
59Malunga neyure emva koko omnye watsho eqinisekile wathi: “Inene, nalo ikwanguwabo, kuba ukwangowaseGalili.”
60Wathi uPetros: “Mfondini, andazani tu nale nto uyithethayo!”
Kwathi kwangoko, esathetha, yakhala inkuku. 61Yajika iNkosi, yakhangela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi elithi: “Namhlanje ingekakhali inkuku, wondikhanyela kathathu.” 62Waphuma phandle uPetros, watsho esikrakra.
UYesu wenziwa intlekisa
(Mat 26:67-68; Marko 14:65)
63Amadoda awayembambile uYesu, ayemenza intlekisa, emntlitha, 64emgquma amehlo ambuze esithi: “Xela okubethileyo!” 65Babethetha nezinye izinto ezininzi bemnyelisa.
UYesu phambi kweBhunga
(Mat 26:59-66; Marko 14:55-64; Yoh 18:19-24)
66Kwakusa yahlanganisana intlanganiso yamadoda amakhulu, nababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, uYesu bamsa entlanganisweni *yeBhunga labo, 67bathi: “Ukuba wena unguye *uKrestu sixelele.”
Wathi yena kubo: “Ukuba ndithe ndanixelela aniyi kukholwa. 68Nokuba ke ndithe ndanibuza aniyi kundiphendula. 69Ukususela ngoku *uNyana woLuntu uya kuhlala ewongeni kwaThixo uSomandla.”
70Bathi bona: “Ùnguye na uNyana kaThixo?”
Wathi kubo: “Kutsho nina ngokwenu.”
71Bathi ke bona: “Sisabufunelani na obunye ubungqina? Kaloku sizivele ngokwethu amazwi akhe.”

Currently Selected:

ULUKA 22: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy