YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 21

21
Umnikelo womhlolokazi
(Marko 12:41-44)
1Ewaphakamisile amehlo akhe, uYesu ubone izityebi zigalela iminikelo yazo kwisikhongozeli-mali. 2Ke wabona mhlolokazi uthile ulihlwempu efaka iimalana ezimbini; 3waza wathi: “Ndithi kuni, inene, lo mhlolokazi ulihlwempu unikele ngaphezu kwabo bonke, 4kuba bonke aba banikele kuThixo bethatha ebutyebini babo, kanti yena, eswele nje, unikele ngako konke abenokuphila ngako.”
UYesu uthetha ngokudilizwa kwendlu kaThixo
(Mat 24:1-2; Marko 13:1-2)
5Ke kaloku, xa abathile babethetha *ngendlu kaThixo, bencoma ukuhonjiswa kwayo ngamatye amahle nangezinto ezinexabiso, uYesu wathi: 6“Niyazibona zonke ezi zinto? Kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye lingàdilizwa.”
Ukuqala kwentshutshiso
(Mat 24:3-14; Marko 13:3-13)
7Bambuza ke uYesu besithi: “Mfundisi, ziya kubakho nini na ezi zinto? Uya kuba yintoni na umqondiso wokuzalisekiswa kwazo?”
8Wathi ke yena: “Lumkani ningalahlekiswa, kuba baninzi abaya kuza egameni lam; besithi banguye uKrestu, besithi ixesha lisondele. Ke nina ze ningabalandeli. 9Xa nithe neva ngeemfazwe neziphithi-phithi, ze ningoyiki, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho kuqala. Sona ke isiphelo asiyi kubakho kwangoko.”
10Waqhuba wathi kubo: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani. 11Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu, kwiindawo ngeendawo kubekho indlala nendyikityha yokufa. Kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini.
12“Ngaphambi kokuba zonke ezi zinto zenzeke, baya kunibamba, banitshutshise beninikela *ezindlwini zesikhungo nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam. 13Oko ke kuya kuba lithuba lenu lokungqina. 14Zimiseleni ukungayicingi kwangaphambili indlela eniya kuziphendulela ngayo, 15kuba mna ndiya kuninika amazwi obulumko abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo bonke abachasene nani. 16Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabantakwenu, nazizizalwane, nazizihlobo, kubekho nababulawayo kuni. 17Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. 18Ke akuyi kutshabalala nonwele olu lwentloko yenu. 19Nothi ke ngokunyamezela kwenu nibuzuze ubomi benu.”
Imbandezelo enkulu
(Mat 24:15-21; Marko 13:14-19)
20“Xa nithe nayibona iJerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini ukuba kusondele ukutshabalala kwayo. 21Ngelo xesha mabathi abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni, bathi abo bangaphakathi kwayo iJerusalem baphume bemke. Ke abo basemaphandleni mabangangeni eJerusalem. 22Yoba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhalwe *eziBhalweni. 23Hayi ke abanzima nabanyisayo ngaloo mihla! Kuya kubakho imbandezelo enkulu elizweni, ingqumbo kaThixo ibe phezu kwaba bantu. 24Baya kubulawa ngekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga. IJerusalem iya kutshatyalaliswa ziintlanga de liphele ixesha lazo.”
Ukuza kwakhe uNyana woLuntu
(Mat 24:29-31; Marko 13:24-27)
25“Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; emhlabeni kubekho iintlanga ezicinezelekileyo, zididekile kukugquma kolwandle namaza. 26Abantu boba besifa luloyiko, bexhalabele izinto ezilifikelayo ihlabathi, kuba konke okunamandla esibhakabhakeni kodunga-dungeka. 27Baya kumbona ke *uNyana woLuntu esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu. 28Ke kaloku zakuqala ukubakho ezi zinto, yimani nkqo, niphakamise iintloko zenu, kuba isondele inkululeko yenu.”
Umzekeliso ngomkhiwane
(Mat 24:32-35; Marko 13:28-31)
29Wabenzela umzekeliso uYesu, esithi: “Khangelani umkhiwane nayo yonke imithi. 30Xa seyivelisa amagqabi, nithi nakukubona oko, nazi ukuba ihlobo lithwasile. 31Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisenzeka, yazini ukuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.
32“Ndithi kuni, inene, asiyi kudlula esi sizukulwana zingadanga zenzeke zonke ezi zinto. 33Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”
Phaphamani!
34“Zilumkeleni ke, hleze iintliziyo zenu zenziwe buthuntu buburhovu, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo; 35kuba iya kubafikela ngokomgibe bonke abahleliyo phezu kwehlabathi lonke. 36Ke ngoko phaphamani maxa onke, nikhunga, ukuze nibe namandla okuziphepha zonke ezi zinto ziza kwenzeka, nize nibe nokuma phambi *koNyana woLuntu.”
37Ke kaloku emini uYesu ebefundisa *endlwini kaThixo, athi ngokuhlwa aye kulala eNtabeni yemiNquma. 38Kwakusasa bonke abantu babesiza kumphulaphula endlwini kaThixo.

Currently Selected:

ULUKA 21: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy