YouVersion Logo
Search Icon

EYONQULO 9

9
UAron wenza amadini
1Ngomhla wesibhozo emva komsitho womiselo lwababingeleli uMosis wabiza uAron kunye noonyana bakhe, kwakunye namadoda amakhulu akwaSirayeli, 2wathi kuAron: “Thatha inkunzana yenkomo kunye nenkunzi yegusha ezingenasiphako, wenzele ngazo *uNdikhoyo idini, inkunzi yenkomo ibe lidini lokucamagushela isono, ize eyegusha yona ibe lidini elitshiswayo. 3Yitsho amaSirayeli eze nenkunzi yebhokhwe ibe lidini lokucamagusha, nethole elinonyaka, netakane elinonyaka, zingabi nasiphako, zona zibe ngamadini atshiswayo, 4kwakunye nenkomo nenkunzi yegusha, zona zibe ngamadini obudlelane. Kufuneka kwenziwe amadini ngazo, kwakunye nokutya okuxutywe namafutha. Kufuneka niyenze le nto, kuba kaloku uNdikhoyo uza kunivelela namhlanje.”
5Zeziswa zonke ezo zinto wayethe maziziswe uMosis ngaphambili *kwesibingelelo, laza lonke ibandla lakwaSirayeli lee thande apho phambi koNdikhoyo. 6Wabhekisa ebantwini uMosis, wathi: “NguNdikhoyo lo uthe makwenziwe le nquleqhu yonke, khon' ukuze kutyhileke kuni ukubengezela kwesihomo sakhe.” 7Wandula ke uMosis ukuthi kuAron: “Yiz' aph' eqongeni lamadini, wenze idini lokucamagushela isono, kunye nedini elitshiswayo, ngenxa yezono zakho kunye nezabantu. Le nto yenze ngokomyalelo kaNdikhoyo.”
8UAron waya eqongeni, wafika walixhela ithole lenkomo elalilidini lokucamagushela izono zakhe. 9Oonyana bakhe bazisa igazi kuye, waza uAron wathi nkxu kulo umnwe, waza watyikila ngalo iimpondo ezikwiikona zone zeqonga. Eliseleyo waliphalaza emazantsi eqonga. 10Amanqatha nezintso nomhlehlo wedini lesono wazitshisa apho eqongeni ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis. 11Kodwa yona inyama nofele wazitshisela ngaphandle kwelali.
12UAron ubuye waxhela into yokuzenzela idini elitshiswayo. Beze negazi layo kuye oonyana bakhe, waza wafefa ngalo kumacala onke eqonga. 13Bamnika intloko kunye nezinye iinyama, waza wazitshisa apho eqongeni. 14Emva koko uthathe izibilini nemilenze, wazihlamba, waza wazitshisa apho eqongeni ngaphezu kwelaa dini litshiswayo.
15Akugqiba unikele idini labantu. Uxhele laa bhokhwe yokucamagushela izono zesizwe, wayinikela njengoko enzile ngokuya ebenikela idini lezakhe izono. 16Ubuye walisondeza ngokusesikweni kwanalo idini elitshiswayo. 17Usondeze nomnikelo wokutya, wathatha kangangesandla kuwo, wawutshisa apho eqongeni. Yonke le nquleqhu yongeza kumadini atshiswa kusasa. 18Waxhela inkomo nenkunzi yegusha, wenzela ngazo abantu amadini obudlelane. Oonyana bakhe bamzisela igazi, watshiza ngalo kumacala onke eqonga. 19Uthathe amanqatha aloo nkomo naloo gusha uAron, – umsila, namanqatha, namanqatha ezintso, nomhlehlo – 20wawabeka phezu kweencum zazo, waza yonke loo nto wayisa eqongeni. Amanqatha uwatshisele apho eqongeni, 21waza iincum zona kunye nemilenze yasekunene waziwanga-wangisa phambi koNdikhoyo ngokomnikelo, kanye njengoko ebetshilo uMosis.
22Uthe uAron akugqiba ukwenza onke loo madini, waphakamisela izandla zakhe ngasebantwini ebasikelela, waza wasuka eqongeni.
23Ubuye waya kungena esibingelelweni kunye noMosis, baza bathi bakuba bebuye baphuma, basikelela abantu. Suka kwatyhileka kubantu bonke ukubengezela kwesihomo sikaNdikhoyo. 24Suka kwaphuma umlilo kuNdikhoyo, watshisa elo dini naloo manqatha ebephezu kweqonga. Bathi bakuyibona loo nto abantu, baduma bonke, bee qubudu bawa ngobuso.

Currently Selected:

EYONQULO 9: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy