YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 20

20
Igunya likaYesu
(Mat 21:23-27; Marko 11:27-33)
1Kwathi ngenye imini, uYesu efundisa abantu *endlwini kaThixo, eshumayela iindaba ezimnandi, kwafika kuye ababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, namadoda amakhulu. 2Bona bathetha naye besithi: “Khawutsho: ezi zinto uzenza ngagunya lini? Ingubani kakade okunike elo gunya?”
3Waphendula ke wathi kubo: “Nam ndiza kunibuza umbuzo ube mnye; ze nindiphendule ke. 4Ngaba ubhaptizo lukaYohane lwaluvela ezulwini, okanye lwaluvela ebantwini?”
5Baxoxa bodwa besithi: “Ukuba sithe: ‘Lwaluvela ezulwini,’ wothi: ‘Kwakutheni ke phofu ukuze ningakholwa?’ 6Ukuba sithe: ‘Lwavela ebantwini,’ bonke abantu bosixuluba ngamatye, kuba babemvuma uYohane ukuba *ungumshumayeli.” 7Baphendula ke ngokuthi àbazi ukuba lwaluvela phi na.
8Waza wathi kubo: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.”
Umzekeliso ngesidiliya nabaqeshi baso
(Mat 21:33-46; Marko 12:1-12)
9Ke uYesu wabenzela umzekeliso abantu, wathi: “Umntu othile watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe ixesha elide. 10Ngexesha lokuvuthwa kweziqhamo wathuma isicaka kwabo balimi, ukuze bamnike eziqhameni zesidiliya eso. Basuka bona abalimi basibetha eso sicaka, semka singaphathanga nto. 11Wabuya wathuma esinye isicaka kubo. Basibetha ke naso, badlala ngaso, naso semka singaphathanga nto. 12Wabuya wathuma nesesithathu. Bathi naso basingxwelerha, basigxotha. 13Wathi umnini-sidiliya: ‘Ndiya kuyithini na le nto? Mandithume unyana wam endimthandayo. Mhlawumbi bomhlonela yena.’ 14Kodwa bakumbona abalimi, bathi omnye komnye: ‘Yindlalifa le. Masiyibulale, ilifa libe lelethu.’ 15Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya ke unyana lowo, bambulala.
“Uya kuthini ke ngoko umnini-sidiliya? 16Wofika ababulale abo balimi, asinikele kubambi eso sidiliya.”
Bakukuva oko, bathi: “Makungabi njalo!”
17Waza wabakhangela wathi: “Ithetha ntoni ke phofu le ndawo *eziBhalweni ithi:
“ ‘Ilitye abâlideláyo abakhi
lilo elaba lelona libalulekileyo lesiseko’?
18“Bonke abathe bawa phezu kweli litye botyumka; ke bona elithe labawela bocoleka.”
Umbuzo ngerhafu
(Mat 22:15-22; Marko 12:13-17)
19Baza ke abachazi-mthetho nababingeleli abaziintloko bafuna ukumbamba kwangelo lixa, kodwa babesoyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingise kubo lo mzekeliso. 20Bamcupha ke, bathumela iintlola ezizenza amalungisa, ukuze bambambise ngamazwi, ze ke bamnikele kwirhuluneli, yona iphetheyo inawo onke amagunya. 21Iintlola ezi zambuza uYesu zisithi: “Mfundisi, siyazi ukuba wena uthetha ufundise okuyinyaniso, kuba akunamkhethe, koko uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo. 22Ngaba ke kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare?”
23Eliqondile iyelenqe lazo, wathi kuzo: 24“Ndiboniseni imali. Ke, ngokabani na lo mfanekiso neli gama?”
Zaphendula zathi: “NgokaKhesare.”
25Wathi yena kuzo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”
26Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zaza zathi cwaka, zimangalisiwe yimpendulo yakhe.
Umbuzo ngovuko lwabafileyo
(Mat 22:23-33; Marko 12:18-27)
27Kweza abathile *bakubaSadusi kuYesu (bona abo bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza ke 28besithi: “Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi.’ 29Ke kaloku kwakukho oonyana bomntu omnye abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingekabi nabantwana. 30Wathi ke owesibini wamngena, naye wasweleka engekabi nabantwana. 31Wenjenjalo nowesithathu. Bada baba naye bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana. 32Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi. 33Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.”
34Waphendula uYesu, wathi kubo: “Abantu beli phakade bayazeka, besendiswa; 35kodwa bona abo bafanelwe kukuvuka ekufeni, baphile kwiphakade elizayo, àbazeki, àbendiswa. 36Bona abasenakufa, kuba bafana nezithunywa zezulu. Bona bangoonyana bakaThixo, kuba kaloku bavukile kwabafileyo. 37Ke yona into yokuba abafileyo bayavuka, noMosis uyayikhankanya kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo encwadini yakhe, apho abiza iNkosi ngokuthi inguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. 38AkaThixo wabafileyo ke; unguThixo wabaphilayo, kuba kuye bonke bayaphila.”
39Baphendula ke abathile bakubachazi-mthetho, bathi: “Ngxatsho ke, Mfundisi; uthethe kakuhle!” 40Babengasenabuganga ke bakumbuza nento le.
UKrestu unyana kaDavide
(Mat 22:41-46; Marko 12:35-37)
41Ke uYesu wathi kubo: “Batsho ngani ke ukuthi: ‘*UKrestu ngunyana kaDavide’? 42Kanti noDavide ngokwakhe kwiNcwadi yeeNdumiso uthi:
“ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam:
Hlala ngakum kweli wonga,
43lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’
44“Ukuba uDavide ngokwakhe uthi uKrestu yiNkosi, angathini ke ukuba ngunyana wakhe?”
UYesu ulumkisa ngabachazi-mthetho
(Mat 23:1-36; Marko 12:38-40)
45Ke kaloku, besiva bonke abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe: 46“Balumkeleni abachazi-mthetho, abathanda ukuhamba ngezambatho ezide, bethanda ukuba kukhahlelwe kubo emabaleni embutho, befuna izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, neendawo zamawonga ezidlweni. 47Abo bayiphangayo imizi yabahlolokazi, baze bazenzise batsho ngemilembelele yemithandazo, ngabo abaya kufumana esona sohlwayo sikhulu.”

Currently Selected:

ULUKA 20: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy